1. Ukuqaliswa kokugonywa nge-Human papillomavirus (HPV) vaccination sisigaba esibalulekileyo kwimpilo yoluntu eMzantsi Afrika. Injongo yeprogram yokugonywa ngeHPV vaccination kukukhusela amantombazana kumhlaza wesibeleko (cancer of the cervix (CaCx)). Minyaka le bangaphezu kwama-5 743 abafazi abafunyanwa benomhlaza wesibeleko (cervical cancer) yaye bamalunga nama-3 027 abo babhubha ngenxa yezigulo ezinxulumene noku. Ukubakho kwesigonyo esisebenza ngokuyimpumelelo sokuthintela ezona ndidi ziyingozi zixhaphakileyo zeHPV kubangele ukuba kube nokukhuselwa abafazi kumhlaza wesibeleko, nongowona mhlaza uxhaphake gqitha kubafazi eMzantsi Afrika njengangoku.
2. Isigonyo seHPV masinikwe phambi kokuba abantwana bazibandakanye kwezesondo okanye babesemngciphekweni wokosuleleka yiHPV, yaye ke ngoko kucetyiswa ukuba sisetyenziswe kumantombazana abudala buyiminyaka eyi-9 ukuya kweyi-15. Uphando malunga nokuba neendleko eziphantsi kwesi sigonyo lubonise ukuba ukugonywa kweli qela lamantombazana, kuya kuzinciphisa kakhulu izigulo ze-CaCx ezinxulumaniswa neendidi zeHPV ezayanyaniswa nokugonywa, ukuba angaphezu kwe-70% amantombazana asifumanayo isigonyo.
3. Isigonyo seHPV siya kwenziwa ngokusebenzisa iprogram eyi-Integrated School Health Programme (ISHP). LiSebe leMfundo esiSiseko neSebe lezeMpilo amasebe asebenza ngokubambisana kule program kazwelonke, lo gama iSebe leMfundo leNtshona Koloni neSebe lezeMpilo laseNtshona Koloni, anika intsebenziswano kakhulu kula masebe ukwenzela ukuba akwazi ukufikelela kubafundi bephondo abathagethiweyo. ISebe lezoPhuhliso lwezeNtlalo (Department of Social Development) liya kunika inkxaso kangangoko kufanelekile.
4. Abafundi abathagethiweyo ngamantombazana amancinci akwiBakala 4, nabudala buyiminyaka eyi-9 okanye ngaphezu koku, kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo. Oku kubandakanya namantombazana akwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa, apho kuya kugonywa onke amantombazana abudala buyiminyaka eyi-9. Amantombazana akwiBakala 4 kwizikolo zabucala namantombazana angasihambiyo isikolo, akathagethwanga yile program yogonyo yeHPV. Akuyi kudlulelwa kumantombazana amadala kunoku, yaye ke ngoko amantombazana akumabakala aphezulu kuneBakala 4 akayi kusifumana isigonyo. Isithili siya kwenza izicwangciso zokufikelela kubafundi abathagethiweyo abanokuba baphosakele kwisigonyo ngesizathu esithile umzekelo, ukungabikho esikolweni komfundi ngolo suku lwephulo. Bayakhuthazwa abazali nabagcini bamantombazana akwizikolo zabucala namantombazana amadala (ukuya kufikelela kwiminyaka eyi-20 yobudala), angekazibandakanyi kwiindibano zesondo, ukuba benze amalungiselelo okuba bagonywe ngababoneleli-nkonzo bezempilo babucala (private health service providers).
5. Ugonyo nge-HPV luya kwenziwa ezikolweni. Kuya kusetyenziswa iprogram efana neyokuphuma iphulo elithile (a campaign-like setup), neqhutywa ngenjongo yokufikelela ezikolweni qho ngonyaka. Amagosa ezempilo (iikomiti zogonyo) aya kutyelela izikolo kabini ngonyaka ukuqinisekisa ukuba intombazana ekwiBakala 4 ifumana iidowuzi ezimbini amathuba amabini kwisithuba seenyanga ezi-6 phakathi kwawo. Kwenziwa izicwangciso zokuba idowuzi yokuqala inikwe onke amantombazana akwiBakala 4 (aminyaka iyi-9 ubudala okanye angaphezu koko) ngethuba lenyanga kaMatshi ukuya kweka-Apreli 2014; idowuzi yesibini ngoSeptemba ukuya ku-Oktobha 2014. Iminyaka elandelayo iya kulandela kwale ndlela inye.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zenze afumaneke la maxwebhu engcaciso neefom zokunika imvume kumabhunga olawulo ezikolo, kootitshala, kubazali nakubagcini babafundi. ISebe lezeMpilo neSebe leMfundo esiSiseko, aya kuncedisa ngokumalunga noku. Kufuneka iifom zokunika imvume zenziwe zifumaneke kwiikomiti zogonyo xa zityelele izikolo. Kucelwa zigcinwe zonke iifom zokunika imvume ukulungiselela umjikelo wesibini wogonyo. Kuphela ngabafundi abaneefom zokunika imvume ezisayiniweyo abanokugonywa.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:02:27