1. Zonke izikolo zikarhulumente ziya kubamba unyulo lwamabhunga olawulo amatsha ngoMatshi 2015. ISebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education) liqulunqe isikhokelo sikazwelonke ukulungiselela unyulo lwamabhunga olawulo ezikolo (ii-SGBs) ukuqinisekisa ungqinelwano kwiinkqubo zokutyunjwa nokunyulwa kwamabhunga olawulo ezikolo zikarhulumente kuwo onke amaphondo.
2. Le Miqathango ikhoyo Measures relating to Governing Bodies and a Representative Council of Learners for Public Schools (excluding public schools for learners with special education needs) eyakhutshwa liSebe leMfundo eNtshona Koloni (WCED) yaza yapapashwa kwi-Provincial Gazette Extraordinary 6519 ye-20 Meyi 2008, njengoko ifakelwe izilungiso, kwakunye nale ikhoyo: Measures relating to Governing Bodies and a Representative Council of Learners of Public Schools for Learners with Special Education Needs (Kubandakanywa iZikolo zikaRhulumente zaBafundi abaneeMfuno eziZodwa zeMfundo abathunyelwe okanye abatshintshelwe kuzo ngokwe-Children's Act, 2005 (Act 38 of 2005); uMthetho weMfundo weZikolo zePhondo leNtshona Koloni, 1997 (uMthetho 12 ka- 1997); kunye/okanye i-Criminal Procedure Act, 1977 (Act 51 of 1977), eyapapashwa kwi-Provincial Gazette Extraordinary 6554 ye-12 Septemba 2008, ihlaziyiwe kudityenwe ne-Provincial Legal Advisory Services. Lo mgaqo-nkqubo uhlaziyiweyo unesihloko INkqubo-nkcazelo yokuMisela nokuNyula amaBhunga oLawulo eZikolo zikaRhulumente (Determination of Procedures for the Establishment and Election of Governing Bodies at Public Schools), upapashwe kwi-Provincial Gazette Extraordinary 7352 yomhla we-06 Februwari 2015.
3. Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile setyhula nangolu xwebhu luqhotyoshelweyo INkqubo-nkcazelo yokuMisela nokuNyula amaBhunga oLawulo eZikolo zikaRhulumente (Determination of Procedures for the Establishment and Election of Governing Bodies at Public Schools), kubo bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
4. Ukuba isikolo sakho sifuna uncedo kunye/okanye unemibuzo nokuba yeyiphi na malunga nonyulo lweeSGBs, qhagamshelana nomphathi weze-IMG ngaphandle kwamathandubuzo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:02:19

"Western Cape Provincial School Act, 1997 (Act 12 of 1997)"  (ubukhulu: 61 KB)
Tsongezelelo kwiGazethi yePhondo 7352  (ubukhulu: 433 KB)