1. Le setyhula iye yahlaziywa kwaye iphelisa iSetyhula 0120/1999 ngokupheleleyo.

2. ISiqendu 36 soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika (South African Schools Act), ka-1996 (uMthetho 84 ka-1996) uchaza ukuba: "ibhunga lolawulo lesikolo sikarhulumente malithathe amanyathelo afanelekileyo elinako ukuwafikelela ekuncediseni ingeniso yesikolo esuka kuRhulumente ukwenzela ukuphucula umgangatho wemfundo efundiswa kubo bonke abafundi esikolweni." ("A governing body of a public school must take all reasonable measures within its means to supplement the resources supplied by the State in order to improve the quality of education provided by the school to all learners at the school.")

3. Kwezinye iimeko izikolo zisebenzisa iirafuli ukwenzela ukunyusa ingxowa-mali yokuncedisa ingeniso yesikolo.

4. Iinqununu zazo zonke izikolo zikarhulumente ziyakhunjuzwa ukuba irafuli njengenkqubo yokunyusa ingxowa-mali inokuthathwa njengesemthethweni phantsi kwemiqathango ethile.

5. Ngokwenkcazelo yelothari, njengoko ibhaliweyo kuMthetho weeLothari, ka-1997 (uMthetho 57 ka-1997), ilothari ibandakanya nawuphi na umdlalo, iskim, amalungiselelo, isistim, isicwangciso, ukhuphiswano lokwazisa isiveliso esithile okanye nasiphi na into esetyenziswayo ukusasaza amabhaso ngokwenza iqashiso okanye ngethemba lokuphumelela (by lot or chance) kunye nawo nawuphi na umdlalo, iskim, amalungiselelo, isistim, isicwangciso, ukhuphiswano okanye into esetyenziswayo uMphathiswa ochaphazelekayo anako, esebenzisa isaziso kwiGazethi kaRhulumente, ukuyibhengeza njengelothari. Irafuli, njengenkqubo yokunyusa ingxowa-mali inako ngaloo ndlela ukuthathwa njengelothari.

6. Nakuba kunjalo, iSiqendu 36 soMthetho weeLothari, ka-1997 (uMthetho 57 ka-1997), unika isibonelelo selothari sokuba mayiqhubeke ngokusemthethweni ngaphandle kongenelelo lweBhodi yeeLothari kaZwelonke (National Lotteries Board) ukuba iqhubeka njengehamba nolonwabo oluxolelwayo (incidental to an exempted entertainment). NgokweSiqendu 36(2) somthetho ochazwe apha ngasentla, ulonwabo oluxolelwayo (exempt entertainment) luthetha ibhazari, intengiso, itheko lokunyusa ingxowa-mali (fête), idinala, ezemidlalo okanye nalo naluphi na ulonwabo olufana nolo. Irafuli, njengenkqubo yokunyusa ingxowa-mali, ngaloo ndlela iwa kolu didi kwaye inokuba semthethweni kuphela ukuba inxulumene kwaye yongezelela kwenye inkqubo yonyuso ngxowa-mali kwaye ukuba:
6.1 Zonke iingeniso zolonwabo, kuqukwa neengeniso zelothari, zisetyenziselwa ukunceda naliphi na icandelo likawonkewonke elikufaneleyo oko lenkqubo yonyuso ngxowa-mali, emva kokuba kuxhuzulwe-
6.1.1 iindleko zolonwabo, kungaqukwanga zindleko kungenwe kuzo ngokunxulumene nelothari;
6.1.2 iindleko ekungenwe kuzo ekuprinteni amatikiti elothari nokupapashwa kwaloo lothari; kunye
6.1.3 nesixa-mali sisonke sinjalo, singagqithanga kwisixa-mali esimiselweyo sazo naziphi na iindleko ekungenwe kuzo ekuthengeni amabhaso elothari.
6.2 Akukho nalinye kumabhaso kwilothari alibhaso eliyimali.
6.3 Ixabiso lilonke lamatikiti athengisiweyo okanye aya kuthengiswa, alikho ngaphezulu kwesixa-mali esiqingqiweyo.
6.4 Ithuba lokuthatha inxaxheba kwiilothari elichatshazelweyo kwesi siqendu, okanye elo thuba lilolo hlobo kunye nalo naliphi na elinye ithuba elilolo hlobo lokuthatha inxaxheba kwiilothari okanye ekungcakazeni, asikokuphela kweyona ndlela ekhoyo enokukhuthaza kakhulu abantu ukuba baze kulonwabo olo.
6.5 Yenzelwa amalungu ombutho osekiweyo noqhutywa ngeenjongo ezinganxulumenanga neelothari, ukungcakaza (gambling) okanye ukubheja (betting).

