1. |
Ulwabiwo-mali
Iinkcukacha zolwabiwo-mali ngokwemimiselo nemigangatho (norms and standards (N&S)) zesikolo sakho esiphantsi kweSiqendu 21 ngalo nyaka-mali oqala nge-1 Apreli 2015 - 31 Matshi 2016, ziyafumaneka kwiCEMIS kwaye zinokufikeleleka ngale ndlela ilandelayo:
- Logisha kwiCEMIS
- Khetha u-"Public Ordinary".
- Khetha isikolo sakho.
- Klikha ku-"Proceed". Yisa ikhesa kule ayithem yemenyu "Administration" uklikhe ku-"Norms and Standards Allocation". Khetha u-N&S 2015
- Liprinte iphepha elo.
Kucelwa uthathele ingqalelo oku kulandelayo:
|
1.1 |
Ulwabiwo-mali lubalwe ngokungqinelana nemigqaliselo ekwimihlathi 108 - 113 ye-National Norms and Standards for School Funding (NNSSF) ekwiGazethi kaRhulumente 29179, yomhla we-31 Agasti 2006. |
1.2 |
lIeta yolwabiwo-mali ibandakanya ulwabiwo-mali lwango-2015/16, kwakunye nolwabiwo-mali lwethutyana (provisional allocations) loonyaka-mali ababini abalandelayo, o.k.t. 2016/17 no-2017/18. Lonke ulwabiwo-mali lubalwe ngokusebenzisa amanani obhaliso abafundi ango-2014 njengoko ayenjalo nge-31 Julayi 2014. |
2. |
Isicwangciso seentlawulo |
2.1 |
Izikolo ezibiza iifizi zesikolo
Izikolo ziya kufumana isabelo sazo se-N&S sonyaka-mali ka-2015 /16 ngezavenge ezibini, ekuzezi, i-60% ngo-Apreli - Meyi 2015 ne-40% ngoNovemba 2015. Kufuneka izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 ziyisebenzise intlawulo yokuqala yazo (60%), eya kwenziwa ngethuba lango-Apreli-Meyi 2015, ekuthengeni iincwadi nezincedisi zokufunda nokufundisa (LTSM) zazo zika-2016 ukwenzela ukuba zibe sele zifumaneka ngaphambi kokuphela kukaSeptemba 2015, yaye zihlawule nezinye iindleko zazo njengoko zicacisiwe kumhlathi 3.1 apha ngezantsi. Intlawulo yesibini (40%), eya kwenziwa ngoNovemba 2015, mayisetyenziselwe ukuhlawula iindleko ezifanelekileyo ezinxulumene nesikolo ukuya kutsho ekupheleni konyaka-mali kaRhulumente o.k.t. nge-31 Matshi 2016. |
2.2 |
Izikolo ezingabizi zifizi (No-fee schools)
I-20% yaso sonke isabelo-mali se-N&S ehlawulwa ngo-Apreli-Meyi 2015 (Jonga kumhlathi 2.1 apha ngasentla) mayigcinelwe iindleko ebezihlawulwa ngaphambili ngeefizi zesikolo. Izikolo ziya kwaziswa ngesi sixa-mali ngeleta yesabelo-mali ngokwe-N&S. Makusoloko kukhunjulwa ukuba esi sixa-mali masisigcine isikolo de kube ngu-Apreli 2016, apho kuya kufunyanwa intlawulo yonyaka-mali olandelayo. |
3. |
Ukusetyenziswa kwesabelo-mali |
3.1 |
Isabelo-mali ngokwe-N&S senzelwa eyona njongo iphambili nengeyokuqala, ukuthenga iLTSM, ukuthenga kuloo ndawo inesikolo (local purchases), ukuhlawula iinkonzo zikamasipala, ukubonelela ngezona zinto zibalulekileyo kulondolozo lwemihla ngemihla lwezakhiwo zesikolo, amabala nezixhobo zomsebenzi (ulondolozo olwenziwa sisikolo), kunye nokuhlawula ezinye iindleko ezikhoyo zemihla ngemihla. Ingeniso yesikolo esiyenze ngokwaso, njengoko kuchaziwe kumhlathi 6 apha ngasezantsi, mayisetyenziselwe kuqala ukongeza apho kushota khona kwezi zinto zilapha ngentla phambi kokuba isetyenziselwe ukuhlawula izithuba zengqesho zamabhunga olawulo.
