1. Ngenxa yokwanda kokusetyenziswa kwezithuthi zeGG ngamagosa eSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED), kuye kwayimfuneko ukuba kukhunjuzwe amagosa ngoxanduva lwawo ngokweTransport Circular No. 4 of 2000 kwane-GMT Circular U2 32/2009.

2. Le setyhula iye yahlaziywa yaye itshitshisa iSetyhula 0016/2008 ngokupheleleyo.

3. Ukubhukishwa kwesithuthi seGG ukwenzela iihambo zaseburhulumenteni.

Isithuthi seGG masibhukishwe ubuncinane kwiiyure eziyi-24 phambi kokuba kuthathwe uhambo ngokuzalisa i-Application to Travel Form ekwenziwe ukhutshelo lwayo (in duplicate). Isigunyaziso sohambo masivunywe ligosa elikwinqanaba lesikhundla seSekela Mlawuli okanye esingaphezu koko yaye mayibekho imali yokuthatha uhambo olo.


4. Ukulungela kwesithuthi ukuhamba endleleni
4.1 I-Government Motor Transport (GMT) iziphucule izithuthi zeGG zazizithuthi zale mihla yangoku yaza yarhoxisa izithuthi ezidala ukuba zingasetyenziswa. Injongo yethu, ngoncedo nangentsebenziswano yenu, kukuba sigcine yaye siphucule imeko yezithuthi zeGG. Ukuze siqinisekise ukuba isithuthi ngasinye sikwimeko entle nekhuselekileyo kwaye sikulungele ukuhamba endleleni, kunyanzelekile ukuba umqhubi asihlole isithuthi phambi kokuba asisebenzise ngokuthi azalise uluhlu lokutshekisha olunikiweyo.
4.2 Ukuba kuye kwakho nawuphi na umonakalo kwisithuthi okanye iingxaki zokufuna ukulungiswa (mechanical problems), umqhubi makakuxele oko ngoko nangoko kwicandelo elijongene nezothutho. Ukuba kuye kwakho nawuphi na umonakalo, ilahleko okanye ukubiwa okungaxelwanga (not reported), ityala liya kubekwa emagxeni omqhubi wokugqibela ukusebenzisa isithuthi esichaphazelekayo.
4.3 Tshekisha ngononophelo isithuthi seGG ukuqaphela ezi ziphako zilandelayo phambi kokuba uqhubeke ngohambo:

  • Ukubetheka nemikrwelo kubuqu besithuthi nakwiibhampa, ifestile yangaphambili echachambileyo neefestile ezichachambileyo, amatayari amtyibilizi namoshakeleyo, ukuchitheka kwe-oyili namanzi phantsi kwesithuthi;
  • Izibane zangaphambili neebreyikhi (kubandakanywa nebreyikhi yesandla) ezingasebenzi kakuhle
  • Akukho diski yelayisensi isemthethweni; yaye
  • Akukho vili lisisipere, jekhe okanye sipanela samavili.

Omakuqatshelwe: Luxanduva olusemagxeni omqhubi ukungavumi ukuqhuba nasiphi na isithuthi esikwimeko yokungakulungeli ukuhamba endleleni.


5. Ukulungiswa/ukulondolozwa kwezithuthi
5.1 Nasiphi na isiphako kwisithuthi masiqwalaselwe ngoko nangoko ukuthintela umonakalo ongaphezulu. Isithuthi esinesiphako asiyi kukhutshwa side isiphako eso sibe silungisiwe.
5.2 Ukulungiswa nokulondolozwa kwezithuthi zeGG yinto yokuqala ngaphezu kokusetyenziswa kwazo. Ngako oko ke, ukulungiswa kwezithuthi akusayi kulityaziswa ngenxa yokunqongophala kwezithuthi. Amagosa ezothutho makaxelelwe ngaso nasiphi na isithuthi ekumele siye kulungiswa (due for service) o.k.t. ukuba sikho isalathisi esibonisa oko (vehicle servicing indicator is on).

