1. Le setyhula iye yahlaziywa yaye itshitshisa iSetyhula 0039/1995 ngokupheleleyo.

2. Ifom i-Application To Travel form ihlaziywe yiGovernment Motor Transport (GMT) yaza ke ngoko yaqhotyoshelwa apha ukuze isetyenziswe ngoko nangoko.

3. La magosa alandelayo agunyaziswe ukuba avume izigunyaziso zeehambo (trip authorities):

  • AmaSekela Balawuli okanye abangaphezulu kwaNdlunkulu nakwii-ofisi zezithili zemfundo ; kunye
  • neeNtloko zamaCandelo (Departmental Heads) kumaziko.
4. Isigunyaziso sohambo ngokumalunga nezithuthi zeGG ezabelwe amagosa ngokusisigxina sisebenza ngokusemthethweni inyanga enye kuphela yaye kufuneka sikhatshwe sisicwangciso sohambo esibonisa ngokupheleleyo iindawo ekuya kuyiwa kuzo (prescribed itinerary).

5. Isigunyaziso sisebenza ngokusemthethweni kumagosa awenza imisebenzi yawo yaseburhulumenteni nakubakhweli babucala abagunyaziselwe ukuhamba naloo magosa.

6. Isigunyaziso sisebenza ngokusemthethweni kuphela xa inombolo yesigunyaziso sesebe ikhutshiwe ligosa lezothutho elichaphazelekayo kwaNdlunkulu okanye kwi-ofisi yesithili.

7. Izigunyaziso zentsusa (original authorities) mazigcinwe kwisithuthi ngawo onke amaxesha yaye mazifumaneke xa zifuneka.

8. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:04:10

"Application to travel"  (ubukhulu: 35 KB)