1. Iyaqhubeka ukukhula qho ngonyaka imfuno yeendawo zokufunda ezikolweni eziseNtshona Koloni. Ukuze kulawulwe ngempumelelo ulwamkelo lwabafundi kucelwa izikolo zithobele la maxesha amiselweyo olwamkelo lwabafundi alandelayo.

2. Le mimiselo ikhankanywe kule setyhula ibhekisa kwizicelo ezifunyenwe ngo-2016 zolwamkelo lwabafundi kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ngo-2017.
2.1 Olu lungelelwaniso lubalulekile njengoko kucacile ukuba izikolo zinamaxesha ahlukeneyo okwamkela abafundi anabayo ukusuka kuFebruwari kude kuyokuba nguJanuwari wonyaka olandelayo.
2.2 Oku kuchaphazela kakubi ukucwangcisela ukubonelela ngeeklasi, amanani ootitshala abakwiziko (staff establishments), ukuthengwa kweeLTSM nezinye iinkqubo zokusebenza kwequmrhu liphela ezifunekayo ukuqinisekisa ukuba izikolo zikulungele ukuqalisa kunyaka ngamnye.
2.3 Imihla yolwamkelo lwabafundi yezikolo eyahlukeneyo kwakhona ithetha ukuba abazali balindela isiphumo sezicelo abazifumana ngamaxesha ahlukeneyo apha enyakeni.
2.4 Kuyafuneka ngoko ke ukulungelelaniswa kwenkqubo yolwamkelo lwabafundi ukwenzela ukuba iWCED ibe kwimeko ebhetele yokuqwalasela ukuba yintoni na efunekayo ukuhlangabezana nemfuno yeendawo ezikolweni.
2.5 Kucelwa izikolo ukwenjenje ukuba zithobele la maxesha amiselweyo olwamkelo lwabafundi eWCED alandelayo aya kusebenza kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo:

Umsebenzi Umhla
Izikolo zifaka ubhaliso olucwangcisiweyo kwiSAMI 29 Januwari 2016
Ulwamkelo lwabafundi luvulelekile (kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo) 01 Februwari 2016
Ulwamkelo lwabafundi luvaliwe (kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo) 11 Matshi 2016
Abazali baziswa ngokusisiphumo ngeleta 24 Juni 2016 (Ekupheleni kweKota yesi-2)
Abazali bangqinisisa ulwamkelo lwesicelo 25 Julayi 2016
Izikolo zizalisa iindawo zokufunda ezikhoyo KwiKota yesi-3 ngo-2016

3. Faka ingcaciso engolwamkelo lwabafundi yesikolo ka-2016 kwi-WCED School Admissions Management Information (SAMI):
3.1 Kucelwa uqaphele ukuba kwimeko yesibheno sokungamkelwa komfundi, imbambano okanye umngeni wezomthetho, izikolo kusengafuneka zinike iinkcukacha ngesicelo, imeko enjengokuchaza ukuba isicelo saqwalaselwa nini nendlela elandelweyo xa kwakuqwalaselwa isicelo eso. Kuya kuthi emva koko kuthathwe iinkcukacha kwisistim yeSAMI njengengcaciso yeziko ledatha esemthethweni engolwamkelo lwabafundi.
3.2 Kucelwa izikolo ngoko ke zifake ZONKE izicelo ezifunyenweyo kwisistim yeSAMI.
3.3 Imihla esikiweyo yokufaka ingcaciso yolwamkelo lwabafundi kwiSAMI:

3.3.1 ISAMI ivulela ubhaliso olucwangcisiweyo: 21 Januwari 2016
3.3.2 Izikolo zisayinela ubhaliso olucwangcisiweyo: 29 Januwari 2016
3.3.3 Izikolo zifaka zonke izicelo ezifunyenweyo kwiSAMI: 01 Matshi – de zonke iindawo zokufunda ziyazaliswa
3.3.4 Izikolo zibhala isiphumo sezicelo kwiSAMI: Ekupheleni kweKota yesi-2
3.3.5 Izikolo zizalisa iindawo zokufunda ezikhoyo: KwiKota yesi-3 ngo-2016
3.4 Ifankshini esekhompyutheni yeSAMI yenza uluhlu lwabafundi abangekafakwa zindaweni ize ichaze ukuba zeziphi izikolo ezisenazo iindawo zokufunda ezifumanekayo njengoko izicelo zisafumana ukuqwalaselwa.
3.5 Kubalulekile ngoko ke ukuba izikolo zifake ekhompyutheni kwaye ziqwalasele izicelo ingadlulanga imihla esikiweyo ukuqinisekisa ukuba amagosa anengcaciso echanekileyo kuwo eya kusetyenziselwa ukwazisa abazali ngeendawo zokufunda ezikhoyo.

4. Ukusombulula iimeko apho umfundi angayifumenanga indawo yakufunda kwisikolo:
Amagosa ezithili achaphazelekayo axakathiswe uxanduva lolawulo lolwamkelo aya kukwazi ukufikelela kwizintlu zabafundi (lists of unplanned learners) abangekafakwa zindaweni kunye neendawo zokufunda ezikhoyo kwizikolo ezikwisithili eso. La magosa kuya kufuneka ukuba ancedise ekusombululeni ukufakwa kwabafundi kwiindawo zokufunda ngokuthetha-thethana nezikolo kwizithili nakwiisekethe ezichaphazelekayo.

5. Ngenxa yokwanda kwemfuno yeendawo ezikolweni, iWCED iyathemba ukuba le mimiselo iya kuba luncedo kwizikolo nakubazali. Sinqwenela ukubulela iinqununu, amabhunga olawulo namagosa ngenkxaso yabo ekufakeni bonke abafundi ezikolweni.

6. Yonke imibuzo ngokunxulumene nokulapha ngasentla inokubhekiswa kwigosa lesithili elichaphazelekayo.

7. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:08:07