1. Ziyabulelwa izikolo ngokugqiba iingxelo zekota zendlela eziqhuba ngayo ngekota (term performance reports) kwikota yokuqala nakweyesibini.

2. Le fankshini (function) ichazwa njengencedisa izikolo namagosa baqaphele ukuba ngabaphi na abafundi nezifundo ezifuna inkxaso eyongezelelweyo.

3. Kongezwe uphawu (feature) olongezelelweyo kwimodyuli yeNdlela esiqhuba ngayo iSikolo ngeKota (Term Performance module) kwi-CEMIS nesibonelela ngesalathi esingundoqo sokuba ingaba abafundi sele bezifezekisile na iimfuno ezimiselweyo zokugqithela kwelinye ibakala okanye akunjalo.

4. Le fankshini iya kufumaneka ezikolweni ukwenzela ukuba zigqibe engadlulanga uLwesihlanu, we-16 Oktobha 2015 ngokwemihla ecwangcisiweyo yeNdlela eziQhuba ngayo iZikolo ngeKota eyakhutshwa apha ngezantsi kwiSetyhula 0013/2015:

IKOTA YESIKOLO UMHLA OMISIWEYO WOKUFAKWA KWENDLELA ESIQHUBA NGAYO ISIKOLO NGEKOTA
3 ULwesihlanu we-16 Oktobha 2015
4 ULwesihlanu we-11 Disemba 2015 (AmaBakala 1-11 kuphela)

5. Isethingi i-default setting yomfundi ngamnye isetelwe ukubonisa ukuba umfundi uzifezekisile iimfuno ezimiselweyo zokudlulela kwelinye ibakala nezokupasa.

6. Umlawuli ke ngoko kufuneka atshintshe kuphela imo (status) yabafundi:
6.1 Abangakhange bazifezekise iimfuno ezimiselweyo zokupasa; okanye
6.2 Ababhalisiweyo kodwa abangakhange bavavanywe.

7. Kufakwe isalathi ngokunjalo ukuncedisa izikolo namagosa alandelelele abafundi ababedluliselwe kwibakala elilandelayo ngenxa yenani leminyaka abayichithe kweso sigaba.

8. Ukufikelela kwiskrini i-capture screen kwiCEMIS yiya kwi-:

  • "Assessments" tab;
  • Khetha u-"Term Performance" kwi-drop down menu;
  • Khetha u-"Per learner Term performance";
  • Khetha u-"Capture Grade";
  • Tshintsha imo (status) yabafundi njengoko ichaziwe kumhlathi 6 apha ngentla; yaye
  • Wakugqiba, klikha kwiqhosha u-update button yaye ziya kuseyivwa (saved) iziphumo.
9. Ziyacelwa iinqununu zezikolo zenze okuqulethwe yile Setyhula kufumaneke kubo bonke ootitshala.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:08:04

"CEMIS contact list"  (ubukhulu: 61 KB)