1. Iyaqhubeka ukukhula qho ngonyaka imfuno engamandla yeendawo zokufunda ezikolweni eNtshona Koloni. Ukwenzela ukulawula ukwamkelwa kwabafundi ezikolweni ngokuyimpumelelo, ziyacelwa izikolo ziwalandele ngqo la manyathelo akhoyo alandelayo.

2. Amanyathelo acaciswe kule setyhula asebenza kwizicelo ezifunyenwe ngo-2015 zokwamkelwa kwabafundi ezikolweni ngo-2016.

3. Ukungqinelaniswa kwamaxesha amisiweyo (timeframes) ezicelo zokwamkelwa kwabafundi kwizikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED):
3.1 Ziyacelwa zonke izikolo ngokwenjenje ukuba zilandele ngqo la maxesha amisiweyo okwamkelwa kwabafundi angoku eSebe iWCED naqulethwe kuMgaqo-nkqubo woKwamkelwa kwaBafundi eZikolweni weSebe iWCED ocacisa ukuba isigaba sokuqala sezicelo eziya ezikolweni masivalwe ekupheleni kukaJuni.
3.2 Luyimfuneko olu ngqinelwaniso njengoko kukho ubungqina bokuba izikolo zinamathuba awahluka-hlukeneyo okwamkelwa abafundi naqala ukususela kuFebruwari kude kube nguDisemba.
3.3 Oku kunokutolikwa njengokungaqiniseki kwenkqubo yezemfundo njengoko abazali belindela iziphumo zezicelo zabo abathi bazifumane ngamaxesha ahlukileyo apha kunyaka wonke.
3.4 Ngaphezulu, oku kwenza kube nzima kwiSebe iWCED ukulawula abafundi abangekafumani ndawo (unplaced learners) nokucwangcisela amalungiselelo eendawo zokufunda (provision of spaces) phambi kokuqala konyaka wesikolo omtsha.

4. Ukufakwa kwiSAMI kwemihla yokwamkelwa kwabafundi yesikolo ukulungiselela u-2016:

Indlela yokusebenzisa ikhompyutha (function) ye-School Admission Management Information (SAMI) iya kufumaneka ukulungiselela ukufakwa kwezicelo ungadlulanga owe-31 Matshi 2015.

Iinqununu maziqinisekise ukuba imihla yethuba lokwamkelwa kwabafundi esikolweni ifakwa kwi-SAMI function kwi-CEMIS ungadlulanga owe-20 Apreli 2015.


5. Ukufakwa kwamanani abafundi acwangciselwe ubhaliso ngo-2016 kwi-SAMI:

Iinqununu maziwafake yaye ziwasayinele amanani obhaliso acwangcisiweyo ka-2016 kwiCEMIS ungadlulanga owe-20 Apreli 2015.


6. Ukufakwa kwiSAMI nokusingathwa kwezicelo zokwamkelwa kwabafundi esikolweni ukulungiselela u-2016:
6.1 Ziyacelwa izikolo ukuba zifake izicelo zabo BONKE abafundi abenze izicelo zokwamkelwa esikolweni ukulungiselela u-2016 kwi-CEMIS.
6.2 Zonke izicelo ezifunyenweyo mazifakwe kwikhompyutha.
6.3 Izikolo mazizibonise iziphumo zezicelo kwi-SAMI.
6.4 Indlela yokusebenzisa ikhompyutha (function) ye-SAMI ivelisa ilisti yabafundi abangekafumani ndawo (unplaced learners). Abazali baya kuthunyelwa kwesona sikolo, sithili okanye ofisi eyisathelayithi ikufutshane, ukuqinisekisa ukuba iinkcukacha zabafundi zifakiwe kwiziko ledatha.

7. Ukusombulula iimeko apho abafundi bengafumananga ndawo ezikolweni:

Amagosa ezithili achaphazelelakayo awenza umsebenzi wolawulo lokwamklewa kwabafundi ezikolweni aya kuzifumana iilisti zabafundi abangekafumani ndawo (unplaced learners) nezithuba ezikhoyo ezikolweni kwisithili. La magosa aya kucelwa ukuba ancedise ekusombululeni ingxaki yokufakwa kwabafundi ezikolweni ngokuthethana nezikolo kwizithili zawo nakwisekethe zawo ezichaphazelekayo.


8. Isishwankathelo: Imihla yoKwamkelwa kwaBafundi ukulungiselela u-2015/16

  Umsebenzi Imihla
1 Ukuvulwa kweSAMI ukulungiselela ukufakwa kwezicelo 31 Matshi 2015
2 Imihla emisiweyo yokufaka:
  • Imihla yokwamkelwa kwabafundi yesikolo ukulungiselela u-2016:
  • Amanani obhaliso acwangcisiweyo ango-2016 kwi-SAMI
  • 20 Apreli 2015
    3 Ukuvalwa kwezicelo zokwamkelwa (Kusebenza kuzo zonke izikolo - umjikelo wokuqala) 26 Juni 2015

    9. Ngenxa yokwanda kwemfuno yeendawo zokufunda ezikolweni, iSebe iWCED liyathemba ukuba la manyathelo aya kunceda izikolo nabazali. Sinqwenela ukubulela iinqununu, amabhunga olawulo namagosa ngenkxaso yabo ekufakeni abafundi ezikolweni.

    10. Yonke imibuzo malunga noku kungentla inokubhekiswa ngqo kwigosa lesithili elichaphazelekayo.

    11. Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile setyhula kubo bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


    ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
    INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
    UMHLA: 2015:03:19