1. Le setyhula iye yahlaziywa yaye itshitshisa iSetyhula 0036/2001 neSetyhula 0029/2008 ngokupheleleyo.

2. Ukufakwa kwengcaciso kwiilogu ngokuchanekileyo ngesithuthi ngasinye kubalulekile, phakathi kwezinye izinto, ngenxa yezi zizathu zilandelayo:

  • Iinkcukacha zohambo ezichanekileyo;
  • Ukufakwa kweenkcukacha ze-odomitha ukulungiselela ukubalwa kwentlawulo efunekayo ekupheleni kwenyanga;
  • Imibuzo malunga nokusetyenziswa gwenxa kwezithuthi;
  • Uphando ngengozi;
  • Iinkcukacha zokuzazisa zomqhubi; kunye
  • nezolwaphulo-mithetho yendlela (Traffic Violations).
3. Ukususela nge-01 Januwari 2011, inkqubo yokubalwa kweentlawulo (billing process) yatshintshelwa kwii-odometer readings ezifakwe kwikhompyutha ngabenzelwa iinkonzo ngokusebenzisa i-Fleetman client module facility. Ezi odometer readings ziya kungqinisiswa kuqala zithelekiswe ne-tracking okanye i-e-fuel information. Emva koko kuya kubalwa iintlawulo ezifunekayo ize i-akhawunti ithunyelwe nge-imeyili kumasebe ukwenzela ukuba ingqinisiswe yaye kwenziwe intlawulo.

4. Ngako oko kuyimfuneko kakhulu ukuba iilogishithi zingeniswe ngexesha phambi kowe-24 kwinyanga nganye. UNdlunkulu nee-ofisi zezithili zemfundo ezisebenzisa i-client module ukufaka ii-odometer readings maziqinisekise ukuba zonke ii-odometer readings ziqokelelwa phambi okanye ngowe-25 kwinyanga nganye.

5. Ukungazingenisi iilogishithi kuya kubangela ukuba izithuthi zeGG zenzelwe amabango eentlawulo wona enzelwa imindilili (billed on averages). ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ngako oko linyanzelekile ukuba lithathe amanyathelo ngakumagosa ezothutho angakwenzanga ukungqinelanisa (balance) nokungenisa iilogishithi.

6. Iilogishithi mazingeniswe kwaNdlunkulu qho ngenyanga phambi kowe-7 kwinyanga nganye elandelayo. Le shedyuli iqhotyoshelweyo mayizaliswe ize ikhaphe iilogishithi. Igosa ngalinye ke ngoko elisebenzisa isithuthi sikarhulumente linoxanduva lokuqinisekisa ukuba iilogishithi zisiwa kwigosa elijongene nezothutho kwangethuba.

7. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, ungaqhagamshelana nalo naliphi na igosa kula alandelayo kwaNdlunkulu:

Mnu CK Barron   Ifoni 021 467 2789
Mnu JG Heath Ifoni no. 021 467 2797
Mnu MB Noboza Ifoni 021 467 2791
Mnu E Santo Ifoni 021 467 2339

8. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:04:10

"Logsheet schedule"  (ubukhulu: 22 KB)