1. Le setyhula iye yahlaziywa kwaye itshitshisa ngokupheleleyo iSetyhula 0047/2008.
2. Umgaqo-nkqubo kaZwelonke nowePhondo omalunga nokusetyenziswa kwezithuthi zikarhulumente ze-GG uqulathwe kwiSetyhula yezoThutho No. 4 ka-2000 eyakhutshwa liSebe lezoThutho, neMimiselo yeNkonzo kaRhulumente (Department of Transport, and the Public Service Regulations).
2.1 Le setyhula yezoThutho engu - No. 4 ka-2000 ikhankanywe apha ngentla icacisa ukuba izithuthi zibonelelwa ngenjongo yokuncedisa amasebe ukuba aphumeze iinjongo zawo. Kufuneka, ke ngoko, zisetyenziswe ngeyona ndlela inenzuzo nenoqoqosho kakhulu (most cost-effective manner).
2.2 NgokweSiqendu 9.1 soMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente (In terms of Section 9.1 of the Public Finance Management Act), ka-1999 (uMthetho 1 ka-1999)), iGosa eliMele ukuPhendula ngoSetyenziso lweMali yeziko malenze konke okusemandleni alo ngenkathalo ngandlela zonke ukuthintela nokuqaphela kwangoko usetyenziso olungagunyaziswanga, olutenxileyo, olungenanzuzo noludyakraza imali, kwaye kufuneka, ukulungiselela le njongo, liqalise ngeenkqubo zokusetyenziswa ngendlela eyiyo, eyimpumelelo, enobuchule nesekuhleni yolawulo lwemali kwanolawulo lwezinto ezingabangela ilahleko.

3. Iihambo zaseburhulumenteni

ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lizimisele ekuboneleleni ngezithuthi ezifanelekileyo ukwenzela ukuba amagosa abe nako ukwenza umsebenzi wawo. Oku kulandelayo kuthathwa njengeehambo zaseburhulumenteni:

  • Iihambo zokubonelela ngeenkonzo kumaziko emfundo, ezinjengokuya kuhlola izikolo nokunika ingcebiso.
  • Iihambo zokuya ezintlanganisweni, koomasifundisane nakwiisemina.
  • Iihambo eziya kwiindawo ezakhiwayo, umz. kwizikolo ezitsha okanye kwiifasilithi ezintsha.
  • Nokusa izithuthi zikarhulumente ze-GG kwindawo ezilungiswa kuyo ukuba zilungiswe okanye zenzelwe iikowuteshini.
4. Iihambo ezingagunyaziswanga
4.1 Ngokubhekiselele kumhlathi 2.2, oku kulandelayo kuthathwa njengeehambo ezingagunyaziswanga:

  • Ukusebenzisa isithuthi sikarhulumente se-GG ngaphandle kwesigunyaziso esimiselweyo (ukuzaliswa nokungeniswa kwefom GMT 2009/01).
  • Ukusebenzisa isithuthi sikarhulumente se-GG ukuya kwiziko lokumakishela ukwenzela ukumakisha okanye ukumodareyitha iincwadi zeempendulo zoviwo.
  • Ukuhamba ngesithuthi sikarhulumente se-GG ukusuka ekhaya usiya emsebenzini.
  • Ukusebenzisa isithuthi sikarhulumente se-GG ukuya kuthenga ezivenkileni.
  • Ukusebenzisa isithuthi sikarhulumente se-GG uthatha iihambo zokubethwa ngumoya, umz. ukuya elunxwemeni.
  • Ukuhambisa usapho lwakho okanye abantu abalusapho lwakho ngesithuthi sikarhulumente se-GG ngaphandle kwesigunyaziso esiyimfuneko nokuzalisa iifom zokuxolelwa kubutyala ngaso nasiphi isiganeko esingenzeka (indemnity forms).
  • Ukuhambisa oogxa bakho okanye abanye abantu abangagunyaziswanga ukuba basebenzise isithuthi eso.
  • Iihambo ezingagunyaziswanga zokuya naphi na.
  • Ukusetyenziswa kwesithuthi, okanye ukuhanjiswa kwalo ngesithuthi eso, kwegosa elixhamlayo kwisikim sesibonelelo sokuthenga imoto elikudidi oluphakathi nakudidi oluphezulu kwezolawulo (middle management and senior management).
  • Ukusetyenziswa kwesithuthi kuwo nawuphi umsebenzi ongabhalwanga kuxwebhu olusisigunyaziso sokuthatha uhambo.
4.2 Ukuba lithi igosa lisekondwe kwenye iofisi okanye kwesinye isitishi, isithuthi sikarhulumente se-GG masibuyiselwe kwisitishi saso sokuqala esasikhutshelwe sona (original station of issue). Ukuba kukho imfuneko yokuba nesithuthi kwiofisi okanye kwisitishi esitsha, makwenziwe isicelo esitsha sokucela isithuthi sikarhulumente se-GG kuloo ofisi okanye kweso sitishi sichaphazelekayo.
4.3 Kwiimeko apho isigunyaziso sokuthatha uhambo kusetyenziswa ifom yokuhamba singenakuvezwa okanye apho isithuthi sikarhulumente sisetyenziswa gwenxa, imigqaliselo yezothutho yenza isibonelelo sokuba igosa elijongene nokusetyenziswa kwemithetho yendlela (traffic law enforcement officer) lithathele inyathelo loo mqhubi, nyathelo elo lingabandakanya ukubanjwa komqhubi nokuthinjwa kwesithuthi sikarhulumente se-GG.
4.4 IWCED inako kwakhona ukuthathela inyathelo umqhubi ngesenzo sokuziphatha kakubi (misconduct) ngokomgaqo wezoluleko (in terms of the disciplinary code), kwaye angawiselwa izohlwayo ezinokubandakanya, phakathi kwezinye izinto, isilumkiso esibhaliweyo, ukunqunyanyiswa okanye ukugxothwa emsebenzini. Kwiimeko ezinjengezi, ubungqina buya kubandakanya ingxelo yokulandelela umkhondo weendlela ezihanjwe sisithuthi (tracking report), iilogishithi zesithuthi kunye nesigunyaziso sokuthatha uhambo ngesithuthi sikarhulumente se-GG esisetyenzisiweyo.
4.5 Luya kuba phezu kwamagxa abaqhubi buqu uxanduva lokuphendula ngenxa yazo naziphi izenzo zokwaphula umthetho wezendlela ezenziweyo yaye bayabongozwa abaqhubi ukuba bayithobele imithetho yendlela. Ukuphinda-phinda ukwaphula umthetho kungakhokelela ekunqunyanyisweni kwelungelo elikhethekileyo lomqhubi lokusebenzisa izithuthi zikarhulumente ze-GG.

