1. Le setyhula ihlaziyiwe yaye iyitshitshisa iSetyhula 0041/2012 ngokupheleleyo.
2. UMphathiswa wePhondo wezeMfundo ngesaziso kwiGazethi yePhondo 6982, yowe-13 Apreli 2012, wapapasha olu xwebhu luqhotyoshelwe apha loMgaqo wokuZiphatha waMalungu amaBhunga oLawulo eZikolo zikaRhulumente (Code of Conduct for Members of School Governing Bodies of Public Schools).
3. Lo mgaqo wokuziphatha unemigaqo emalunga nenkqubo yokumangala enobulungisa (due process), ekhusela isidima samalungu ebhunga lolawulo ngethuba leengxoxo zetyala loluleko.
4. Onke amalungu ebhunga lolawulo makalandele ngqo lo mgaqo wokuziphatha.
5. Kukhuthazwa amabhunga olawulo ukuba awufunde lo mgaqo wokuziphatha ngenyameko enkulu aze awusebenzise ngokungatshintsha-tshintshiyo.
6. Kucelwa uqhagamshelane nomphathi wezeIMG wesikolo sakho ukuba unemibuzo onayo.
7. Kucelwa wazise okukule setyhula nakumgaqo wokuziphatha oqhotyoshelweyo bonke abasebenzi, amalungu ebhunga lolawulo lesikolo nabazali ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:04:08

UMGAQO WOKUZIPHATHA WAMALUNGU AMABHUNGA OLAWULO EZIKOLO ZIKARHULUMENTE  (ubukhulu: 259 KB)