1. Inkqubo yokusingatha izicelo zokufikelela kwingcaciso ngokoMthetho oKhuthaza uFikelelo kwiNgcaciso, 2000 (uMthetho 2 ka-2000) (Promotion of Access to Information Act (PAIA), 2000 (Act 2 of 2000)) kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) yacaciswa kwiNgcaciso eMfutshane 0003/2014, yomhla we-06 Juni 2014.

2. Nakuba kunjalo, ngenxa yeenguqu kwistraktsha seSebe iWCED, kuye kwayimfuneko ukuba kwaziswe namagosa ngenkqubo ehlaziyiweyo yokubonelela ngofikelelo kwingcaciso ngokwe-PAIA, neqala ukusebenza ukususela ngoku.

3. UMlawuli-Jikelele kuRhulumente wePhondo leNtshona Koloni, njengeGosa leNgcaciso nangokweSiqendu 1 se-PAIA, udlulisele onke amagunya nemisebenzi abelwe yona ngokweSiqendu 17(3) se-PAIA, kwiNtloko yeCandelo, kuMlawuli woQuquzelelo lweMigaqo-nkqubo, koweCandelo lezoNxibelelwano nowoLawulo loLwazi neNgcaciso kwakunye nakubalawuli kwii-ofisi zezithili zemfundo eziyi-8 kunye nakubo nabaphi na abantu ababambeleyo kwezi zikhundla njengamaSekela amaGosa eNgcaciso (Deputy Information Officers (DIOs)) eSebe iWCED.

4. Le nkqubo ihlaziyiweyo ilandelayo yokubonelela ngofikelelo kwingcaciso iqala ukusebenza ukususela ngoku:
4.1 Zonke iimpendulo zezicelo zokugqibela zokufikelela kwingcaciso ngokwe-PAIA, ziya kukhutshwa ke ngoko yi-Ofisi yeNtloko yezeMfundo (HOD) ngokuqala kugqithwe kwi-DIO kwi-ofisi ye-HOD (Mnu Paddy Attwell) ekudluliselwe kuye amagunya okufumana, okuququzelela nokulungelelanisa iimpendulo ngokulandelelanayo.
4.2 Oku kuthetha ukuba amagosa akhankanywe kumhlathi 2 apha ngentla asaya kuthi ke ngoko afumane izicelo zokufikelela kwingcaciso (IFom A) kwizikhundla zawo njenge-DIOs zeSebe iWCED aze aqulunqe iimpendulo eziyidrafti, kodwa awasayi kuzikhupha iimpendulo zokugqibela zezicelo zokufikelela kwingcaciso eziya kubaceli.
4.3 Xa i-DIO ifumana isicelo esisemthethweni sokufikelela kwingcaciso (Fom A) ngokwe-PAIA, i-ofisi yayo iya kuthi kwangoko iqulunqe impendulo eyidrafti ngokusekelwe kwingcaciso efumanekayo ize iyigqithisele kwiNtloko yeSebe leMfundo impendulo eyidrafti kunye nesicelo sokufikelela kwingcaciso ukuze iqwalaselwe yi-DIO kwi-ofisi ye-HOD (Mnu Paddy Attwell).
4.4 Ngenxa yoku, ziyacetyiswa ii-DIOs ukuba xa zifumana izicelo esisemthethweni zokufikelela kwingcaciso, mazenze oku kulandelayo ngokukhawuleza:
4.4.1 mazivume ngencwadi ebhaliweyo ukuba zisifumene isicelo esisemthethweni sokufikelela kwingcaciso (Fom A) yaye zazisa umceli ukuba lo mba ugqithiselwe kwi-DIO kwi-ofisi ye-HOD (Mnu Paddy Attwell);
4.4.2 maziqulunqe impendulo eyidrafti kwisicelo eso sokufikelela kulwazi ngokusekelwe kwingcaciso efumanekayo abanayo; yaye
4.4.3 mazisirekhode isicelo phambi kokugqithisela impendulo eyidrafti kwi-Ofisi yeNtloko yezeMfundo ukuze iqwalaselwe yi-DIO kwi-ofisi ye-HOD (Mnu Paddy Attwell) ukuqinisekisa ukuthotyelwa okungqongqo kwexesha elimisiweyo (iintsuku eziyi-30).
4.5 I-DIO kwi-ofisi ye-HOD (Mnu Paddy Attwell) iya kuququzelela ize ilungelelanise impendulo yokugqibela yesicelo sokufikelela kwingcaciso ize igcine irekhodi nerejista yazo zonke izicelo zokufikelela kwingcaciso ezifunyenweyo ukulungiselela iinjongo zokunika ingxelo.
4.6 Xa i-DIO efumana isicelo sentsusa ingaqinisekanga ngempendulo, mayisirekhode ize ngokukhawuleza isigqithisele isicelo sokufumana ingcaciso kwi-DIO kwi-ofisi ye-HOD (Mnu Paddy Attwell) ukuthintela ulibaziseko olunokwenzeka.
4.7 Ukuba isicelo esisemthethweni sokufikelela kwingcaciso sifunyanwa e-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI) okanye kulo naliphi na icandelo le-Ofisi eyiNtloko yeSebe iWCED elikhokelwa nguMlawuli ongabelwanga le misebenzi yeSekela leGosa leNgcaciso (Deputy Information Officer (DIO)) ngokwe-PAIA, i-CTLI okanye icandelo elichaphazelekayo licetyiswa ukuba ngokukhawuleza:
4.7.1 likhuphe incwadi ebhaliweyo ekuvumayo ukufumana isicelo eya kumceli; yaye
4.7.2 lingenise isicelo kunye nempendulo eyidrafti ngokuqala kugqithwe kwi-ofisi yoMlawuli ochaphazelekayo kwi-DIO kwi-ofisi ye-HOD (Mnu Paddy Attwell) (iikopi eziskeniweyo nazo zinokuthunyelwa nge-imeyili kuMnu Paddy Attwell apha: Paddy.Attwell@westerncape.gov.za).
4.8 I-DIO e-ofisini ye-HOD ke ngoko, iya kujongana nalo mba ngokomhlathi 4.5 apha ngentla.

5. Inkqubo ecaciswe kule setyhula iqalisa ukusebenza ukususela ngoku.

6. Ziyacelwa zonke iziphatha mandla zikarhulumente eziqhelekileyo namagosa eSebe iWCED ukuba babenako ukusebenzisana ngokupheleleyo ekuqinisekiseni ukuba ezi zicelo zokufikelela kwingcaciso ziqwalaselwa ngexesha.

7. Kucelwa ukuba iNgcaciso eMfutshane yoLawulo loLwazi neNgcaciso 0003/2014 yomhla we-06 Juni 2014 ithathwe njengefakelwe izilungiso ngokufanelekileyo.

8. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:09:04

"Promotion of Access to Information Act, 2000"  (ubukhulu: 178 KB)
"Form A: Request for access to record of public body"  (ubukhulu: 24 KB)