1. |
NgoNovemba 2012, iBhunga laBaphathiswa bezeMfundo (Council of Education Ministers) (CEM) lavuma ukwenza iinombolo zee-ID zabafundi zinyanzeleke kwi-LURITS, SA-SAMS nakwi-LURITS -accredited school management software. |
2. |
Isithuba sokubhala inombolo ye-ID yomfundi enyanzelekileyo siya kunceda iinqununu zezikolo kwimfuno yomgaqo-nkqubo wokwamkelwa kwabafundi esikolweni yokuba kufuneka abazali bavelise isatifikethi sokuzalwa esisemthethweni somntwana wabo xa esamkelwa esikolweni. |
3. |
ISiqendu 15 soMgaqo-nkqubo woKwamkelwa kwaBafundi kuMthetho woMgaqo-nkqubo wezeMfundo kaZwelonke ka-1996 sicacisa ngolu hlobo lulandelayo:
|
"When a parent applies for the admission of a learner to an ordinary public school, the parent must present an official birth certificate of the learner to the principal of the public school. If a parent is unable to submit the birth certificate, the learner may be admitted conditionally until a copy of the birth certificate is obtained from the regional office of the Department of Home Affairs". ("Xa umzali esenza isicelo sokwamkelwa komfundi esikolweni sikarhulumente esiqhelekileyo, umzali makavelise isatifikethi sokuzalwa esisemthethweni somfundi kwinqununu yesikolo sikarhulumente eso. Ukuba umzali akanako ukungenisa isatifikethi sokuzalwa, umfundi lowo unokwamkelwa phantsi komqathango kude kube kufumaneke ikopi yesatifikethi sokuzalwa kwi-ofisi yengingqi yeSebe leMicimbi yezeKhaya".) |
|
4. |
ISebe leMfundo esiSiseko (iSebe iDBE) livelise uxwebhu olusisikhokelo (oluqhotyoshelwe njengesiHlomelo A) sokuncedisa iinqununu ukunceda abafundi ekwenzeni izicelo zezatifikethi zokuzalwa okanye iiphemithi zokufunda. |
5. |
Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba abazali bayangqinelana nomgaqo-nkqubo wokwamkelwa kwabafundi esikolweni, iSebe iDBE lafumana intsebenziswano yeSebe leMicimbi yezeKhaya eliya kuthi, yakwenza isicelo inqununu yesikolo, lizimisele ukuncedisa abazali kwizicelo zabo zala maxwebhu okwamkelwa kwabafundi ezikolweni afunekayo. |
6. |
Izikolo mazifake igama lomfundi (amagama omfundi), ifani nenombolo ye-ID ngokuchanekileyo njengoko zivelayo kwisatifikethi sokuzalwa okanye kwiphemithi yokufunda, kwi-school’s computerised management system. Makusetyenziswe amagama abhaliweyo kuphela yaye kungabikho manani okanye ziimpawu zithile (ngaphandle kokuba ziyinxenye yegama nefani yaseburhulumenteni, umz. u-é okanye u-ö) kwiindawo ekubhalwa kuzo igama nefani. Ukubhalwa kwamagama anjengoPeter/John, Sarah-2006, Boni.Michael, njl. njl, ongezwa kumagama okanye kwiifani kuya kukhatywa ziisistim ezisebenza ngekhompyutha. Oku kuya kuqinisekisa ukuba idatha yabafundi engeniswe kwi-LURITS iphelele yaye ichanekile. |
7. |
Ukususela ngoJanuwari 2014 kukho ifasilithi kwiCEMIS apho kufuneka iinqununu zibonise ukuba ngabaphi na abafundi abangenazo iinombolo ze-ID. Kufuneka iinqununu zisebenzise olu phawu "Conditional Acceptance" ukwenzela ukugqiba inkqubo yobhaliso apho umfundi angenayo inombolo ye-ID kwaye ibe sele iqalisiwe inkqubo yokufaka isicelo senombolo ye-ID kwi-Sebe leMicimbi yezeKhaya.
|
8. |
Ingcaciso engabafundi abangenazo izatifikethi zokuzalwa okanye iiphemithi zokufunda mayifakwe nayo, ibonise ukuba kwenziwe isicelo samaxwebhu achaphazelekayo, ukwenzela ukuba aba bafundi babe nako ukufakwa kwi-LURITS. Ngokwesiqendu 21 soMgaqo-nkqubo woKwamkelwa kwaBafundi kazwelonke,
|
"Persons classified as illegal aliens must, when they apply for admission for their children or for themselves, show evidence that they have applied to the Department of Home Affairs to legalise their stay in the country in terms of the Aliens Control Act, 1991 (96 of 1991)". ("Abantu abachazwa njengabemi abavela kwamanye amazwe abangekho mthethweni kufuneka, xa besenza isicelo sokwamkelwa kwabantwana babo okanye besenzela bona ngokwabo, babonise ubungqina bokuba basenzile isicelo kwiSebe leMicimbi yezeKhaya sokuba kube semthethweni ukuhlala kwabo kweli lizwe ngokoMthetho i-Aliens Control Act, 1991 (96 of 1991)". |
Sakuba sifikile isatifikethi sokuzalwa okanye iphemithi yokufunda, makuhlaziywe idatha yomfundi ngoko nangoko kwisistim esebenza ngekhompyutha yesikolo.
|
9. |
Yonke imibuzo emalunga nokuqulathwe yile setyhula ingathunyelwa kwi-ofisi yesithili semfundo echaphazelekayo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:03:05
|
|