1. UMphathiswa wePhondo ophathiswe ezemfundo eNtshona Koloni ngokweSiqendu 63(1)(cH) soMthetho weMfundo weZikolo zePhondo leNtshona Koloni, 1997 (uMthetho 12 ka-1997) wenze le Mimiselo engokuKhutshwa kweZalathi-nkqubela eziBonisa iNtsebenzo neziziBophelelayo iZikolo zikaRhulumente eqhotyoshelwe kule setyhula.
2. Le mimiselo yapapashwa kwiGazethi yeSikhawu yePhondo (Provincial Gazette Extraordinary) 7399 yomhla we-2 Juni 2015, iqala ukusebenza ukususela ngowe- 01 Januwari 2016.
3. Ziyacelwa ke ngoko iinqununu ukuba zazise ngokuqulethwe yile setyhula kubo bonke ootitshala nakusihlalo webhunga lolawulo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:06:29

"Western Cape Provincial School Education Act, 1997 (Act 12 of 1997)"  (ubukhulu: 61 KB)
Tsongezelelo kwiGazethi yePhondo 7399  (ubukhulu: 146 KB)