5. Ukusetyenziswa kwezithuthi zikarhulumente ze-GG nezithuthi eziqeshiweyo
5.1 Ukuze kube nokusetyenziswa isithuthi sikarhulumente se-GG okanye isithuthi esiqeshiweyo (leased vehicle), igosa lilindeleke ukuba lenze isicelo soko ngohlobo olumiselweyo kwaye malibe naso isigunyaziso sokuthatha uhambo. Ngenxa yeendleko zepetroli, ayacelwa amagosa ukuba ayicwangcise imisebenzi efuna kusetyenziswe izithuthi zikarhulumente ze-GG ngendlela apha eya kuthintela inkcitho engeyomfuneko.
5.2 Ngethuba leeholide zezikolo, zonke izithuthi zikarhulumente mazipakwe eofisini okanye kwiziko elo. Iintloko zee-ofisi okanye zamaziko zinako ukutenxa kulo mgaqo-nkqubo kuphela kwiimeko ezizodwa kakhulu (exceptional cases), kwakuba kuthathelwe ingqalelo iziphumo zoko ngokwasezimalini ngakurhulumente.
5.3 Amagosa ee-ofisi asebenza ikakhulu ngokusisigxina ezi-ofisini yaye ke akanako ukuba anikwe isithuthi sikarhulumente se-GG ngokupheleleyo ngelo xesha, kuba izithuthi ezo zabelwe amaziko. Ukuba kuza kuthathwa uhambo lwaseburhulumenteni, kufuneka igosa lenze isicelo ngendlela emiselweyo. (Funda kumhlathi 4.1 ngokumalunga namalungu akulawulo oluphakathi nakulawulo oluphezulu.)
5.4 AmaGosa eZothutho makaqinisekise ukuba le miqathango ikhankanywe apha ngentla ithotyelwa ngokungqongqo kwanokuba izitshixo, ii-logbooks, ne-toll cards zibuyiswa kunye nesithuthi. Amagosa achaphazeleka kwiiprojekthi ezizodwa (special projects) ngethuba leeholide zezikolo makenze isicelo sokusebenzisa isithuthi sikarhulumente se-GG ukulungiselela kanye loo njongo.

6. Ukwenziwa kwesicelo sokucela isigunyaziso
6.1 Akukho gosa livumelekileyo ukuqhuba isithuthi sikarhulumente se-GG ngaphandle kokuba linelayisensi yokuqhuba esemthethweni nesigunyaziso esisemthethweni sokuba lithathe olo hambo luthile. Umqhubi makazalise ifom egunyazisa ukuthathwa kohambo i-Application to Travel form (GMT 2009/01). Oku makuvunywe kula manqanaba mathathu alandelayo:

