1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lacelwa liSebe leMfundo esiSiseko ukuba lazise zonke izikolo kwiPhondo leNtshona Koloni ngokutshitshiswa nokususwa kwamaNyathelo okuThintela nokuLawula ukuKhulelwa kwaBafundi.
2. lSebe leMfundo esiSiseko lapapasha amaNyathelo okuThintela nokuLawula ukuKhulelwa kwaBafundi ngo-2007 njengesisombululo kwingxaki ekhulayo yokukhulelwa kwabafundi nangenxa yemfuno yokunika izikolo ingcebiso malunga noku.
3. Nakuba kunjalo, kuye kwafumaniseka ukuba la maNyathelo ayakhabana noMgaqosiseko, ngakumbi ilungelo lomfundi lokufumana imfundo esisiseko njengoko abafundi babegxothwa ngenxa yala maNyathelo. Kwaye kwafumaniseka kwakhona ukuba la maNyathelo anocalucalulo olungalungileyo nolunomkhethe ngokumalunga nesini nokukhulelwa.
4. lSebe leMfundo esiSiseko lawatshitshisa la maNyathelo ngo-2011 yaye ke ngoko akasasebenzi.
5. Ngokwenjenje niyaziswa ukuba usasebenza uMgaqo-nkqubo weSebe leMfundo leNtshona Koloni omalunga nokuLawula ukuKhulelwa kwaBafundi (Western Cape Education Department’s Policy on the Management of Learner Pregnancy) owawuthunyelwe kunye neSetyhula 121/2003 yomhla we-13 Meyi 2003.
6. Kucelwa wazise ngale ngcaciso imfutshane equlathwe kuleSetyhula kubo bonke ootitshala nabazali babafundi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:12:09