6. Ukucoceka nobunono kwizithuthi
6.1 Ukutshaya akuvumelekanga kwizithuthi zeGG. Makuthathelwe ingqalelo abo bangatshayiyo ekufuneka nabo basebenzise isithuthi. Ukungathobeli oku kuya kukhokelela ekuthathweni kwamanyathelo oluleko ngakwabo baqhubekayo ngokutshaya kwizithuthi kwaye bashiye uthuthu lwemidiza nezitompi zemidiza zithe saa kwisithuthi.
6.2 Abaqhubi bezithuthi zeGG, ngokusebenzisana namagosa ajongene nezothutho, mabaqinisekise ukuba izithuthi zigcinwa zicocekile nangobunono, ngaphakathi nangaphandle. Zonke iibhotile ezingamakhoba, iitoti ezingamakhoba, iibhokisana ezilahliweyo zokufaka ilantshi, amaxwebhu omsebenzi, njl. njl. makasuswe kwisithuthi phambi kokuba sibuyiswe.

7. Iingozi
7.1 Ingozi okanye ilahleko echaphazela isithuthi seGG mayixelwe zingadlulanga iiyure eziyi-24 kwaBenkonzo zamaPolisa aseMzantsi Afrika (SAPS) nakwigosa elijongene nezothutho elichaphazelekayo
7.2 Umqhubi kufuneka:

  • Angasisusi isithuthi xa kuye kwenzakala okanye kwasweleka nawuphi na umkhweli (nabaphi na abakhweli) okanye umntu (abantu);
  • Angavumi butyala kuye nabani na okanye athembise ngokwenza naluphi na uhlobo lwentlawulo;
  • Aqhagamshelane no-Nedfleet ukwenzela ukuba isithuthi sirhuqwe xa kuyimfuneko (aqinisekise ukuba ziyasuswa izinto ezinexabiso kwisithuthi nokuba i-logbook nekhadi lepetroli/le-toll zinikwa igosa elijongene nezothutho;
  • Afumane i-case number ku-SAPS zingadlulanga iiyure eziyi-24; yaye
  • Azalise ifom yengxelo yengozi i-Collision/Accident Report form (GMT 2012-02), efumaneka kumagosa ajongene nezothutho, aze ayingenise, ihamba kunye nawo nawaphi na amanye amaxwebhu axhasayo afanelekileyo (umz. isigunyaziso sohambo, ilayisensi yomqhubi, izitatimenti zamangqina, isketshi sendawo leyo kwehle kuyo ingozi, isigunyaziso sokugcina isithuthi egaraji/uyigcine kwindawo eyeyakho ebusuku), zingadlulanga iintsuku ezi-5 zomsebenzi kwigosa elijongene nezothutho elichaphazelekayo.
8. Ukulandelelwa kwezithuthi

Makwaziwe ukuba izithuthi zeGG zifakelwe ii-electronic tracking devices kwanokuba iihambo zesithuthi nokuziphatha komqhubi, o.k.t. ukuhamba ngesantya esiphezulu kubekwa esweni.

9. Iinombolo zeefoni

Nedfleet:
  • Service authorisation and tyres:
  • 0800 500 005
  • Reporting of lost/stolen fuel/toll cards:
  • 0860 110 722 (office hours)
    0800 110 929 / 0800 335 311 (after-hours)
  • Towing of vehicles (accident or mechanical breakdown): 0800 500 005
  • AFS (e-fuel):
  • Helpdesk (manual overrides):
  • 0860 100 353
  • Installation or calibration problems:
  • 021 467 4768 (office hours) /
    071 879 5111 (after-hours)

    GMT:

    • Lost or stolen items, as well as vehicle condition problems: 021 467 4756 / 4783
    • Reporting of accidents: 021 467 4713 (office hours) / 0800 500 005 (after hours)
    • Vehicle theft or hijackings: 082 906 4057 (this is a 24-hours-a-day, 7-days-a-week line and where circumstances permit reporting must be immediate).
    10. Ukufumana ingcaciso engaphezulu, ungaqhagamshelana nalo naliphi na elinye lala magosa akwaNdlunkulu alandelayo:

    Mnu CK Barron   Ifoni 021 467 2789
    Mnu JG Heath Ifoni 021 467 2797
    Mnu MB Noboza Ifoni 021 467 2791
    Nks E Santo Ifoni 021 467 2339

    11. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku.


    ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
    INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
    UMHLA: 2015:04:10