Kucetyiswa ukuba ngo-2015/16, izikolo zisahlula-hlule isabelo sazo ngolu hlobo lulandelayo ngokwamahlelo ngamahlelo enkcitho (various expenditure categories):
- I-30% isetyenziselwe ii-odolo zeLTSM zika-2016 ekufuneka i-10% yayo isetyenziselwe ukuthenga izinto zokufunda zaselayibrari (Ngamnye umfundi makabe nencwadi yesifundo emiselweyo ngenkalo yesifundo nganye okanye ngesifundo ngasinye. Istokhwe seencwadi nezibonelelo zaselayibrari mazandiswe qho ngonyaka de inani elipheleleyo lee-ayithem (items) libonise owona mgangatho usezantsi wamazwe ngamazwe umiselweyo (minimum international standard) wee-ayithem ezili-10 ngomfundi ngamnye. Jonga kumhlathi 3.1.1 apha ngezantsi, izinto ezinokufakwa phantsi kweLTSM.)
- I-25% isetyenziselwe iinkonzo zikamasipala. (Nakuba kunjalo izikolo zifanele ukwenza ibhajethi yepesenti enkulu kunoku ukuba iindlela zenkcitho zazo (expenditure tendencies) zenza ukuba oku kube yimfuneko;)
- I-25% isetyenziselwe ulondolozo lwesikolo; kunye
- ne-20% isetyenziselwe ukuthenga izinto kuloo ndawo inesikolo (local purchases).
|
3.1.1 |
Iincwadi nezincedisi zokufunda nokufundisa (LTSM)
- ISebe leMfundo esiSiseko (DBE) lizicacisa iincwadi nezincedisi zokufunda nokufundisa (LTSM) njengazo naziphi na izinto ezixhasa zize zenze kube lula ukufunda nokufundisa kanye eklasini okanye ekhaya (umsebenzi wesikolo wasekhaya). Zibandakanya oku kulandelayo:
- Iincwadi zezifundo (textbooks), iincwadi zokufunda (readers), iincwadi zokukhangela izinto-yinto (reference books), iincwadi ezimiselweyo (prescribed books), ii-atlasi (atlases) nezichazi-magama (dictionaries);
- Iincwadi zokwenza imisebenzi (workbooks);
- Iiphowusta, iimephu neetshathi zodonga;
- Iimidlalo efundisa okuthile ii-Educational board games;
- Izinto zokufunda zaselayibrari (ezingamabali angeyonyaniso (fiction) nezingamabali asusela kwizinto zokwenene (non-fiction), iincwadi zokukhangela izinto-yinto, iividiyo esezirekhodiwe, iiDVD, ii-odiyokhasethi (audiocassettes), iiCD, iiCD-ROM, ii-multi-media njl. njl.);
- I-software yekhompyutha nokulayisenswa kwayo (Computer software and licensing); kunye
- nezibonelelo ezisetyenziswa ngootitshala, ngabafundi, eziklasini naselayibrari.
- Ziyacelwa izikolo zisebenzise isabelo sazo esipheleleyo seLTSM ukuthenga iLTSM eya kwandisa ngamandla ize ixhase ukuphunyezwa kwe-Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS) eziklasini zazo. Ngako oko ke ziyakhuthazwa izikolo ukuba zisebenzise isabelo sazo seLTSM ekuthengeni iincwadi zezifundo (textbooks) zokongezelela, iincwadi ezimiselwe ukufundwa (prescribed works), ii-atlasi (atlases) izichazi-magama (dictionaries); iincwadi zokwenza imisebenzi (workbooks); iiphowusta, iimephu neetshathi zodonga, iimidlalo efundisa okuthile (educational board games), izinto zokufunda zaselayibrari (ezingamabali angeyonyaniso (fiction) nezingamabali asusela kwizinto zokwenene (non-fiction), iincwadi zokukhangela izinto-yinto, iividiyo esezirekhodiwe, iiDVD, ii-odiyokhasethi (audiocassettes), iiCD, iiCD-ROM ne-software yekhompyutha nezixhobo ze-Consumer Studies and Hospitality Studies and science laboratory.
