1. Le setyhula ithatha indawo yeSetyhula 0007/2005.

2. Uxwebhu regulations pertaining to the Conduct, Administration and Management of National Examinations, lucacisa ukuba sisitenxo kumviwa ukusebenzisa okanye ukubanayo kuye iselula okanye ikhalityhuleyitha eyi-programmable calculator okanye nasiphi na isixhobo esiyi-electronic device esinokuba luncedo kuye lo gama ebhala iimviwo. Akukhathaliseki nokuba iselula okanye isixhobo i-electronic device sicinyiwe okanye siyasetyenziswa. Nje ngokuba neselula okanye isixhobo i-electronic device kwindawo yokubhalela uviwo, kuthathwa njengesitenxo soviwo.

3. Umviwa ofunyanwa eneselula kuye okanye enesixhobo i-electronic device esingagunyaziswanga ngethuba lokubhala uviwo, ziya kubhengezwa njengento elilize nengekhoyo (null and void) iziphumo zakhe kwelo phepha lemibuzo loviwo. Umviwa ochaphazelekayo unokuthintelwa ubuncinane kuviwo olunye (1) nakwiimviwo ezintathu (3) ezona zininzi eziya kulandela, kungabandakanywa iimviwo zokuxabangela.

4. Ngo-2014 iziphumo zabaviwa abali-11 zathi zabhengezwa njengento elilize nengekhoyo (null and void) ngenxa yokuba babanjwa beneeselula kwigumbi lokubhalela iimviwo.

5. Ithekhinoloji yeeselula ekudidi oluphezulu (Advanced cellphone technology) ngoku yenza kube lula ukufaka ingcaciso ethile kwiselula. Kufumaneke ubungqina boku ngethuba bekubhalwa uviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngo-2012 apho abaviwa abasisigxina abathathu babanjwa neeselula ezazikonekhthwe kwii-earphones. Iziphumo zaba baviwa bathathu bachaphazelekayo kweso sifundo sichaphazelekayo, zabhengezwa njengento elilize nengekhoyo (null and void). Ngo-2013 omnye umviwa wabanjwa eneselula kuye. Yakuba ihloliwe kwafunyaniswa ukuba inemifanekiso eyi-75 yamakhasi (pages) eencwadi zezifundo, ezazinxulumene noviwo olo wayelibhala, egcinwe apho kuyo.

6. Ngethuba lokufundwa kwemithetho yoviwo phambi kweseshoni nganye, kufuneka abagadi babaviwa abaziintloko bakhumbuze bonke abaviwa ukuba batshekishe ukuba abalibalanga na ukuzingenisa iiselula okanye izixhobo ii-electronic devices. Umgadi wabaviwa oyintloko makabazise abaviwa ukuba iselula okanye isixhobo i-electronic device esifunyenwe kumviwa ngethuba lokubhalwa koviwo siya kohluthwa aze abhengezwe njengomviwa onesitenxo kwiimviwo.

7. Kubalulekile ukuba abagadi babaviwa bambuze umviwa ofika emva kokuba umgadi wabaviwa oyintloko eyifundile imithetho yoviwo, ukuba akanazo naziphi na iiselula okanye izixhobo ii-electronic devices kuye phambi kokuba baqalise ukubhala uviwo.

8. Apho kuye kwenzeka ukuba umviwa afunyanwe eneselula okanye enesixhobo i-electronic device kuye lo gama kubhalwa uviwo, kufuneka kulandelwe le nkqubo ilandelayo:
8.1 Umgadi wabaviwa makayithathe iselula/isixhobo i-electronic device esingagunyaziswanga somfundi kwakunye nencwadi yeempendulo aze abhale igama elithi "IRREGULARITY" kwiphepha elingaphandle (front outside cover page) lencwadi yeempendulo, uhlobo/ubunjani besitenxo, umhla nexesha.
8.2 Umgadi wabaviwa emva koko makamnike umviwa enye incwadi yeempendulo entsha. Le ncwadi yeempendulo mayibhalwe ngokucacileyo la magama, "NEW ANSWER BOOK", umhla nexesha ayinikwe ngalo.
8.3 Umfundi makaxelelwe ukuba into yokuba avunyelwe aqhubeke nokubhala uviwo ayithethi kuthi uxolelwe ngokwaphula kwakhe imithetho yoviwo nokuba ingxelo ebhaliweyo iza kuthunyelwa kwiSebe kwakugqitywa ukubhalwa uviwo.
8.4 Umgadi wabaviwa makanganiki naliphi na ixesha elongezelelweyo ukubuyisa elo xesha aphulukene nalo ngethuba lokufunyanwa nokusingathwa kwesitenxo soviwo.
8.5 Kwakuphela iseshoni yoviwo umgadi wabaviwa obhaqe iselula okanye isixhobo i-electronic device esingagunyaziswanga makangenise kwangoko ingxelo epheleleyo, ebhaliweyo kwinqununu yesikolo. Makuthethwe nomviwa ngokumalunga nesitenxo emva kokugqitywa koviwo yaye makacelwe ukuba enze ingxelo efungelweyo (affidavit) okanye impendulo ebhaliweyo malunga neso sityholo abekwa sona. Umgadi wabaviwa oyintloko makazalise iFom yokuXela iSitenxo (Irregularity Report Form) ngokumalunga nesitenxo esichaphazelekayo yaye le fom mayisayinwe nguye, yinqununu yesikolo kwakunye nomviwa ochaphazelekayo.
8.6 Ukuba umviwa uyala ukungenisa ingxelo okanye impendulo ebhaliweyo efunekayo, oku kwala kwakhe makungqinwe ngencwadi ebhaliweyo ngumgadi wabaviwa oyintloko.
8.7 Inqununu yesikolo mayizingenise zonke iingxelo ezimalunga noku kumphathi wesekethe wayo ukwenzela ukuba zingeniswe apha:

Directorate: Assessment Management
Attention: Assistant Director for Irregularities
Western Cape Education Department
Grand Central Towers
Lower Parliament Street
Room 5-19

8.8 Umgadi baviwa kufuneka ayiphonononge iselula leyo ukukhangela okokuba akukho nto ethile ebubungqina bokuba unetyala (incriminating material) egcinwe kwiselula okanye kwisixhobo i-electronic device. Ukuba ngaba bukho ubungqina bokuba unetyala (incriminating material) kufuneka iselula okanye isixhobo i-electronic device inikwe iCandelo loLawulo loVavanyo kunye neengxelo neencwadi zeempendulo. Kodwa Iselula okanye isixhobo i-electronic device inokubuyiselwa emva kweseshoni yoviwo kumviwa lowo uchaphazelekayo ukuba ngaba ayinanto ithile ebubungqina bokuba unetyala.

9. Okuqhotyoshelwe apha kule ngcaciso imfutshane yifom i-Irregularity Report Form nemayizaliswe ukwenzela ukunika ingxelo ngezitenxo.

10. Ziyacelwa iinqununu nabaphathi bamaziko ukuba babazise ngale ngcaciso bonke abaviwa babo ukwenzela ukuba bayithathele ingqalelo phambi kokuba kuqalwe ukubhala zonke iimviwo.


ISAYINWE: NGU-PENNY VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2015:03:12

"Irregularities Report Form"  (ubukhulu: 51 KB)