1. ISebe leMfundo esiSiseko lipapashe ukuba ukubhalwa kwee-Annual National Assessments (ANA) zango-2015, kumiselwe elinye ixesha.

2. Ziyacelwa zonke izikolo ukuba ziqinisekise ukuba akukho zi-ANA zibhalwayo kule veki nakweliphi na ibakala.

  1. Zonke izikolo zifanele ukuyithatha le veki njengeveki eqhelekileyo yaye kufanele kuqhubeke ukufundisa nokufunda okuqhelekileyo.

  2. Mazingavulwa iipasela ze-ANA (ANA packages) yaye nayiphi na enye imbalelwano emalunga namaphepha emibuzo ee-ANA, iya kulandela ngexesha elifanelekileyo.
3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni libulela onke amagosa ngendima yawo ayidlalileyo kumalungiselelo ee-ANA.

4. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:09:14