1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lifumene iSetyhula E21 ka-2015 evela kwiSebe leMfundo esiSiseko (DBE) efakela izilungiso kwithayimthebhile yeemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) ka-2015, ityeli lesibini.

2. Ngokwethayimthebhile yeNSC, esele ithunyelwe ezikolweni ngeSetyhula 0029/2015 yomhla we-21 Meyi 2015, izifundo i-Electrical Technology ne-Tourism zicwangciselwe ukubhalwa ngo-14:00 ngoLwesibini, we-24 Novemba 2015.

3. Nakuba kunjalo, emva kokuba iSebe iDBE likugqibile ukucwangcisa idatha yobhaliso, kufunyaniswe ukuba abanye abaviwa babhalisele zombini i-Electrical Technology ne-Tourism. Oku kuthetha ukuba kukho ukungqubana kwamaxesha kwithayimthebhile.

4. Ngoko ke, ukwenzela ukulungiselela aba baviwa, kwenziwe ezi zilungiso zilandelayo:

  1. I-Electrical Technology itshintshiwe yaye iya kubhalwa ngentsimbi yesibini ngoLwesine, we-12 Novemba 2015, ibhalwe kunye ne-Nautical Science ne-Dance Studies.

  2. I-Tourism ayitshintshwanga yaye isacwangciselwe ukubhalwa ngo-14:00 ngoLwesibini nge-24 Novemba 2015.
5. Apha kuqhotyoshelwe ithayimthebhile yoviwo lweNSC yokugqibela yango-2015 efakelwe izilungiso.

6. Zifanele ukuqinisekis iinqununu ukuba bayaziswa bonke ootitshala nabaviwa ngezi zilungiso.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:08:18

"2nd Amended Final Examination Timetable: Oct - Nov 2015 National Senior Certificate Examination"  (ubukhulu: 52 KB)