  • KwaNdlunkulu ngumntu okwisikhundla esingekho ngaphantsi kweso seSekela Mlawuli;
  • Kwii-ofisi zezithili zemfundo ngumntu okwisikhundla esingekho ngaphantsi kweso seGosa lezoLawulo eLikhulu (Senior Administration Official); kunye
  • Nakwiziko lemfundo yintloko yeziko elo.
6.2 Igosa elivuma isicelo maliqinisekise ukuba olo luhambo lwaseburhulumenteni kwaye kukho imali eyaneleyo ekhoyo elungiselelwe olo hambo.
6.3 Umqhubi makangenise i-GMT 2009/01 evunyiweyo kwiGosa lezoThutho ubuncinane kwiiyure eziyi-24 phambi kohambo. Phambi kokuba isithuthi sithathwe, umqhubi makangenise ilayisensi yakhe yokuqhuba esemthethweni engabhalwanga sohlwayo (valid unendorsed driver’s licence) kwiGosa lezoThutho ukuze ingqinisiswe. Ikopi yayo iya kufakwa kwifayili yelayisensi yokuqhuba yomqhubi ngeenjongo zokugcina iirekhodi. Amagosa angenako ukuveza ilayisensi yokuqhuba esemthethweni akayi kunikwa sithuthi sikarhulumente. Izigunyaziso zokuthatha uhambo azinakukhutshelwa ithuba elingaphezu kwenyanga enye.
6.4 Abasebenzi abaqeshwe ngemvumelwano nabasebenzi abangesosigxina (contract and temporary employees) beWCED mabaqale benze isicelo semvume yokusebenzisa izithuthi zikarhulumente, njengoko urhulumente inguye ojongana nentlawulo ngomonakalo kwizithuthi. Makufunwe imvume kuqala kwiCandelo lezoThutho ngeZithuthi zikaRhulumente (Government Motor Transport) phambi kokuba abasebenzi abaqeshwe ngemvumelwano babe nokuqhuba izithuthi zikarhulumente ze-GG.
6.5 Makuthotyelwe yonke imigqaliselo esebenzayo kusetyenziso lwezithuthi zikarhulumente. Nawuphi umonakalo owenzeke kwisithuthi sikarhulumente, ngenxa yezi zinto, phakathi kwezinye zazo, ingozi okanye ubusela, mawuripotwe ngoko nangoko ngumqhubi kwiGosa lezoThutho nakwisikhululo samaPolisa esikufuphi zingadlulanga iiyure eziyi-24 zokwenzeka kwengozi.
6.6 Isithuthi sikarhulumente se-GG masigcinwe sicocekile ngaphakathi nangaphandle yaye sibuyiswe sikwimeko ebesikhutshwe sikuyo ngaphambili. Ukuphinda-phinda ukwaphula nokungathobeli lo mqathango kungakhokelela ekubeni igosa elo limangalelwe ngokungqinelana nomgaqo wokuziphatha wenkonzo yabasebenzi bakarhulumente.

7. Ukupakwa kwezithuthi zikarhulumente ze-GG kwipropathi yabucala
7.1 ISetyhula yezoThutho uNo. 4 ka-2000 imisela ukuba xa isithuthi sikarhulumente se-GG sipakwe kwipropathi yabucala, makuthathwe onke amanyathelo okusikhusela ekubiweni, emlilweni, ekonakalisweni nasekusetyenzisweni ngokunga-gunyaziswanga. Makubekho igaraji etshixwayo okanye iigeyithi ezitshixwayo ukukhusela isithuthi. Luxanduva lweNtloko yeofisi okanye yeziko ukuqinisekisa ukuthotyelwa kwalo mqathango wokusetyenziswa kwaso kunye nokuvuma okanye ukwala ukusetyenziswa kwaso ngokungqinelana noku.
7.2 Makukhutshwe ifom yesigunyaziso esayiniweyo yokupaka isithuthi sikarhulumente kwikhaya legosa, o.k.t. i-Application for Private Garaging of State-owned Vehicles. Lo gama isithuthi sikarhulumente se-GG sipakwe kwikhaya legosa, akuvumelekanga ukuba sisetyenziselwe naziphi iinjongo zabucala. Ukusetyenziselwa iinjongo zabucala kwesithuthi sikarhulumente se-GG, okanye isithuthi esirentwe ngokwe-GMT 2005/05 contract kuthintelwe.
7.3 IWCED ilindele kwigosa ngalinye elithweswe uxanduva lokusebenzisa isithuthi sikarhulumente ukuba liqinisekise ukuba ezo zithuthi azisetyenziswa ngokungafanelekileyo nokuba izicelo zokusetyenziswa ngokusemthethweni ziyatshekishisiswa ngamagosa ekugqithiselwe kuwo lo msebenzi. Abakhweli abangagunyaziswanga ngokusemthethweni, o.k.t. abo bahanjiswa ngesithuthi ingekuko ukuphumeza iinjongo zaseburhulumenteni, amagosa angekho msebenzini kunye nepropathi yabucala, umz. ifanitshala, mayingaze ithuthwe ngezithuthi zikarhulumente, ngaphandle kokuba kufunyenwe isigunyaziso esibhaliweyo esenziwe yiNtloko yeSebe leMfundo, okanye ngulowo edlulisele kuye igunya layo.

8. Okubhalwe kule setyhula makwaziswe onke amagosa asebenzisa izithuthi zikarhulumente ze-GG ekwenzeni imisebenzi yawo ukuze akuthathele ingqalelo.

9. Ukufumana ingcaciso engaphezulu, ungaqhagamshelana nala magosa alandelayo:

Mnu CK Barron Ifoni 021 467 2789
Mnu JG Heath Ifoni 021 467 2797
Mnu MB Noboza Ifoni 021 467 2791
Nks E Santo Ifoni 021 467 2339


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:05:26

"Public Finance Management Act, 1999 (Act 1 of 1999)"  (ubukhulu: 487 KB)