1. Le setyhula iye yahlaziywa yaye itshitshisa iSetyhula 0027/2011 ne-0031/2011 ngokupheleleyo.

2. Injongo yale setyhula kukwazisa amagosa ekufuneka ukuba basebenzise izithuthi zeGG ukuba i-Government Motor Transport (GMT) ikwiphulo lokufumana iinkcukacha ezipheleleyo zabo bonke abaqhubi bezithuthi zeGG ukwenza iziko ledatha yabaqhubi nokulilondoloza kwi-Fleetman (Fleet Management System); ukuthumela iileta zolwaphulo-mithetho yendlela ngqo kwigosa elichaneke ngokuthe ngqo nokwenzela iinjongo zokukhutshwa kweethegi zalowo nalowo mqhubi (iithegi eziblowu zeVDO) kumagosa abelwe izithuthi zeGG.

3. Umthetho omtsha i-Administrative Adjudication of Road Traffic Offences Act (AARTO) ubeka uxanduva emagxeni abasebenzi abajongene nokusetyenziswa kwezithuthi zikarhulumente (vehicle fleet operators) ukufumana iinkcukacha ezichanekileyo zabaqhubi, ngokukodwa ezingokuqaliswa kwenkqubo entsha yokuxhuzulelwa amanqaku ngolwaphulo-mithetho yendlela (new de-merit system), ejoliswe kubaqhubi abenza izenzo zolwaphulo-mithetho yendlela. Oku kungakhokelela ekugqibeleni ekunqunyanyisweni okanye ekucinyweni ezincwadini kwelayisensi yomqhubi. Amagosa aneelayisensi zawo zokuqhuba zinqunyanyisiweyo okanye zicinyiweyo ezincwadini akavumelekanga ukuba aqhube izithuthi zeGG.

4. Ngako oko ke kucelwa aBaphathi abaJongene noSetyenziso lweZithuthi (Responsibility Managers) neeNtloko zee-ofisi nezamacandelo ziqinisekise ukuba onke amagosa asebenzisa izithuthi zikarhulumente azalisa ifom yokungqinisisa iinkcukacha zabaqhubi eqhotyoshelweyo zize ziyithumele, ihanjiswa kunye namaxwebhu axhasayo aceliweyo kwifom, kwaNdlunkulu weWCED (For attention: Mr JG Heath, Room 6-09).

5. Kuphela ziikopi ezicacileyo ezingqinisisiweyo zesazisi nelayisensi

6. La maxwebhu afunekayo anako kwakhona ukuthunyelwa nge-imeyili kuye nawuphi na omnye wala magosa alandelayo kwaGovernment Motor Transport (GMT):

Igosa:
Idilesi ye-imeyili:
  Carol Jacobs
Carol.Jacobs@westerncape.gov.za
Igosa:
Idilesi ye-imeyili:
Shumeez Swarts
Shumeez.Swarts@westerncape.gov.za
6.1 Makukotshelwe (cc) kuMnu Jeffrey Heath zonke ii-imeyili (kule dilesi ye-imeyili: JeffreyGrant.Heath@westerncape.gov.za).
6.2 Kucelwa amagosa athumele nge-imeyili amaxwebhu askenwe ngokucacileyo angumbala (clearly scanned in colour) nge-compressed TIFF okanye i-PDF format neyeyona ndlela ikhethwayo. Uyakhunjuzwa isayizi yefayili eqhotyoshelweyo kumyalezo othunyelwe nge-imeyili mayingadluli kwi-50 000 KB (5 MB).

7. Yakuphelelwa ilayisensi yomqhubi, makuthunyelwe ikopi yelayisensi yomqhubi ehlaziyiweyo kwiGMT ukwenzela ukuhlaziya iinkcukacha kwiziko ledatha yabaqhubi.

8. Amagosa angazingenisanga iifom zawo okanye angabhaliswanga kwi-Fleetman system akasayi kunikwa gunya lokuba makaqhube izithuthi zeGG. I-Fleetman system ayisayi kuvumela magosa ajongene nezothutho ukuba akhuphele abaqhubi izithuthi zeGG ukuba ababhaliswanga kwisistim.

9. Ukufumana ingcaciso engaphezulu, ungaqhagamshelana nalo naliphi na elinye lala magosa akwaNdlunkulu alandelayo:

Mnu CK Barron   Ifoni 021 467 2789
Mnu JG Heath Ifoni 021 467 2797
Mnu MB Noboza Ifoni 021 467 2791
Nks E Santo Ifoni 021 467 2339

10. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:04:10

"Driver details and declaration form"  (ubukhulu: 337 KB)