1. UMphathiswa wezoBulungisa uthe, ngokumalunga nesikhundla "sokuba ngabafungisi ngenxa yezikhundla zabo" ("ex officio commissioners of oaths"), ngokwale Mimiselo Regulations Governing the Administering of an Oath or Affirmation, nanjengoko kubonelelwe kwiSiqendu 6 soMthetho we-Justices of the Peace and Commissioners of Oaths Act, 1963 (Act 16 of 1963), phakathi kwezinye izinto, watyumba abakwezi zikhundla zamahlelo alandelayo ukuba babe ngabafungisi:

Kumaziko emfundo:

  1. Kwizikolo ezizimeleyo – Inqununu okanye iNtloko yesikolo esizimeleyo;

  2. Kwizikolo, iikholeji zemfundo ezisekwe ngokomthetho okanye ngokusemthethweni– Inqununu, iSekela-nqununu, iNtloko neSekela-ntloko kuze

  3. Kwiinkonzo ezincedisa ezemfundo namacandelo eenkonzo ezenziwa ziingcali (professional components)– Obambe isithuba esikwinqanaba 4 nangaphezulu.

Kwinkonzo karhulumente:

  1. Amagosa akula macandelo eNkonzo kaRhulumente: Administrative, Professional, Clerical, Technical okanye General A no-General B Divisions, akwisikhundla esinenqanaba lomvuzo apho eyona notshi isezantsi ilingana okanye ingaphezulu kweyona notshi isezantsi yenqanaba lomvuzo 2 elisebenza kwiNkonzo kaRhulumente; kunye

  2. Nabaqeshwa abakwezi zithuba zamacandelo eNkonzo kaRhulumente: Administrative, Professional, Clerical, Technical okanye General A no-General B Divisions ukuba eyona notshi isezantsi yenqanaba lomvuzo elisebenzayo kwezo zikhundla ilingana okanye ingaphezulu kweyona notshi isezantsi yenqanaba lomvuzo 2 elisebenza kwiNkonzo kaRhulumente.
2. Onke amagosa eSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ayacelwa ukuba abe nolwazi ngalo mgaqo-nkqubo ungentla namagunya nemisebenzi yomfungisi (commissioner of oaths). Amagosa enza lo msebenzi makawenze ngenkuthalo nangolu hlobo lumiselweyo.
2.1 Phambi kokuba umfungisi afungise nawuphi na umntu, okanye athi makenze isivumo esimiselweyo (prescribed affirmation), umfungisi uya kumbuza ofungayo (deponent):

  1. ukuba ngaba uyakwazi yaye uyakuqonda na okukwingxelo efungelwayo (declaration);

  2. ukuba ngaba ukuchasile na ukwenza isifungo esimiselweyo; nokuba

  3. ngaba usithatha isifungo esimiselweyo njengesimbophelelayo na ngokwesazela sakhe (to be binding on his/her conscience).
2.2 Ukuba ofungayo uyavuma ukuba uyakwazi yaye uyakuqonda okukwingxelo efungelwayo (declaration) aze axelele umfungisi ukuba akakuchasanga ukwenza isifungo nokuba usithatha isifungo njengesimbophelelayo ngokwesazela sakhe, umfungisi uya kumfungisa.
2.3 Ukuba ofungayo uyavuma ukuba unolwazi yaye uyakuqonda okukwingxelo efungelwayo (declaration) aze axelele umfungisi ukuba ukuchasile ukwenza isifungo okanye ukuba uxelela umfungisi ukuba yena akasithathi isifungo njengesimbophelelayo ngokwesazela sakhe, umfungisi uya kumenzisa isivumo (administer an affirmation) (ingxelo emiselweyo eyenziwa ngumntu ongafuni kufunga).
2.4 Ofungayo uya kuyisayina ingxelo efungelwayo kukho nomfungisi.
2.5 Ukuba ofungayo akakwazi ukubhala, uya kufaka uphawu lwakhe (affix his/her mark) ezantsi kwengxelo efungelwayo kukho nomfungisi, yaye makuqondakale nje ukuthi, ukuba umfungisi unako nakuphi na ukuthandabuza malunga nokungakwazi ukubhala kofungayo, kuya kufuneka ukuba oko kungakwazi kwakhe ukubhala kungqinwe ngasezantsi kwengxelo efungelwayo ngomnye umntu othembekileyo.
2.6 Ezantsi kwesiginitsha okanye kophawu lofungayo, umfungisi uya kungqina ukuba ofungayo ukuvumile ukuba uyakwazi yaye uyakuqonda okukwingxelo efungelwayo yaye uya kutsho uhlobo (manner), indawo nomhla wokwenza ingxelo efungelwayo.
2.7 Umfungisi:

  1. uya kusayina ingxelo efungelwayo aze aprinte igama lakhe elipheleleyo nedilesi yomsebenzi (business address) ngezantsi kwesiginitsha yakhe;

  2. uya kubhala isikhundla sakhe nendawo akuyo kweso sikhundla okanye indawo aqeshwe kuyo okanye i-ofisi akuyo/ukuba ukweso sithuba ngenxa yesikhundla sakhe (ex officio); yaye

  3. uya kuba ngongathathi cala, nongakhethi buso bamntu, yaye abe ngongenanto yakwenza ngokupheleleyo nesikhundla apho kwenziwa khona i-afidavithi ukuba kungathi kwenzeke ukuba angqine ngobunyani be-afidavithi.
2.8 Umfungisi akayi kubiza ntlawulo neyaluphi na uhlobo ngenxa yokuba efungisile okanye enzise isivumo okanye engqine ngobunyani bengxelo.
2.9 Umfungisi akayi kufungisa okanye kwenzisa isivumo ngokunxulumene nomba yena anenxaxheba kuwo (has an interest).

3. Kucelwa wazise okukule setyhula bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:12:02