1. Apha ngasentla kuqhotyoshelwe lo mgaqo-nkqubo nekufuneka ukuba uqaliswe ukusebenza ngoko nangoko.

2. Lo mgaqo-nkqubo ubandakanya imiba enjengale:

  1. Ngubani ofumana isibonelelo sefoni;
  2. Umgaqo wokufumana isibonelelo sefoni;
  3. Umhla osikiweyo wokuphela kwemvumelwano;
  4. Igosa elimkayo kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED); kunye
  5. Nelahleko okanye umonakalo.
3. UMgaqo-nkqubo weeSelula weSebe leMfundo leNtshona Koloni, ka-2015 (Cellular Phone Policy of the Western Cape), uthatha indawo yayo yonke imigaqo-nkqubo yeWCED engalo mba yaye ezi setyhula zilandelayo ke zifumana ukutshitshiswa ngokupheleleyo ngoko nangoko:

  1. ISetyhula 0046/2001;
  2. ISetyhula 0090/2001;
  3. ISetyhula 0073/2002; kunye
  4. NeSetyhula 0044/2005.
4. Kucelwa abalawuli kwaNdlunkulu nakwii-ofisi zezithili bazise lo mgaqo-nkqubo uqhotyoshelweyo onke amagosa khon’ ukuze bawunike ingqwalaselo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:09:21

UMgaqo-nkqubo omalunga neSelula weSebe leMfundo leNtshona Koloni, 2015  (ubukhulu: 88 KB)