1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (DBE) lipapashe iSetyhula S13 ka-2015 engokuqaliswa ngokumana kusongezwa ngokwamabakala uncwadi lweFET ukususela ngo-2016 ukuya ku-2018.

2. Emva kothetha-thethwano obeluyimfuneko, iSebe iDBE ligqibe ekubeni kunokuqaliswa ngeBakala 11 ngo-2016, ibe liBakala 12 ngo-2017 kunye neBakala 10 ngo-2018.

3. ISebe i-DBE alimiselanga luncwadi lwesethiwekhi lutsha lweBakala 12 kulo naluphi na ulwimi lwaseburhulumenteni kumanqanaba oLwimi lweeNkobe, olokuQala noLwesibini oloNgezelelweyo kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngoNovemba/Disemba 2016 nangoFebruwari/Matshi 2017. Inkqubo iya kuhlala ingatshintshanga ngeli thuba. Kucelwa izikolo ukuba zifunde iincwadi ezimiselweyo (prescribed texts) zazo njengoko kuchaziweyo apha:

  • DBE Circular S8 of 2007 - Official Second Additional Languages;
  • DBE Circular S4 of 2008 - Official Home and First Additional Languages;
  • DBE Circular S2 of 2009 - African Languages (First Additional Languages); kunye
  • ne-DBE Circular S15 of 2014 - African Home Languages (Folklore).
4. Njengoko kuchaziweyo kwiSetyhula S13 ka-2013 yeSebe iDBE, imeko ayitshintshanga malunga nemibongo yeBakala 12 emiselweyo kuzo zonke iiLwimi zeeNkobe zaseburhulumenteni, kwiiLwimi zokuQala ezoNgezelelweyo kwakunye namabalana amafutshane eeLwimi zokuQala ezoNgezelelweyo nezeSibini ezoNgezelelweyo zaseburhulumenteni kwizikolo kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke kude kube nguNovemba/Disemba 2016 noFebruwari/Matshi 2017.

5. ISebe iWCED liya kuncedisa ekuthengweni kweencwadi zoncwadi ezimiselwe ukufundwa zeBakala 12 ukulungiselela ukuqaliswa ukufundwa kwazo ngo-2017. Izikolo ziya kunikwa ithuba loku-odola ezi ncwadi ngo-Apreli 2016.

6. ISebe iWCED alinako ukuncedisa ekuthengweni kweencwadi zoncwadi ezimiselwe ukufundwa zeBakala 11 ukulungiselela ukusetyenziswa kwazo kunyaka ozayo. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zisebenzise iimali zeMimiselo neMigangatho ukuthenga iincwadi ukuba kunokwenzeka, kungenjalo iincwadi ezikhoyo kufanele zisetyenziswe kwiBakala 11 kunyaka ozayo. Kucelwa kufundwe ikhathalogu kazwelonke eqhotyoshelweyo (isiHlomelo A) ukuba isikolo sakho sinenjongo yokuthenga iincwadi zoncwadi ezimiselwe ukufundwa ezintsha zeBakala 11 ukulungiselela u-2016.

7. Izikolo mazilandele mbo le ezi mfuno zimiselweyo zilandelayo ze-CAPS xa zi-odola iincwadi zoncwadi:

kuLwimi lweeNkobe: yiNoveli enye, iNgqokelela yeMibongo enye neyeDrama enye. KwiiLwimi zase-Afrika, inoveli inokutshintshwa ngoNcwadi lweMveli.

kuLwimi lokuQala oloNgezelelweyo: naziphi na iindidi zoncwadi ezimbini (two genres): iNoveli, iMibongo, iDrama namBalana amafutshane.

kuLwimi lweSibini oloNgezelelweyo: naluphi na udidi loncwadi olunye (one genre) kwezi ndidi: iNoveli, iMibongo, iDrama namaBalana amafutshane.


8. Izikolo (eziphantsi kweSiqendu 21 nezo zingekho phantsi kweSiqendu 21) ezinemali eyaneleyo yeMimiselo neMigangatho nezinqwenela uku-odola iincwadi zoncwadi ze-FET kwikhathalogu kazwelonke mazizalise le themplethi iqhotyoshelweyo yoku-odola malunga nenani leencwadi zoncwadi zeFET ezifunekayo. Makuxelwe inani leencwadi eziya kufuneka ngokodidi ngalunye loncwadi olukhethiweyo.

Ithemplethi ineefomula esele zenziwe kuyo (built-in formulas) nezilungele ukubala itotali yeendleko eziqikelelweyo, kubandakanywa neendleko zokusiwa kwazo.

Ithemplethi yoku-odola ezaliswe ngokupheleleyo mayithunyelwe nge-imeyili kule dilesi ye-imeyili ilandelayo: AlexandraMaria.Henriques@westerncape.gov.za ungadlulanga owe-9 Septemba 2015.


9. Kucelwa wazise okubhalwe kule setyhula zonke izikolo kunye nabo bonke ootitshala ababandakanyekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:09:03

"Order template - Grades 11 Literature Catalogue 2015-16"  (ubukhulu: 363 KB)
"DBE - Grades 10 - 12 FET Literature Catalogue 2015"  (ubukhulu: 426 KB)