- Phantsi kwale miqathango ilandelayo, izikolo zingabela iLTSM imali encinane ukuba:
- ngamnye umfundi osesikolweni unencwadi yezifundo kwisifundo ngasinye kwaye unako ukufikelela kwezinye izibonelelo zeLTSM;
- isikolo besisoloko sisithi qho ngonyaka sabe i-10% yesabelo seLTSM sithenge iincwadi nezibonelelo zaselayibrari zokwandisa istokhwe saselayibrari yaye inani lilonke lee-ayithem zaselayibrari kwistokhwe saselayibrari ngoku zii-ayithem ezili-10 ekulelona nani lisezantsi limiselweyo ngokomgangatho wamazwe ngamazwe (minimum international standard of 10 items) ngomfundi ngamnye; yaye
- ibhunga lolawulo lithathe isigqibo ngokusesikweni malunga noku kutenxa kokumiselweyo. (Esi sigqibo sebhunga elilawulayo ngokumalunga nebhajethi, nekufuneka ingeniswe kwintlanganiso yabazali, masicaciswe yaye makunikwe isixa-mali esichithwe kwizibonelelo zeLTSM ngomfundi ngamnye. Esi sigqibo masandlalwe kwintlanganiso yabazali, nokuba ngaba umphathi weze-IMG uyasixhasa okanye akasixhasi).
- Ifunyanwa njani i-LTSM):
- Izikolo eziphantsi kweSiqendu 21 mazifumane iikowuteshini zokuphiswano ngamaxabiso xa zifaka ii-odolo zazo kubathengisi be-LTSM, apho kunokwenzeka oku, okanye zingenise izicelo zazo kwisistim yekhompyutha ngokudlula kwi-CEMIS xa kufuneka zenjenjalo;
- Xa zi-odola i-LTSM yokongezelela, izikolo mazikhethe zonke iincwadi zezifundo ze-CAPS kwiikhathalogu zikazwelonke ezivunyiweyo (approved national catalogues) (kucelwa zijonge iikhathalogu zikazwelonke ezivunyiweyo ezifumaneka kweli ziko lewebhu leSebe iWCED apha http://wcedonline.pgwc.gov/branch/LTSM/index.html);
- Uncwadi olumiselweyo (prescribed literature) lwamaBakala 10 - 12 lonyaka ka-2015 malukhethwe kwilisti yeencwadi ezimiselweyo ecetyiswayo neyathunyelwa ezikolweni. Kuya kubakho ikhathalogu entsha yoncwadi olumiselweyo lwe-FET eya kufumaneka ngo-2015 yokusetyenziswa ngo-2016; yaye
- Ukuba zifuna ukuncediswa ekukhetheni iincwadi nezibonelelo zaselayibrari, kufuneka izikolo ziqhagamshelane noNks Theresa Young, uMququzeleli we-EDULIS weeNkonzo zeeLayibrari zeZikolo (School Library Services), kule nombolo yefoni 021 957 9638. Kunokuqhagamshelwana nomcebisi ngezelayibrari yesikolo wesithili (district school library adviser) kunye/okanye nomququzeleli weziko elinguvimba wolwazi (resource centre co-ordinator) ngokumalunga nokuphuculwa kweelayibrari zezikolo.
|
3.1.2 |
Iinkonzo zikamasipala
- Injongo yesabelo esinikwa izikolo ngokwe-N&S, phakathi kwezinye izinto, kukuhlawula ii-akhawunti zeenkonzo zikamasipala, ezibandakanya umbane, amanzi, ugutyulo lomphutha (sewage removal), ukuthuthwa kwenkunkuma (iinkonzo zokufumaneka nokusetyenziswa kwazo), kodwa asibandakanyi ukuhlawulwa kwerhafu yepropathi. Njengoko kwakunjalo kwixesha elidlulileyo, uRhulumente uya kuyihlawula irhafu yepropathi ebhaliswe ngegama leRiphablikhi yoMzantsi Afrika.
