1. Le setyhula ithatha indawo yeSetyhula 0003 /1997 yaye injongo yayo kukucebisa iinqununu kwiimeko apho ootitshala bacela ukuya kwiinkomfa, kwiikhosi zoqeqesho kunye/okanye nakwiisemina eziqhutywa ngababoneleli-nkonzo bangaphandle, ngamaziko okanye yimibutho ethile ngethuba leekota zesikolo.

2. ISebe iWCED likhuthaza ootitshala neekomiti zolawulo zesikolo ukuba bafune ukuya kwiinkomfa, kwiikhosi zoqeqesho kunye/okanye nakwiisemina ezibachaphazelayo, eziphucula indlela esemgangathweni yokufundisa eklasini nekhokelela ekuphuculeni jikelele umgangatho wokufundisa nokufunda kwizikolo zabo. Nakuba kunjalo, esi sikhokelo silandelayo masithathelwe ingqalelo xa kufakwa isicelo sokuya kwikhosi yoqeqesho yangaphandle:
2.1 Inkomfa, ikhosi yoqeqesho kunye/okanye isemina mayingaqhutywa ngexesha lokufundisa ngaphandle kokuba oko akunakwenzeka kwaphela ukuba iqhutywe emva kweeyure zokufundisa, ngeempelaveki okanye ngethuba leeholide zesikolo.
2.2 Ikopi yeprogram ecetywayo (kuqukwa neenkcukacha zabenzi-nkcazo (presenters)) mayingeniswe kuMlawuli weSithili ochaphazelekayo ubuncinane kwinyanga enye kwangaphambili. Uxwebhu olungenisiweyo malucacise gca injongo, ixesha nekhontenti/nomxholo wenkomfa, wekhosi yoqeqesho kunye/okanye yesemina.

3. Ukuba imigama emide ekufuneka ihanjiwe yenza kube nzima ukuba kubanjwe inkomfa, ikhosi yoqeqesho kunye/okanye isemina emva kweeyure zesikolo, uMlawuli weSithili unokubavumela ootitshala baphume kwangoko esikolweni. Kwiimeko ezilolu hlobo, ukuya kwinkomfa, kwikhosi yoqeqesho kunye/okanye kwisemina makungaphazamisani neprogram yesikolo yesiqhelo. Isikolo ngasinye esichaphazelekayo masenze amalungiselelo afanelekileyo ukuqinisekisa ukuba akukho kuphazamiseka kwenzekayo.

4. Kwimeko yeekhosi ezimiselweyo ze-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI) okanye xa kusiyiwa kwikhosi yoqeqesho yesithili evunywe liSebe iWCED okanye kuqeqesho longenelelo ngoncedo oluvunywe yi-ofisi yesithili, akukho mfuneko yokuba kuthathwe ikhefu njengoko oku kuthathwa njengokuba luqeqesho lo gama umntu esemsebenzini.

5. Kucelwa wazise okuqulethwe kule setyhula bonke ootitshala esikolweni sakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:12:02