1. Le setyhula ihlaziyiwe ngako oko iyitshitshisa ngokupheleleyo iSetyhula 0103/2000.
2. ISiqendu 32 kwiSahluko 4, soMthetho we-National Road Traffic Act, 1996 (Act 93 of 1996), owaqala ukusebenza ngo-Agasti 2000, sicacisa ukuba abaqhubi bazo naziphi na iindidi zezithuthi ezidweliswe apha ngezantsi mababe banayo i-PrDP
3. Iingxoxo kunye ne-Western Cape Traffic Authority ziyicacisile into yokuba luluvo lweGosa lezeNdlela eliyiNtloko lePhondo (Provincial Chief Traffic Officer) ukuba nabani na oqhuba nasiphi na isithuthi esikolu luhlu lungezantsi (nokuba ngaba sesakhe loo mntu okanye akunjalo, nokuba sikhwelise okanye asikhwelisanga bakhweli) kwindlela kawonke-wonke, makabe ne-PrDP.

Udidi lwesithuthi I-Gross vehicle mass (GVM) Udidi lwePrDP Iminyaka eyeyona isezantsi yomqhubi
Isithuthi esilayisha imithwalo Ngaphezu ko-3500 kg G Iminyaka eyi-18
Ibhasi Ingathathelwanga ngqalelo i-GVM P Iminyaka eyi-21
Iminibhasi Ngaphezu ko-3500 kg P Iminyaka eyi-21
Iminibhasi eyenzelwe okanye etshintshelwe ukukhwelisa abakhweli abayi-12 okanye abangaphezulu kuqukwa nomqhubi Ingathathelwanga ngqalelo i-GVM P Iminyaka eyi-21
Nasiphi na isithuthi esiyimoto esisetyenziselwa ukukhwelisa abakhweli ababhatalayo Ingathathelwanga ngqalelo i-GVM P Iminyaka eyi-21
4. Unokufaka isicelo se-PrDP kulo naliphi na iziko lokuvavanyelwa ilayisensi yokuqhuba (driving licence testing centre). Izicelo mazibandakanye la maxwebhu ayimfuneko alandelayo neentlawulo ezichaphazelekayo:

  • Uxwebhu olusisazisi esamkelekileyo;
  • Iifoto ze-ID ezimbini (2) zomenzi-sicelo;
  • Ilayisensi yomqhubi eyintsusa;
  • I-Medical Certificate (i-MC form);
  • Ifom yokwenza isicelo i-PrDP-application form (i-PD1 form); kunye
  • neNgxelo yokucoca konke yamapolisa i-Police clearance report.

Ezi fom zikhankanywe apha ngentla ziyafumaneka kumaziko okuvavanya.

5. Imiqathango yomthetho ibophelela bonke abemi yaye ke ngoko nabo bonke abaqeshwa beSebe leMfundo leNtshona Koloni balawulwa yile miqathango. ISiqendu 32 kwiSahluko 4 ke ngoko sikwasebenza nakubaqhubi bezithuthi ze-GG kwezi ndidi zingentla. Iintloko zalo maziko asebenzisa naluphi na udidi lwesithuthi maziqinisekise ukuba bonke abaqhubi banayo i-PrDP efunekayo. Iindleko zoku zezebhajethi yeziko elo.
6. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, unokuqhagamshelana nalo naliphi na igosa kula alandelayo kwaNdlunkulu:

Mnu CK Barron Inombolo yefoni 021 467 2789
Mnu JG Heath Inombolo yefoni 021 467 2797
Mnu MB Noboza Inombolo yefoni 021 467 2791
Nks E Santo Inombolo yefoni 021 467 2339
7. Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:08:18