1. Le setyhula ihlaziyiwe kwaye itshitshisa iSetyhula 0039/2008 ngokupheleleyo.
2. Injongo yale setyhula kukungqina ukuba amagosa enza umsebenzi ngexesha le-organised overtime emva ko-18:00 anokwenza isicelo sokunikwa izithuthi zikarhulumente kuhambo lokusuka kwindawo yomsebenzi ukuya kwiindawo ahlala kuzo, ngokuxhomekeka ekubeni kungeniswe iifom zesicelo ezifunekayo kuselithuba elide kwangaphambili nokuba isithuthi eso siyafumaneka.
3. Amagama neenombolo ze-ID zabakhweli abagunyazisiweyo makabhalwe kwi-Application to Travel form (GMT 2012-19) kwaye abo bakhweli banokuthuthwa basiwe kuphela kwiindawo abahlala kuzo.
4. Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko kunikwe ilifti nawuphi na umlingane (colleague) okanye umntu wosapho kuhambo lokubuyela emsebenzini ngexesha lakusasa.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:04:10