1. IZikolo eNtshona Koloni zilindeleke ukuba zinike umfundi obhalisiweyo ngamnye incwadi yesifundo kwisifundo ngasinye.

2. Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba bonke abafundi kwisikolo ngasinye banazo iincwadi zezifundo kwisifundo ngasinye ngo-2016, ziyacelwa iinqununu ukuba:

  1. ziqinisekise amanani obhaliso abafundi aqikelelweyo ngokwebakala ngalinye ukwenzela u- 2016; kunye
  2. nenani leencwadi zezifundo ekulindeleke ukuba zigcinwe ekupheleni kuka-2015.

Le ngcaciso iyimfuneko ukulungiselela uku-odolwa kweencwadi zezifundo zokongezelela nezokwanda kwamanani abafundi ngo-2016.


3. Izikolo zinoku-odola iincwadi zokongezelela zango-2016 phakathi koLwesithathu we-17 Juni 2015 noLwesithathu we-24 Juni 2015 zisebenzisa ifasilithi emiselwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED).

4. Iimali zemimiselo nemigangatho yolwabiwo-mali zezikolo ziya kusetyenziselwa ukuhlawulela iincwadi zezifundo zokongezelela nezamanani okwanda kwabafundi (top-up and learner growth textbooks) ngoJanuwari 2016.

5. Ukuba izikolo zinezabelo zemimimiselo nemigangatho ezaneleyo ezifumanekayo ukuthenga iincwadi zezifundo zokongezelela nezokwanda kwamanani abafundi, makufakwe isicelo kwiSebe iWCED sokufuna uncedo lwezemali. Isicelo masizaliswe kwithemplethi eqhotyoshelweyo, yaye masibonise isixa-mali esikhoyo sesabelo semimiselo nemigangatho nesizathu sokucela uncedo lwezemali. Le themplethi mayisayinwe yinqununu yesikolo yaye iskenwe ize ithunyelwe nge-imeyili ku-: Aletta.Knipe@westerncape.gov.za

6. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zenze amalungiselelo kwangaphambili yaye ziqalise ukuzifaka kwikhompyutha ii-odolo zazo zeencwadi zezifundo zokongezelela ezifunekayo ukuqalela ngosuku ekuvulwa ngalo isistim yekhompyutha (online system) ngowe-17 Juni 2015.

7. Xa kungenwa kwi-CEMIS:

  • Khetha u-"Administration" kwi-menu bar uze ukhethe u-"CAPS textbook top-up" kwi-drop down list;
  • Imenu i-sub-menu iya kuvela yaye iya kukusa kwi-capture screen, naku-"How to guide"; yaye
  • Ziyakhuthazwa izikolo zibe nolwazi ngokuqulethwe ku-"How to guide" phambi kokufaka ii-odolo ii-top-up textbook orders.
8. Kucelwa ufunde i-welcome note ne-guide kwi-CEMIS ukuqinisekisa ukuba ngubani na emakuqhagamshelwane naye ukuba kukho iingxaki ezithi zibekho ekufakeni ii-odolo zeencwadi zezifundo zokongezelela ii-top-up textbook orders.

9. Yakuba ingqininisisiwe i-odolo kwikhompyutha yaza yasayinelwa, isikolo sifanele ukuprinta ikopi eliphepha ye-odolo engqinisisiweyo (verified order), siyitshekishe ukuba ichanekile na size siyifake kwiirekhodi zesikolo.

10. Kucelwa wazise ngokuqulethwe kule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:06:08

IsiHlomelo A: ISICELO SONCEDO LWEZEMALI SEENCWADI ZEZIFUNDO ZOKONGEZELELA UKWENZELA U- 2016
(ubukhulu: 50 KB)