Byela emva     Close this Circular     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:   22839
14/7/1/2
IMIBUZO:   TJ Magwaca    IFONI:   021 467 2626     IFEKSI:   021 467 9370

ISETYHULA

  :    

0005/2014

UMHLA WOKUPHELELWA 

  :    

31 Disemba 2014


IYA:      

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KUMASEKELA BALAWULI, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BESEKETHE, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-IMG, KUBAPHATHI BEZE-IMG, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBAQUQUZELELI BOVAVANYO NAKWIINTLOKO ZAMAZIKO ALUNGISELELA ABAVIWA UVIWO LWESATIFIKETHI SEMATRIKI SIKAZWELONKE


ISISHWANKATHELO
ESIFUTSHANE:      

Ithayimthebhile yokugqibela namalungiselelo eeMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngo-Oktobha - Novemba 2014


ISIHLOKO:      

ITHAYIMTHEBHILE NAMALUNGISELELO EEMVIWO ZESATIFIKETHI SEMATRIKI SIKAZWELONKE ZANGO-OKTOBHA-NOVEMBA 2014


1. Fumana ikopi yethayimthebhile yokugqibela yeeMviwo zokuXabangela zeMatriki zika-Oktobha-November 2014.
2. Le thayimthebhile ingqinwe yiKomiti yeeNtloko zamaSebe eMfundo (Heads of Education Departments Committee) yaze yavunywa liBhunga laBaphathiswa bezeMfundo (Council of Education Ministers).
3. Iimviwo zicwangciselwe ukuqala nge-27 Oktobha 2014 ziphele nge-28 Novemba 2014. Iimviwo zepraktikhali ze-Computer Applications Technology (CAT) ne-Information Technology (IT) ziya kubhalwa nge-20 ne 21 Oktobha 2014 ngokulandelelanayo.
4. Zimbini iiseshoni ezicwangciselwe usuku ngalunye. Iiseshoni zakusasa ziya kuqala ngo-09:00 zize ezasemva kwemini ziqale ngo-14:00.
5. Iiklasi eziqhelekileyo maziqhubeke de kube ngowe-17 Oktobha 2014, ukwenzela ukuba kuqhubeke ukufundiswa kangangoko kunokwenzeka. Iintloko zezikolo zingakhetha ukubavumela abafundi beBakala 12 baka-2014 ukuba bafundele ekhaya ukususela nge-20 Oktobha 2014 ukwenzela ukuba balungiselele iimviwo zeNSC.
6. Kucelwa iinqununu nabaphathi bamaziko baxele onke amaxesha angqubanayo kwithayimthebhile (clashes) kwiSebe iWCED. Ezo ngxelo mazingeniswe ngeleta ebhaliweyo ungadlulanga uLwesine, we-06 Matshi 2014 kule dilesi ilandelayo:

Head: Education
Attention: Mr TJ Magwaca (Room 5-27)
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000
Ifeksi: 021 467 9370 / 086 6165 701
Idilesi ye-imeyili: tebo.magwaca@westerncape.gov.za

7. Kufuneka iinqununu zazise bonke abaviwa ababhala iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ukuba mabanxibe iyunifom yesikolo sabo xa bebhala uviwo ngalunye, nokuba mabasoloko befumaneka kude kube lusuku lokugqibela lwekota yesikolo (10 Disemba 2014), ukwenzela ukuba xa kuthe kwakho imfuneko, ngenxa yaso nasiphi na isizathu, kulungiselelwe elinye ixesha lokubhalwa kwephepha loviwo elithile.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:02:21


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule setyhula.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat Reader® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat Reader® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule setyhula, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
"Final October/November 2014 National Senior Certificate Examination Timetable"  (ubukhulu: 68 KB)
Byela emva     Close this Circular     Maak omsendbrief toe