1. Le setyhula ihlaziyiwe yaye iyitshitshisa ngokupheleleyo iSetyhula 0037/1999

2. Amaziko emfundo aseNtshona Koloni avamise ukutyelelwa ngabantu abahloniphekileyo abanjengabaphathiswa bamasebe amaphondo okanye abaphathiswa bakazwelonke okanye iindwendwe ezihloniphekileyo.

3. Nokuba umntu lowo uhloniphekileyo umenywe liziko okanye nokuba undwendwe lucela ukutyelela iziko, makucingisiswe ngenkathalo ngomgaqo osebenzayo kwiimeko ezinjalo.

4. Lo mgaqo ulandelayo, nofanele ukulandelwa ngawo onke amaqela, unenjongo yokukhuthaza ukuthungelana ngokufanelekileyo kwengcaciso malunga notyelelo olo kuwo onke amasebe ephondo:
4.1 Isimemo sifanele ukukhutshwa kwangethuba kakhulu phambi kokuqhubeka kwetheko, kwaye oko kufanele ukusoloko kungqinisiswa ngokubhalwa phantsi.
4.2 Isimemo masinike ingcaciso ngohlobo lwetheko elo, isinxibo nokuba ingaba umntu ohloniphekileyo okanye undwendwe oluhloniphekileyo kuya kulindeleka ukuba lwenze imisebenzi ethile na.

5. Xa umntu ohloniphekileyo, onjengoMphathiswa wePhondo weMfundo eNtshona Koloni, ecela ngokwakhe ukutyelela iziko okanye ecelwa ukuba makenjenjalo, inqununu mayazise iNtloko yeSebe leMfundo nomlawuli wesithili ochaphazelekayo ngokukhawuleza ngotyelelo olo lusacetywayo.
5.1 Ukuba umntu ohloniphekileyo okanye undwendwe oluhloniphekileyo lunguMphathiswa wePhondo welinye isebe lephondo, inqununu mayazise uMphathiswa wePhondo weMfundo eNtshona Koloni, iNtloko yeSebe leMfundo nomlawuli wesithili ochaphazelekayo.
5.2 Ukongeza apha ngasentla, ngumgaqo onqwenelekayo ukuba umntu ohloniphekileyo otyelelayo makakhatshwe ngamalungu akhethekileyo angabasebenzi abasuka kwiSebe iWCED. Apho kunako ukwenzeka, iqela elo malibandakanye uMlawuli oyiNtloko weZithili (okanye igosa ekudluliselwe kulo amagunya okuba limele yena) noMphathi weSekethe.
5.3 Ukuba umntu ohloniphekileyo otyelelayo nguMphathiswa weSebe leMfundo esiSiseko, makakhatshwe ubuncinane ngomnye waba bantu balandelayo: uMphathiswa wePhondo weMfundo eNtshona Koloni, iNtloko yeSebe leMfundo, uMlawuli oyiNtloko weZithili okanye umlawuli wesithili ochaphazelekayo.

6. Ukulandelwa kwesi sikhokelo ngawo onke amaqela esiya kusebenza kuwo kuya kukhokelela ekuthungelaneni okufanelekileyo kwengcaciso kwakunye nakwimpumelelo yamalungiselelo enziwayo xa amaziko emfundo etyelelwa ngabantu abahloniphekileyo okanye ziindwendwe ezihloniphekileyo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:03:26