1. Kuqhotyoshelwe apha le Ncwadana yeMigaqo i-Standard Operating Procedures Manual yezikim zothutho lwabafundi (LTSs) nemayisetyenziswe ukususela ngoku kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinezikim zothutho lwabafundi ezixhaswa ngemali liSebe leMfundo leNtshona Koloni. Olu xwebhu malufundwe kunye noMgaqo-nkqubo weZikim zoThutho lwaBafundi (Learner Transport Scheme (LTS Policy)) kunye noMgaqo-nkqubo woKwamkelwa kwaBafundi eZikolweni oHlaziyiweyo (Revised WCED Admission Policy).
2. Le setyhula ithatha indawo yeSetyhula 0046/2012, yomhla we-3 Disemba 2012.
3. Ziyacelwa iinqununu nabalawuli bezithili ukuba benze afumaneke la maxwebhu kubo bonke abantu abanomdla nabachaphazelekayo, ngakumbi amalungu amabhunga olawulo, ootitshala bezikolo namagosa akwii-ofisi zezithili ajongene nokulawula ezi zikim zothutho lwabafundi (LTS).
4. Iya kuthakazelelwa kakhulu into yokuba ootitshala besikolo esichaphazelekayo banokuqeqeshwa ukulungiselela ukuqinisekisa ulawulo lweLTS olusemgangathweni.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:09:02

Incwadana yemigaqo i-Standard Operating Procedures (SOP) yezikim zothutho lwabafundi (learner transport schemes (LTSs))  (ubukhulu: 158 KB)
"Application: Learner Transport Schemes"  (ubukhulu: 77 KB)
"Application for the devolvement of an existing learner transport scheme"  (ubukhulu: 65 KB)
"Learner Transport Schemes: Vehicle inspection checklist"  (ubukhulu: 61 KB)
"Learner Transport Schemes: Vehicle inspection report"  (ubukhulu: 64 KB)
"Learner Transport Schemes: Replacement of vehicle(s)"  (ubukhulu: 51 KB)
"Register of learners who make use of bus transport"  (ubukhulu: 15 KB)
"Claim for the transport of learners based on the completed WCED 062"  (ubukhulu: 21 KB)