1. Le setyhula yazisa iinqununu zezikolo, ootitshala namagosa ezithili ngenkqubo yokufakwa kwesishwankathelo seNdlela esiQhuba ngayo eZifundweni isikolo ngeKota (school’s Term Performance) yangoMatshi, ngoJuni, ngoSeptemba nangoDisemba 2015 kwizikolo zikarhulumente eNtshona Koloni.

2. Kufuneka izikolo namagosa zazi ukuba abafundi kwibakala ngalinye baqhuba njani na ezifundweni qho ngekota ukwenzela ukuba zikulandelele ukuqhuba kwabo ezifundweni zikuthelekisa neethagethi ezimiselweyo, zibe nako nokuqaphela abafundi abasemngciphekweni zize zenze izicwangciso zongenelelo ngoncedo ezifanelekileyo.

3. Ziyacelwa izikolo ukuba zifake iNdlela eziQhuba ngayo eZifundweni izikolo ngeKota (isishwankathelo samaBakala 1 - 12) kwiCEMIS ingadlulanga le mihla ilandelayo:

IKOTA YESIKOLO UMHLA
1 ULwesihlanu we-17 Apreli 2015
2 ULwesihlanu we-24 Julayi 2015
3 ULwesihlanu we-16 Oktobha 2015
4 ULwesihlanu we-11 Disemba 2015
(AmaBakala 1-11 kuphela)
4. Ukufikelela kwi-capture screen kwi-CEMIS yiya kwi:

  • "Assessments" tab;
  • Ukhethe u"Term Performance" kwi-drop down menu;
  • Khetha ibakala elifanelekileyo;
  • Ukhethe i-Term;
  • Faka iziphumo kumacandelo afunekayo (required fields); yaye
  • Wakugqiba, klikha kwi-submit button ngaloo ndlela ziya kuseyiveka iziphumo.
5. IsiHlomelo A esiqhotyoshelweyo sinika isikhokelo esicace gca ngendlela yokufikelela kwi-capture screen kwiCEMIS.

6. Ziyacelwa iinqununu zezikolo ukuba zazise ngokuqulethwe yile setyhula kubo bonke ootitshala.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:03:19

"IsiHlomelo A"  (ubukhulu: 481 KB)
"CEMIS contact list"  (ubukhulu: 234 KB)