- Phakathi kwezinye zezinto emazenziwe zizikolo, kukuphumeza amanyathelo okonga imali aboniswe kwiSihlomelo A.
- U-ESKOM noninzi loomasipala bavakalise ukuba bangazenza iimitha zombane ohlawulelwa ungekasetyenziswa (pre-paid electricity meters) ezikolweni. Oku kuya kwenza izikolo zibe nolawulo olubhetele losetyenziso lombane wazo. Izikolo maziqhagamshelane nokuba ngu-ESKOM okanye ngumasipala waloo ndawo sikuyo isikolo, njengoko kusebenza oku, ukuba zifuna ukufakelwa iimitha zombane ohlawulelwa ungekasetyenziswa.
- Apho kuye kwaqatshelwa ukuba izikolo azizihlawuli ii-akhawunti zazo zeenkonzo zikamasipala, iSebe iWCED linelungelo lokuyibamba lingayikhuphi imali eyabelwe ezo zikolo ngokwesabelo seN&S ukwenzela ukuhlawula ezo zixa-mali zee-akhawunti zeenkonzo zikamasipala zingahlawulwanga egameni lesikolo esichaphazelekayo.
|
3.1.3 |
Ulondolozo lwemihla ngemihla
- Ulondolozo lwemihla ngemihla luthetha ukulungiswa kwamabala, ukucocwa, ukuhlaziywa, nokulungiswa kunye/okanye ukukhutshwa kwezinto ezonakeleyo kufakwe ezinye kwizakhiwo zesikolo. Malwenziwe qho ulondolozo lwemihla ngemihla, ukwenzela ukuthintela ukugxagxiseka kwezakhiwo zesikolo de zifune ulungiso olungxamisekileyo lomonakalo omkhulu nobiza imali enkulu ngenxa yokungahoywa.
- Apho singanelanga isabelo-mali se-N&S solondolozo lwemihla ngemihla, izikolo zilindeleke ukuba ziyongeze zona ngokwazo imali yesabelo kwiingxowa zazo, apho oku kuyimfuneko. Izikolo mazizenzele ngokwazo ibhajethi yolondolozo lwemihla ngemihla ngokungqinelana nemeko yezakhiwo namabala azo. Izikolo mazibekele bucala esinye isixa-mali kweso sebhajethi yonyaka ezabelwe yona sokusetyenziswa kulondolozo lwezixhobo zomsebenzi ezisetyenziswa ekuphuculeni amabala esikolo, umz. ukulungiswa kwemowa, ukuthenga ipeyinti yezitulo ezisemabaleni esikolo, ukuthenga ikalika (lime) nesichumiso (fertiliser).
- Isabelo-mali se-N&S masingaze sisetyenziselwe ulondolozo lwezixhobo lwemihla ngemihla kwiihostele zokuhlala. Olu hlobo lolondolozo maluxhaswe ngemali yeefizi zabafundi yokuhlala ehostele nangeebhasari.
|
3.2 |
ISebe iWCED aliyi kwamkela zigxeko naxanduva ngentlawulo yee-akhawunti apho izikolo zichithe ngaphezu kwemali eyabelwe le njongo, yaye kuya kufuneka izikolo zizihlawule ngokwazo ezo ndleko. |
4. |
Isabelo-mali seN&S ASINAKO ukusetyenziselwa oku kulandelayo:
- Ukuhlawula abasebenzi abaqeshwe libhunga lolawulo;
- Izakhiwo ezitsha;
- Inkcitho kwiihostele; okanye
- Iimali-mboleko ezinikwa abantu okanye amanye amaziko
|
5. |
Ulungiso lomonakalo omkhulu ongxamisekileyo
Ngokomhlathi 97 weNNSSF, iSebe iWCED liyalwamkela uxanduva lolungiso olungxamisekileyo lwezakhiwo ezonakeleyo, ngokuxhomekeka ekubeni ikho imali ebhajethelwe ukwenza olo lungiso lwezakhiwo. Ezi ntlobo zolungiso lomonakalo zilandelayo ziya kuqwalaselwa ngokungqinelana neenkqubo ezikwiSetyhula 175/2000:
IHLELO A
Umonakalo omkhulu odalwe ziintlekele zendalo, iingxaki zesakhiwo (structural problems) nemililo.
