1. Kunikwe imvume yokunyuswa kwezi bhasari zilandelayo ukususela nge-01 Apreli 2015:
1.1 Eyona mali iphezulu yeebhasari zokubhoda ezihostele ehlawulelwa abafundiabasweleyo abasezihostele kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo inyusiweukusuka kwi-R6 933.00 ukuya kwi-R7 314.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.
1.2 Eyona mali iphezulu yeebhasari zokubhoda kwiindawo zabucala kunye neebhasarizezothutho ezihlawulelwa abafundi abasweleyo kwiZithili zeMfundo i-West Coast, i-Cape Winelands, i-Eden & Central Karoo ne-Overberg inyusiwe ukusuka kwi-R1 617.00 ukuya kwi-R1 706.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.

Qaphela: Zonke ezi bhasari zilapha ngasentla zibalwa ngokungqinelana novavanyo lobungakanani beemfuno (means test) oluvunyiweyo neekhrayitheriya ezimiselweyo ezicaciswe kwiSetyhula 0143/1998 ye-6 Novemba 1998 neSetyhula 0029/2001 ye-13 Matshi 2001.


2. Kukwavunyiwe kwakhona ukunyuswa kwezi nkxaso-mali (subsidies) zabasebenzi zilandelayo ukususela nge-01 Apreli 2015:
2.1 Inkxaso-mali yabasebenzi ehlawulwa kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezinenani labafundi ababhalisileyo elingaphantsi kwabafundi abayi-201, ukwenzela ukuqesha oomabhalane nabasebenzi bokucoca ngokubanzi, inyusiwe ukusuka kwi-R464.00 ukuya kwi-R490.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.
2.2 Inkxaso-mali yabasebenzi ehlawulwa kwiihostele zikarhulumente eziqhelekileyo ezinenani labafundi elingaphantsi kwabafundi abayi-50 abahlala ehostele ukwenzela ukuqesha oomabhalane, inyusiwe ukusuka kwi-R6 433.00 ukuya kwi-R6 780.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.
2.3 Inkxaso-mali yabasebenzi ehlawulwa kwiihostele zecawa okanye zabucala ukwenzela ukuqesha oomabhalane nabasebenzi bokucoca ngokubanzi, inyusiwe ukusuka kwi-R1 620.00 ukuya kwi-R1 709.00 ngomfundi ngamnye ngonyaka.

3. Kucelwa wazise okukule setyhula amalungu ebhunga lolawulo lesikolo nabo bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:03:24