1. ISetyhula 0030/2014, yazise ukuba iincwadi zomsebenzi zabafundi bamaBakala R – 9 kwiinyanga ezintandathu (6) zokugqibela zika-2015 ziya kusiwa kuzo zonke izikolo zikarhulumente. Ezi ncwadi zomsebenzi zaye zaziswa ziphelele kuzo zonke izikolo zikarhulumente ngomhla we-4 Matshi 2015. Iincwadi zomsebenzi zeBakala R ziqulethe iNcwadi yesi-3 (ngeKota yesi-3) neNcwadi yesi-4 (ngeKota yesi-4) kunye neencwadi zomsebenzi zamaBakala 1 – 9 ziqulethe uVolyum yesi-2 (ngeKota yesi-3 neyesi-4).
2. Phakathi kowe-15 nowe-22 Apreli 2015 zonke izikolo zikarhulumente mazingene kwi-CEMIS ukuze zikwazi ukuqaphela iincwadi zomsebenzi ezishotayo nezingaphezu kwemfuneko zamaBakala R – 9. Ngeli xesha izikolo mazifake ekhompyutheni zize zisayinele amanani abafundi ezinawo ngoku kwiCEMIS kunye netotali yenani leencwadi zomsebenzi ezaye zafunyanwa ncakasana zesifundo ngasinye kumaBakala R – 9.
3. Xa izikolo zingena kwi-CEMIS, mazikhethe u- "Administration" option okwi-menu bar. Kwi-drop down list, khetha u- "Workbooks" uze ukhethe u- "Welcome and guidelines" okanye iskrini esino- "Capture".
4. Kungaqhagamshelwana naba bantu balandelayo ukuba ufuna uncedo ngokufaka iinkcukacha zakho nokusayinela inkqubo (sign off process):

Vuyelwa Madasi (ifoni 021 467 2108), idilesi ye-imeyili
Vuyelwa.Madasi@westerncape.gov.za
Bongiwe Nkwali (ifoni 021 467 2221) okanye idilesi ye-imeyili
Bongiwe.nkwali@westerncape.gov.za

5. Zakuba zifakiwe zonke iinkcukacha zeencwadi zomsebenzi zesikolo zezo zigaba zithile, makugqitywe ukusayinela inkqubo.
6. Ingcaciso efunyenweyo ngeencwadi zomsebenzi ezishotayo nezingaphezu kwemfuneko iya kwenziwa ifumaneke kumagosa ezithili ekuluxanduva lwawo ukuququzelela nokulungiselela ukuhanjiswa kweencwadi zomsebenzi ezishotayo okanye ezingaphezu kwemfuneko.
7. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:03:24