1. Lo mgaqo-nkqubo uthatha indawo yoMgaqo-nkqubo weSebe leMfundo leNtshona Koloni ongeZikim zoThutho lwaBafundi weZikolo zikaRhulumente eziQhelekileyo (WCED Learner Transport Policy for Ordinary Public Schools), owawuthunyelwe ezikolweni kunye neSetyhula 0025/2013, yomhla we-30 Apreli 2013.
2. Olu xwebhu lomgaqo-nkqubo lufakelwe izilungiso luqhotyoshelwe apha, lusebenza ngoko nangoko kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo zaseNtshona Koloni ezinezikim zothutho lwabafundi ezixhaswa ngemali liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED).
3. Kucelwa iinqununu zezikolo nabalawuli bezithili ukuba benze olu xwebhu lomgaqonkqubo lufumaneke kuwo onke amaqela achaphazelekayo, kubandakanywa namalungu amabhunga olawulo nabasebenzi abasezikolweni nabakwii-ofisi zezithili zemfundo abasingethe umcimbi wolawulo lwezikim zothutho lwabafundi.
4. Bonke abasebenzi abachaphazelekayo mabafumane uqeqesho ukwenzela ukulondolozwa kokusebenza ngokufanelekileyo kwezikim zothutho lwabafundi.
5. Mayilandelwe ngokuthe mbo imigqaliselo equlethwe kulo mgaqo-nkqubo uqhotyoshelweyo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:05:13

UMGAQO-NKQUBO WESEBE LEMFUNDO LENTSHONA KOLONI ONGEZIKIM ZOTHUTHO LWABAFUNDI  (ubukhulu: 88 KB)
"Learner Transport Schemes: Vehicle Inspection Checklist"  (grootte: 52 KB)