1. ISebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education (DBE)) liya kuprinta lize lihambise iincwadi zokwenza umsebenzi kwizikolo zikarhulumente (eziqhelekileyo nakwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ezichaphazelekayo) eNtshona Koloni ukulungiselela unyaka wekhalenda yesikolo ka-2016.

Ezi ncwadi zilandelayo ziya kusiwa ngqo ezikolweni:

  • Iincwadi zokwenza umsebenzi zeBakala R;
  • EzamaBakala 1-6 zeeLwimi zeeNkobe ;
  • EzamaBakala 1-3 zeMathematika kulwimi lokufunda nokufundisa (LoLT);
  • EzamaBakala 4-9 zeMathematika kwisiNgesi nakwi-Afrikansi;
  • EzamaBakala 1-6 zoLwimi lokuQala oloNgezelelweyo zesiNgesi; kunye
  • NezamaBakala 1-3 zeZakhono zoBomi kulwimi lokufunda nokufundisa (LoLT).

I-Volume 1 ka-2016 (yeKota 1 no-2) nencwadi yokwenza umsebenzi yeBakala R, ziya kusiwa kuzo zonke izikolo phakathi kwe-23 Julayi ne-23 Septemba 2015.

I-Volume 2 ka-2016 (yeKota 3 no-4) iya kusiwa kuzo zonke izikolo phakathi kwe-19 Oktobha ne-30 Novemba 2015.

2. Ngo-Matshi 2015 kwakucelwe iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ukuba linike iSebe iDBE amanani abafundi aqikelelweyo eencwadi zokwenza umsebenzi eziza kuprintwa zisiwe ukulungiselela u-2016. Amanani abafundi anikwa iSebe iDBE asuselwa kwingcaciso yeCEMIS efanelekileyo eyayifumaneka ngelo xesha.
3. Inani leencwadi zokwenza umsebenzi eziza kusiwa kwisikolo ngasinye lisekelwe kumanani abafundi anikwa iSebe iDBE liSebe iWCED. Inani leencwadi zokwenza umsebenzi ngebakala ngalinye izikolo ezinokulindela liziswe liSebe iDBE, linokujongwa kwikhasi lewebhu le-LTSM (CAPS textbooks) kwiziko lewebhu leWCED. Idilesi yeziko lewebhu yile: http://wced.school.za/branchPS/LTSM/index.html
4. Uxwebhu olusisikhokelo olucacisa inkqubo yaphambi nangethuba lokusiwa kweencwadi zokwenza umsebenzi ezikolweni luqhotyoshelwe kule setyhula njengesiHlomelo A.
5. Zakuba zizisiwe iincwadi zokwenza umsebenzi ngumboneleli-nkonzo weSebe iDBE, kulindeleke ukuba izikolo zithelekise inani leencwadi zokwenza umsebenzi ezizisiweyo namanani anikwe kweli ziko lewebhu likhankanywe apha ngentla. Naziphi na iincwadi ezizisiweyo zolwimi olungachanekanga (wrong language deliveries) okanye ezishotayo mazixelwe kuxwebhu olububungqina bokusiwa kwazo yaye oko makwaziswe umboneleli-nkonzo obezise iincwadi zokwenza umsebenzi egameni leSebe iDBE.
6. ISebe iDBE lifaka i-proof of delivery (POD) yesikolo ngasinye kweli ziko lewebhu: http://www.schoolmaster.org.za Ziyakhuthazwa izikolo nezithili ukuba zingene kweli ziko lewebhu ukungqinisisa iinkcukacha zokuziswa kweencwadi. Inombolo ye-EMIS yesikolo inokusetyenziselwa ukuloga kwiziko lewebhu.
7. Ngo-Oktobha 2015, zonke izikolo ekusiwe kuzo iincwadi zokwenza umsebenzi ziya kucelwa ukuba zingene kwi-CEMIS ukufaka amanani abafundi aqikelelweyo ango-2016 nenani kanye kanye leencwadi zokwenza umsebenzi ngesifundo ngasinye nangebakala ngalinye ezifunyenwe kwiSebe iDBE.
8. ISebe iWCED liya kuququzelela ukusiwa kweencwadi zokwenza umsebenzi ezishotayo.
9. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:07:14

IsiHlomelo A: ISIKHOKELO SOKUFUNYANWA KWEENCWADI ZOKWENZA UMSEBENZI ZAMABAKALA R-9 KUNYAKA WESIKOLO KA-2016  (ubukhulu: 67 KB)
IsiHlomelo B: "Workbook recording template: 2016 Workbook delivery"  (ubukhulu: 28 KB)