1. NgokoMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika (SASA), ka-1996 (uMthetho 84 ka-1996) njengoko ufakelwe izilungiso, ibhunga lolawulo lesikolo sikarhulumente kufuneka:
1.1 kwithuba leenyanga ezintathu (3) zokuphela konyaka-mali, o.k.t. 31 Matshi, lilungise iingxelo-mali zonyaka ngokwesikhokelo esimiselwe liLungu leSigqeba soLawulo; yaye
1.2 kwithuba leenyanga ezintandathu (6) zokuphela konyaka-mali ngamnye, o.k.t. nge-30 Juni lingenise ikopi yeengxelo-mali zonyaka eziphicothiweyo kwiNtloko yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED).

2. Ngumsebenzi oluxanduva lwebhunga lolawulo ukulungisa iingxelo-mali zonyaka lize lingenise la maxwebhu kumphicothi-zincwadi walo ngenjongo yokuba aphicothwe. Abaphicothi-zincwadi mababonise ngokucace gca ukuba baneendlela abazilungisileyo zokuqinisekisa ukuba bakugcina kusebenza kakuhle yaye kungenzi ngxaki (functional and healthy) ukwahlula le misebenzi imalunga nokulungiswa nokuphicothwa kweengxelo-mali.

3. Zakufika iingxelo-mali eziphicothiweyo ezivela kubaphicothi-zincwadi, ibhunga lolawulo malibize intlanganiso yokuxoxa ngezi ngxelo-mali. Ibhunga lolawulo malinike ingcaciso ngemiba ethile, ukuba ikho, kubaphicothi-zincwadi ukuze emva koko lizivume njengezifanelekileyo (adopt) lize lizisayinele njengezichanekileyo iingxelo-mali. Abaphicothi-zincwadi badla ngokwenza amalungiselelo kwiingxelo mali eziphicothiweyo okuba amabhunga olawulo azisayinele njengezichanekileyo. Ibhunga lolawulo malingenise ikopi yeengxelo-mali eziphicothiweyo nezisayiniweyo, nemazibandakanye ingxelo yezolawulo yabaphicothi-zincwadi, kwi-ofisi yesithili phambi okanye ngomhla we-30 Juni.

4. ISahluko 1 seNcwadana i-Manual: Basic Financial System for Schools (2nd Edition), sinesikhokelo esicacisa ngokulungiswa (drawing up) kweengxelo-mali.

5. Iingxelo-mali eziphicothiweyo zonyaka kufanele zibe nezi khomponenti zilandelayo:

  • Ingxelo yobume bemali: i-Balance Sheet;
  • Ingxelo i-statement of financial performance: Ingxelo yeNgeniso (Income Statement);
  • Ingxelo yokungena nokuphuma kwemali, i-cash flow statement;
  • Ingxelo yomphicothi-zincwadi (auditor report) (ebandakanya nengxelo yezolawulo edwelisa imiba exhalabisayo okanye ebonisa ubuyeke-yeke kulawulo (control weaknesses) ngokwengxelo yomphicothi-zincwadi); kunye
  • namanqakwana engcaciso (explanatory notes) okanye iishedyuli ezihamba kunye neengxelo-mali (schedules to the financial statements).

Ibhunga lolawulo maliqinisekise ukuba iingxelo-mali eziphicothiweyo zonyaka ezingeniswayo zinawo onke la maxwebhu.


6. La maxwebhu alandelayo makahambe kunye neengxelo-mali eziphicothiweyo zonyaka ezingeniswa kwiSebe leMfundo:

  • Isatifikethi i-Asset verification certificate;
  • I-Bank Reconciliation njengoko injalo nge-31 Disemba;
  • INgxelo yoTyalo-mali (Statement of Investment) okanye amanqakwana engcaciso ahamba neengxelo-mali eziphicothiweyo zonyaka;
  • Iingxelo zaMatyala aNgekahlawulwa (Statement of Outstanding Debts) okanye amanqakwana engcaciso ahamba neengxelo-mali eziphicothiweyo zonyaka;
  • Ikopi yephepha lokugqibela leStatimenti seBhanki sangoDisemba;
  • ISatifikethi soLawulo ngeNdlela kweMali (Certificate of Sound Financial Management);
  • Ukuxelwa kwezinye ii-akhawunti (Declaration of other accounts); kunye
  • neSatifikethi i-Certificate of Verification of Computerised Receipt (ukuba sikho).
7. Ezi zinto zilandelayo mazicaciswe ngokwahlukeneyo kwiingxelo-mali eziphicothiweyo zonyaka:
7.1 Phantsi kweNgeniso:

  • Ulwabiwo-mali ngokweMimiselo neMigangatho (Norms and Standards allocation);
  • ULondolozo lweMihla ngeMihla (Day to Day Maintenance);
  • Iinkonzo zikaMasipala;
  • Iifizi zesikolo; kunye
  • nezinye iintlawulo ii-WCED Transfer Payments (Projects).
7.2 Phantsi kweNkcitho:

  • Iincwadi zezifundo (textbooks);
  • Izinto ezithengwe kuloo ndawo sikuyo isikolo (local purchases);
  • IiNkonzo zikaMasipala;
  • ULondolozo lweMihla ngeMihla; kunye
  • nezinye iintlawulo, ii-WCED Transfer Payments (Projects).
8. Makwenziwe i-Balance Sheet ne-Income Statement ezahlukeneyo zasehostele.

9. Kucelwa uqinisekise ukuba okukule setyhula kwaziswa bonke abachaphazelekayo, kubandakanywa nomphicothi-zincwadi wesikolo, ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:03:05

"South African Schools Act, 1996 (Act 84 of 1996)"  (ubukhulu: 255 KB)