1. UMphathiswa wePhondo onoxanduva lwezemfundo eNtshona Koloni, esebenza ngokwecandelo 48(2) loMthetho weMfundo weZikolo zePhondo leNtshona Koloni, 1997 (uMthetho 12 ka-1997) umisele iMisebenzi neMigaqo yokuSungula noNyula amaBhunga aMele aBafundi kwiZikolo zikaRhulumente.

2. Le mimiselo iqhotyeshelweyo iguzula le Migqaliselo ilandelayo

  1. umgqaliselo 24 woMqhaliselo ophathelele kumaBhunga oLawulo namaBhunga aMele aBafundi kwiZikolo zikaRhulumente (ngaphandle kweZikolo zikaRhulumente zaBafundi abaneZidingo zeMfundo eziKhethekileyo), opapashwe njengeSaziso sePhondo 164/2008 kwiGazethi yePhondo yeSikhawu 6519 yowama-20 kuCanzibe 2008;

  2. Umgqaliselo 24 woMgqaliselo ophathelele kwiZigqeba zoLawulo nakumaBhunga aMele aBafundi kwiZikolo zikaRhulumente zaBafundi abaneZidingo zeMfunso eziKhethekileyo (kubandakanya neZikolo zikaRhulumente zaBafundi abaThunyelwe okanye abaWeliselwe apho ngokoMthetho iChildren's Act, 2005 (uMthetho 38 wama-2005); uMthetho weMfundo weZikolo zePhondo leNtshona Koloni, 1997 (uMthetho 12 ka-1997), 1997 (uMthetho 12 ka-1997), nangokoMthetho iCriminal Procedure Act, 1977 (uMthetho 51 ka-1977), njengoko wenziwe izilungiso), opapashwe kwiSaziso sePhondo 278/2008 kwiGazethi yePhondo yeSikhawu 6554 yowe-12 kweyoMsintsi 2008; kwakunye

  3. Nomgqaliselo 19 woMgqaliselo ophathelele kwiZigqeba zoLawulo nakumaBhunga aMele aBafundi kwiZikolo zikaRhulumente zaBafundi abaThunyelwe okanye abaWeliselwe apho ngokoMthetho iChildren's Act, 2005 (uMthetho 38 wama-2005); uMthetho weMfundo weZikolo zePhondo leNtshona Koloni, 1997 (uMthetho 12 ka-1997), 1997 (uMthetho 12 ka-1997), nangokoMthetho iCriminal Procedure Act, 1977 (uMthetho 51 ka-1977), njengoko wenziwe izilungiso, opapashwe kwiSaziso sePhondo 279/2008 kwiGazethi yePhondo yeSikhawu 6554 yowe-12 kweyoMsintsi 2008,

kwaye oku kuya kuqala ukusebenza ngomhla wo-1 kweyoMqungu 2015.

3. Nceda uqaphele ukuba, ngokwemigqaliselo echazwe kumhlathi we-2, izikolo esele zanyule amaBhunga aMele aBafundi kwikota yesine yowama-2014 ukulungiselela unyaka wama-2015 akukho sidingo sokuba ziphinde zanyule ngokutsha.

4. Le Mbalelwano kufuneka ifudwe kunye Nemizulu: Ingcaciso Emfutshane Yecandelo Locwangciso, Lolawulo Nokuphathwa Kwamaziko 0015/2014 ePhume nge 26 ka November 2014.

5. Iinqununu ziyacelwa ukuba zazise onke amaqela achaphazelekayo ngale mbalelwano.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:01:12

"Western Cape Provincial School Education Act, 1997"  (ubukhulu: 61 KB)
Tsongezelelo kwiGazethi yePhondo 7317  (ubukhulu: 288 KB)