1. Isikhokelo seSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) esimalunga nokukhutshwa kweesetyhula, iingcaciso ezimfutshane nezaziso, sabhengezwa ngeSetyhula 0020/2014 yomhla we-27 Meyi 2014.

2. Nakuba kunjalo, ngenxa yeenguqu zakutshanje ezenziwe kwistraksha seSebe i-WCED, kuye kwayimfuneko ukuba kwaziswe amagosa ngenkqubo ehlaziyiweyo yokukhutshwa kweesetyhula, iingcaciso ezimfutshane nezaziso.

3. Naziswa le ngcaciso ibalulekileyo ilandelayo nesebenza ukususela ngoku, ukwenzela ukuba niyithathele ingqalelo:
3.1 Iisetyhula zinokusayinwa yiNtloko yeSebe leMfundo kuphela okanye ligosa elibambeleyo kweso sikhundla sayo. Ingcaciso emfutshane okanye isaziso sinokusayinwa kuphela liSekela Mlawuli-Jikelele welo candelo likhulu lichaphazelekayo okanye ligosa elibambeleyo kweso sikhundla salo.
3.2 Iisetyhula zikhutshwa ngenjongo yokwazisa izikolo nabasebenzi beSebe i-WCED ngemicimbi ebaluleke ngokukodwa, o.k.t. imibandela engemigaqo-nkqubo engenakutshintshwa nakanjani na okanye engenakungahoywa. Iingcaciso ezimfutshane nezaziso zidla ngokukhutshwa ngenjongo yokunika ingcaciso, imiyalelo kunye nokucacisa imiba eqhelekileyo eyenziwa qho.
3.3 IRejistri eNkulu (General Registry) yakwaNdlunkulu, ese-6th floor e-Grand Central Towers, Cape Town, inika iinombolo zeesetyhula zaseburhulumenteni zeSebe iWCED ngokolandelelwano lwamanani yaye kufuneka kuqhagamshelwane nayo malunga noku.
3.4 Ilelo nelo icandelo nee-ofisi zezithili zinika iinombolo zeengcaciso ezimfutshane nezaziso zazo ngokolandelelwano lwamanani kwaye zigcina iirejista ukulungiselela loo njongo.
3.5 Kuphela yiRejistri eNkulu (General Registry) kwaNdlunkulu egunyazisiweyo ukuba ithumele imbalelwano eya kubantu abaninzi yonxibelelwano ngekhompyutha evela kwiSebe i-WCED, enjengeesetyhula, iingcaciso ezimfutshane nezaziso zaseburhulumenteni zeSebe i-WCED, kumagosa nakwizikolo zeSebe i-WCED, ngokusebenzisa iinkqubo zokuthunyelwa kweposi ii-e-school and electronic mail list systems. Iisetyhula neengcaciso ezimfutshane nezaziso zithunyelwa zikwi-PDF yaye ke ngoko makwenziwe zonke iinzame zokuqinisekisa ukuba okuqulethwe zizo kuchanekile ngokwemigaqo yegrama nosetyenziso lolwimi, kusetyenziswa iiletahedi ezichanekileyo nokuba zikumgangatho ophezulu. Amacandelo akwaNdlunkulu, angenazo iifasilithi zefeksi ezizezawo ngqo zokuthumela imbalelwano, anokusebenzisa ifeksi eqhelekileyo eya kwinombolo ye-imeyili yakwaNdlunkulu weSebe iWCED eyile: 021 483 7658, efumaneka kwiRejistri eNkulu yakwaNdlunkulu (Head Office General Registry) apho kuyimfuneko. Iiletahedi zeSebe i-WCED ezazikhutshwe liCandelo lezoNxibelelwano (Directorate Communication) nge-11 Januwari 2012 zisasebenza nangoku.
3.6 Nayiphi na imbalelwano ethunyelwa ngekhompyutha ezikolweni zethu nakumagosa ethu mayigunyaziswe ngencwadi ebhaliweyo ligosa elichaphazelekayo elikwisikhundla seNtloko yeSebe okanye seSekela Mlawuli-Jikelele okanye ligosa elibambeleyo kweso sikhundla. Eso sigunyaziso sibhaliweyo masihambe kunye nembalelwano xa isiwa kwiRegistri eNkulu ngenjongo yokuba isasazwe ngekhompyutha.
3.7 Yakuba isetyhula, ingcaciso emfutshane okanye isaziso sigunyazisiwe, umhla negama legosa elichaphazelekayo eligunyazise imbalelwano maziboniswe kwindawo yesiginitsha yekopi yekhompyutha phambi kokuba kuyiwe kwiRejistri. Oku kuthetha ukuba amagama "Isayinwe ngu-" nomhla wogunyaziso maziboniswe kwindawo yesignitsha. IiNombolo i-Issue Management System (IMS) number ne-File Number, ezichaphazelekayo, ezifunyanwa kwiNtloko yeRejistri echaphazelekayo, maziboniswe. Makungeniswe ikopi ekumgangatho ophezulu yoxwebhu lokugqibela oluyintsusa (copy of the original final document), kwakunye namaxwebhu aqhotyoshelweyo achaphazelekayo neekopi zekhompyutha (nemazingeniswe nge-imeyili okanye nge-memory stick (via e-mail or on a memory stick)), kwiNtloko yeRejistri eNkulu ngenjongo yokuba zisasazwe ngekhompyutha ngaphandle kokulibazisa.
3.8 Luxanduva lwegosa elichaphazelekayo necandelo/nekhomponenti/neyunithi ebhale isetyhula, ingcaciso emfutshane okanye isaziso, ukuqinisekisa ukuba okuqulethwe yimbalelwano kuchanekile yaye kuphelele ngandlela zonke phambi kokuba kwenziwe iikopi zekhompyutha ezivunyiweyo nezisayinelweyo zifumaneke kuRejistri ngenjongo yokuba zisasazwe ngekhompyutha. Xa kuthunyelwa imbalelwano evunyiweyo kuRejistri ukuba isasazwe, igosa elikwisikhundla esingekho ngaphantsi kweso sesekela-mlawuli kwicandelo/kwikhomponenti/kwiyunithi echaphazelekayo malinike ingqinisekiso uRejistri yokuba iikopi zekhompyutha zichanekile yaye ziphelele yaye zinako ukusasazwa ngekhompyutha. Abasebenzi bakwaRejistri mabangaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko baphazamisane neekopi ezithunyelwa ngekhompyutha ngamacandelo, okubandakanya iimeko apho indawo yesignitsha ingaphelelanga okanye apho ingafakwanga i-Issue Management System (IMS) number okanye i-official file number, ezifunyanwa kwiNtloko yeRejistri echaphazelekayo. Akukho mbalelwano, iya kusasazwa ngekhompyutha ingekho ingqinisekiso (without confirmation).

4. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo malunga nokuqulethwe kolu xwebhu, kucelwa uqhagamshelane negosa eligama lalo livele emva kwegama elithi "Imibuzo" (Enquiries) kwiletahedi elapha ngasentla.

5. Kucelwa iSetyhula 0020/2014 yomhla we-27 Meyi 2014, ithathwe njengefakelwe izilungiso ngokufanelekileyo.

6. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:07:15