1. Ukungqinelana namanyathelo okunciphisa iindleko acaciswe kuMyalelo we-Ofisi kaNondyebo kaZwelonke 01 ka-2013/14, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) alisayi kuphinde libonelele amalungu aziZikhulu (SMS members) ngamaphephandaba. Umgaqo-nkqubo omalunga noku uyarhoxiswa ukususela ngoku.
2. Imirhumo yamaphephandaba esekhoyo ngoku iya kuhlala iqhubeka de iphelelwe lixesha, kodwa ayisayi kubuye ihlaziywe. AbeCandelo loLawulo lokuThengwa kweeMpahla neeNkonzo elowo nalowo ngamnye uya kwazisa iZikhulu zakwaNdlunkulu malunga nokuba uphelelwa nini na umrhumo wephephandaba awalikhethayo.
3. La manyathelo akalichaphazeli iCandelo lezoNxibelelwano okanye i-Ofisi yeNtloko yeSebe leMfundo.
4. IiNtloko zecandelo le-Corporate Services kwii-ofisi zezithili zemfundo kufuneka zazise abalawuli ngoku kuza kwenziwa okuchazwe kumhlathi 2 apha ngentla zize kwangokunjalo zazise ii-ofisi zolawulo zamaphephandaba achaphazelekayo ukuba ukuziswa kwamaphephandaba abawakhethayo kuya kupheza ukususela ngomhla wokuphelelwa komrhumo okhoyo njengangoku.
5. Siyanibulela ngentsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:03:19