1. Le setyhula ikhutshelwa onke amabhunga olawulo ukugxininisa injongo yoMthetho ngezoKhuphiswano Komnye noMnye (Competition Act), ka-1998 (uMthetho 89 ka-1998) nemfuneko yokuhambelana mbo neemfuno ezimiselweyo zalo Mthetho. IZiqendu 4, 5 no-8 phantsi kwesihloko esithi "Prohibited Practices of the Act" ("IZenzo eziNgavumelekanga zoMthetho") zisebenza kuzo zonke izikolo njengoko kukhankanyiweyo kwisiHlomelo esiqhotyoshelweyo apha. UMthetho opheleleyo uyafumaneka kwiziko lewebhu https://www.westerncape.gov.za/legislation/competition-act-89-1998. Injongo yalo Mthetho kukukhuthaza nokugcina ukukhuphisana:

  1. Ukukhuthaza ubuchule, ulungelelwaniso kunye nophuhliso lwezoqoqosho.
  2. Ukunika abathengi amaxabiso ekunokukhuphiswana ngawo nokukhetha iziveliso (product choices).
  3. Ukukhuthazwa kwengqesho nophuhliso lwentlalontle yoluntu noqoqosho lwabantu baseMzantsi Afrika.
  4. Ukwandiswa kwamathuba okuthatha inxaxheba kwabantu baseMzantsi Afrika kumashishini ehlabathi nokuqaphela indima yokhuphiswano lwamazwe angaphandle.
  5. Ukuqinisekisa ukuba amashishini amancinane naphakathi (small and medium-sized enterprises) anethuba elilinganayo lokuthatha inxaxheba kwezoqoqosho.
  6. Ukukhuthaza ukunatyiswa kobumnini (ownership), ngokukodwa ukwandiswa kobumnini bezabelo (ownership stakes) kubantu ababevinjwe amathuba ngaphambili.
2. IKomishoni ngezoKhuphiswano koMnye noMnye yaseMzantsi Afrika (Competition Commission of South Africa) ifumene izikhalazo ezininzi ezivela kwabo banokuba ngabathengisi beyunifom eNtshona Koloni ngokungabandakanywa kwabo kukhuphiswano kwishishini lokuthengiswa kweeyunifom zezikolo ezikolweni. Oku kungabandakanywa kunxulumene nokusetyenziswa ngokukhethekileyo kweemvumelwano zokuthenga eziphakathi kwezikolo nabo banokuba ngabathengisi beeyunifom zezikolo ezinokuthi maxa wambi, zenzelwe ithuba elingenasiphelo. Abazali kwakhona bayakhalaza ngezi mvumelwano zikhethekileyo namaxabiso axhomileyo asisiphumo soku kwiiyunifom zezikolo.

3. Imimiselo yoMthetho ngezoKhuphiswano Komnye noMnye, ka-1998 (uMthetho 89 ka-1998) ithintela amashishini ekuzibandakanyeni kwizenzo ezithile ezinokuthintela ukhuphiswano kwaye zikhokelele kumaxabiso axhomileyo nasekunqongophaleni kwelungelo lokukhetha. Ngokuthe ngqo lo Mthetho uthintela amashishini ekungeneni kwiimvumelwano zamanqanaba ngamanqanaba (vertical agreements) ezithintela okanye ezinqanda ukhuphiswano1. Iimvumelwano ezikumanqanaba ngamanqanaba zezo mvumelwano ziphakathi kweshishini nomthengisi/nabathengisi kunye/okanye nabathengi, imizekelo yazo ibandakanya iimvumelwano zokuthengisa, amalungiselelo okuzisa izinto ezithengiweyo neemvumelwano ze-arhente kunye namashishini asebenza phantsi kwegama lelinye ishishini (agency and franchise agreements). Ngoko ke imvumelwano ephakathi kwesikolo nomthengisi weeyunifom zezikolo waso yimvumelwano ebandakanya amaqumrhu amaninzi (vertical agreement) kwimeko yezoKhuphiswano Komnye noMnye, ka-1998 (uMthetho 89 ka-1998).

4. UMthetho ngezoKhuphiswano Komnye noMnye, ka-1998 (uMthetho 89 ka-1998) kwakhona uthintela amashishini ongamileyo ekusebenziseni gwenxa ulongamo lwawo ngokubiza amaxabiso agqithisileyo kwanokungabandakanyi abakhuphisana nabo bona bangongamanga ekuthatheni inxaxheba kushishino2. Ukusebenzisa iimvumelwano ezikhethekileyo zethuba elide kungakhokelela ekudalweni kwemeko yomthengisi oxhamla yedwa (monopoly supplier) onokubiza amaxabiso axhomileyo.