7. ISiqendu 2(2) soMthetho weeLothari, ka-1997 (uMthetho 57 ka-1997) umisela ukuba isibhengezo siya kuchaza-

  1. injongo yelothari ehamba nolonwabo oluxolelwayo oluchaphazelekayo;
  2. lowo uzuza uncedo lwelothari;
  3. ixabiso lamatikiti;
  4. apho aya kuthengiswa khona amatikiti;
  5. umhla wokuvala ekuthatheni inxaxheba kwilothari;
  6. umhla ekuya kutsalwa ngawo amagama abaphumeleleyo;
  7. indlela ekuya kugqitywa ngophumeleleyo welothari (nabaphumeleleyo belothari);
  8. amabhaso aya kuphunyelelwa kwilothari;
  9. inyaniso yokuba isigqibo ngophumeleleyo (ngabaphumeleleyo) siya kuba sesokugqibela kungasayi kubakho mbalelwano ngoko kuya kungenwa kuyo;
  10. inyaniso yokuba amabhaso akuvumelekile ukuba atshintshelwe kwimali;
  11. inyaniso yokuba onke amabhaso aya kwabiwa; kunye
  12. nendlela lowo uphumeleleyo aya kwaziswa ngayo (abo baphumeleleyo baya kwaziswa ngayo).
8. Kucetyiswa kwakhona ukuba, ngesizathu sokwenza izinto ngokusekuhleni nangobulungisa (openness and fairness), njengommiselo wokuthatha inxaxheba kulo naluphi na uhlobo lolonwabo lwerafuli okanye lwelothari, abasebenzi nezizalwane zabasebenzi besikolo esikhupha ilothari, abasayi kuvunyelwa ngayo nayiphi na indlela ukuthatha inxaxheba ngenjongo yokuphumelela ibhaso.

9. Ngenxa yoku kungasentla, kucelwa iinqununu ukuqinisekisa ukuba apho iirafuli okanye iilothari zisetyenziswa njengendlela yokunyusa ingxowa-mali ukuncedisa ingeniso yesikolo khona, zikwenza oko zincedisana nomsebenzi obhengezwe njengolonwabo oluxolelwayo njengoko kubhaliweyo kumhlathi 6 apha ngasentla.

10. Izikolo maziqhubeke ziqinisekisa ukuba ziyayiqonda imimiselo yoMthetho weeLothari (Lotteries Act), ka-1997 (uMthetho 57 ka-1997), noMthetho wokuNgcakaza kaZwelonke (National Gambling Act), ka-1996 (uMthetho 33 ka-1996), phambi kokuba zisebenzise iilothari njengenkqubo yokunyusa ingxowa-mali.

11. Kufuneka kucaciswe ukuba naziphi na iinkqubo ezisetyenziswayo ukunyusa ingxowa-mali akufuneki ukuba zingqubane nenkolo yabafundi kunye/okanye yabazali okanye yabagcini babo.

12. Ukuba abazali bacela ukungathathi nxaxheba kwiprojekthi ethile yokunyusa ingxowa-mali apho kusetyenziswa iirafuli okanye iilothari khona, ngenxa yenkcaso esuka kwizazela zabo (conscientious objection) mabanikwe ithuba lokufaka igalelo kwingxowa-mali yesikolo besebenzisa enye indlela eyamkelekileyo.

13. Kucelwa ukuba iinqununu zazise okukule setyhula bonke ootitshala namalungu amabhunga olawulo ezikolo zazo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:08:11

"South African Schools Act, 1996 (Act 84 of 1996)"  (ubukhulu: 255 KB)