1. Le setyhula mayifundwe kunye neSetyhula 0005/2015 neSetyhula 0022/2015 ngokunjalo.
2. Ukususela ngowe-3 ukuya kowe-7 Agasti 2015, izikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 zinethuba lokugqibela loku-odola izinto zokubhala nezokucoca ngekhompyutha ukwenzela ukusetyenziswa kwazo ngo-2016.
3. Siya kubonelelwa kwiCEMIS isikhokelo sokucacisa ukuba zingafakwa njani na yaye zisayinelwe njani na iimfuno zezinto zokubhala nezinto zokucoca ezongezelelweyo.
4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kufaka ii-odolo zezinto zokubhala nezinto zokucoca ezifunwayo egameni lezikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 kubathengisi abakwimvumelwano (contracted suppliers), njengoko kuchaziwe kwiSetyhula 0005/2015.
5. Izikolo zinokufaka kuphela kwikhompyutha i-odolo yezo zinto (items) zidweliswe kwiikhathalogu zezinto zokubhala nezinto zokucoca (eziqhotyoshelwe apha).
6. Kucelwa uqaphele ukuba imvumelwano yezinto zokubhala ayiboneleli ngokuthengwa nokusiwa kwephepha lokufotokopa neekhatriji zeprinta. Ezi ayithem, kwakunye nezinye ii-ayithem ezingadweliswanga kwiikhathalogu zezinto zokubhala nezinto zokucoca, ziya kuthengwa ngokwahlukeneyo ngekowuteshini ezicelwa ngokuqalwa kugqithwe kwi-Integrated Procurement Solution (IPS).

Izikolo mazingenise iirikhwizishini (WCED 026 form) ngokumalunga noku kwi-ofisi yeLTSM ungadlulanga umhla we-7 ku-Agasti 2015 ukuqinisekisa ukusiwa kwazo ngexesha.

7. Ziya kucelwa izikolo zisebenzise iimali zezabelo zazo zeMimiselo neMigangatho ye-Local Purchases ukuhlawulela zonke iimfuno zazo zezinto zokubhala nezinto zokucoca. Kubaluleke gqitha ke ngoko ukuba izikolo zenze izicwangciso ngobulumko ekumiseleni ukuba iimali zeemfuno zazo zezabelo zeMimiselo neMigangatho zilawulwa ngendlela, ukuqinisekisa ukubakho kwemali eyanaleyo. Ukuncedisa izikolo kulo mba, ingcaciso yokungqinisiswa kwee-odolo nexabiso lazo ithunyelwa ezikolweni lo gama ii-odolo zisetyenzwayo (processed).
8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane onke amagosa achaphazelekayo ukuze akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:07:15

"WCED Stationery Catalogue - Masiqhame Trading"  (ubukhulu: 135 KB)
"WCED Cleaning Catalogue - RC suppliers"  (ubukhulu: 73 KB)
"Eden Karoo - WCED Cleaning Materials Catalogues - Amanthi Traders"  (ubukhulu: 58 KB)
"Overberg - WCED Cleaning Materials Catalogues - Amanthi Traders"  (ubukhulu: 56 KB)
"West Coast - WCED Cleaning Materials Catalogues - Amanthi Traders"  (ubukhulu: 62 KB)
"Winelands - WCED Cleaning Materials Catalogues - Amanthi Traders"  (ubukhulu: 58 KB)