5. Makuthathwe la manyathelo alandelayo ukunciphisa isiphumo esichasene nokukhuphisana esingabangelwa ziimvumelwano ezikhethekileyo zokuthengwa kweeyunifom zizikolo:
5.1 Ukuvulela ushishino kwabanye abathengisi beeyunifom zezikolo

Kukhethwa ukuba iiyunifom zezikolo zifane kangangoko kunako ngokokude zibe nokufumaneka kubathengisi abaninzi. Apho oku kungenokwenzeka, ukufana okukodwa makuphelele kwezo zinto isikolo esizithatha njengeziyimfuneko ukuzifumana kubathengisi abebesele bekhethwe kwangenxa engaphambili. Kucetyiswa izikolo ukuba zikhuthaze kwaye ziphakamise ukhuphiswano ngeziniki-maxabiso ukwenzela ukuthengiswa kweeyunifom zezikolo zazo. Oku kuya kunika abo banokuba ngabathengisi beeyunifom zezikolo ithuba lokukhuphisana ekuboneleleni izikolo ngeeyunifom ezifunekayo. Ngokunxulumene noku, ngaphandle kokuba kukho izizathu ezivakalayo nezibambekayo, makutyunjwe abathengisi babe baninzi ukwenzela ukuba lungapheliswa nya ukhuphiswano ngethuba lokusebenza kwemvumelwano.

Xa izikolo zizibandakanya ekuthetha-thethaneni nabathengisi kwinkqubo yokukhuphisana ngeziniki-maxabiso, maziqaphele ukuba aziququzeleli gumgedle (collusive conduct) lingavumelekanga kwakhona kuMthetho ngezoKhuphiswano Komnye noMnye, ka-1998 (uMthetho 89 ka-1998).

UMthetho ngezoKhuphiswano Komnye noMnye, ka-1998 (uMthetho 89 ka-1998) uthintela amashishini akhuphisanayo, anjengabathengisi abahlukeneyo beeyunifom zezikolo eziya ezikolweni, ekungeneni kwiimvumelwano ezikhokelela ekuphekweni kwamaxabiso (fixing of prices), ukwahlulwa kwamashishini kunye/okanye abathengi kwakunye nokulawulwa ngobuqhophololo kweziniki-maxabiso3.

5.2 Iimvumelwano ngeeyunifom zezikolo mazibe zezesigxina okanye zethuba eliqingqiweyo

Imvumelwano yokuzisa esikolweni iiyunifom zesikolo mayibe yeyethuba elimiselweyo. Oku kuthetha ukuba ithenda enikwe umthengisi mayimiselwe ixesha elithile ingabin yinto yexesha elingamiselwanga. Ekupheleni kwethuba lokusebenza kwemvumelwano, kufuneka kwakhona ivuleleke kwithenda. Le nkqubo ivulelekileyo, isekuhleni nenobulungisa yeziniki-maxabiso iya kuba luncedo ezikolweni, kubafundi nakubazali njengoko iya kukhokelela ekukhetheni ngaphezulu, kumgangatho ophuculiweyo weenkonzo ezenziwa ngabathengisi kunye nokuthotywa kwamaxabiso.


6. Ezi nkqubo zihamba nemiqathango ngokunxulumene neeyunifom zezikolo zinokwenzeka kwakhona ngokunxulumene nezinye iimpahla, umz. izixhobo zokubhala kunye nezixhobo zokucoca. Kucelwa amabhunga olawulo ukuqinisekisa ukuba aphumeza imimiselo njengoko ikhankanyiweyo kumhlathi 5 apha ngasentla ngokunxulumene neeyunifom zezikolo nokubambelela kwiimfuno ezimiselweyo kwimihlathi 3 – 5 ngokunxulumene nokuthengwa kweempahla okanye iinkonzo zesikolo. Izikolo ezifunyenwe zinetyala lokungahambelani mbo nezi mfuno zimiselweyo zinokohlwaywa yiNkundla yeGunya-bantu ngezoKhuphiswano Komnye noMnye (Competition Tribunal) neNkundla yeZibheno ngezoKhuphiswano Komnye noMnye (Competition Appeal Court), kunye nayo nayiphi na iNkundla kaMantyi esingatha iimbambano zoluntu (civil Magistrate Court).

7. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) linqwenela ukukhumbuza onke amabhunga olawulo malunga nomsebenzi wawo wokukhuthaza ulawulo lwequmrhu olusemgangathweni ukuqinisekisa ukuba izikolo ezilawulwa ngamabhunga olawulo azizibandakanyi kwizohlwayo zemali ezinokuchaphazela isikolo ekulawuleni imicimbi yaso yezemali (schools’ financial liquidity). ISiqendu 16 (2) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika (Section 16 (2) of the South African Schools Act), ka-1996 (uMthetho 84 ka-1996), sichaza ukuba "ibhunga lolawulo sizifumana sikwindawo yokuthenjwa ngokunxulumene nesikolo" ("a governing body stands in a position of trust towards school".)

8. Ngokunxulumene nokungasentla, iWCED ifuna izikolo ziqwalasele kwakhona iinkqubo zazo zokuthenga ngokunxulumene nokuthengwa kwazo naziphi na iimpahla kunye/okanye iinkonzo ukuqinisekisa ukuthotyelwa ngoko nangoko koMthetho ngezoKhuphiswano Komnye noMnye, ka-1998 (uMthetho 89 ka-1998).
9. Kucelwa uqinisekise ukuba okubhalwe kule setyhula kwaziswa bonke abachaphazelekayo, kubandakanywa nomphicothi-ncwadi wesikolo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:07:29

IsiHlomelo: "Extracts from the Competition Act, 1998 (Act 89 of 1998)"  (ubukhulu: 23 KB)
"South African Schools Act, 1996 (Act 84 of 1996)"  (ubukhulu: 255 KB)