ISebe iWCED liya kuyithathela kulo le misebenzi yolungiso lwezakhiwo olungxamisekileyo kuphela xa iindleko zingaphezu kwe-R5 000 yaye xa ibhajethi yesabelo-mali solondolo ishokoxekile nangokuxhomekeka ekubeni ikho imali eyaneleyo.
ISebe iWCED liya kuthi kwakhona, ngokwengqiqo yalo, lijonge ukuba alinakufaka mali yokuhlawulela umonakalo kwi-akhawunti yebhanki yesikolo ukwenzela ukuthenga izinto zokwakha kwiimeko apho ungemkhulu kangako umonakalo.
|
|
6. |
Ingeniso eyenziwa sisikolo ngokwaso
NgokweSiqendu 36 (1) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, (uMthetho 84 ka-1996), amabhunga olawulo ezikolo (SGBs) makathathe onke amanyathelo afanelekileyo okongezelela kwisabelo esikhutshwa nguRhulumente ukwenzela ukuphucula umgangatho wemfundo efundiswa sisikolo kubo bonke abafundi esikolweni. Nangona izikolo ezingabizi zifizi kunyanzelekile ukuba zingabizi zifizi (kubandakanywa neefizi zobhaliso), ziyakhuthazwa ezi zikolo ukuba ziqokelele iminikelo ekhutshwa ngokuzithandela (voluntary contributions) yaye zenze izinto zokunyusa ingxowa (fund-raising actvities). |
7.1 |
Ibhajethi evunyiweyo yesikolo mayingeniswe kwisithili semfundo esichaphazelekayo ungadlulanga owe-1 Disemba kunyaka ngamnye. |
7.2 |
Zonke izikolo mazingenise le fom WCED 043 (ingxelo engeniswa kabini ngonyaka) kwisithili semfundo esichaphazelekayo zingekapheli iintsuku eziyi-30 ukususela ekupheleni kwekota (inkcitho eya kutsho kwi-30 Juni nakwi-31 Disemba). Imali iya kuhlawulwa ezikolweni kuphela xa kufunyenwe iingxelo WCED 043 ezanelisayo malunga nemicimbi yemali yeekota zangaphambili. Ngaphezulu, iSiqendu 43 (5) seSASA sifuna ukuba izikolo mazingenise (ukuze ziqwalaselwe ngumlawuli wesithili semfundo esichaphazelekayo) ikopi yeseti yeengxelo-mali zazo eziphicothiweyo (audited set of financial statements) zonyaka-mali ongaphambili ungekadluli owe-30 Juni kunyaka ngamnye. |
8.1 |
I-SGB mayibe nolawulo olululo kwingeniso nakwinkcitho, njengoko kucacisiwe kule ncwadana Manual: Basic Financial System for Schools eyakhutshwa yiNtloko yeSebe leMfundo ngokweSiqendu 38 (1) seSASA. Ukuba amalungu ebhunga lolawulo lesikolo akanabo ubungcali obuyimfuneko bokwenza lo msebenzi ngendlela eyiyo, makatyumbe (co-opt) umntu oya kuba nako ukuwancedisa. |
8.2 |
Yonke imali yesikolo, efunyenwe kwisabelo-mali sikaRhulumente naleyo ivela kwisikolo ngokwaso, mayisetyenziselwe iinjongo ezinxulumene ngqo nezemfundo, njengoko kucacisiwe kwiSiqendu 37(6) seSASA, kubandakanywa nokuthengwa kweLTSM. Ngokomgaqo-nkqubo weSebe iWCED, makungaze kwenziwe iikopi zeencwadi zezifundo ezimiselweyo (textbooks) kunye neencwadi zokufunda (readers) njengoko oku ikukunyasha uMthetho weLungelo eliValela uKwenziwa kweeKopi, 1978 (uMthetho 98 ka-1978) (Copyright Act, 1978 (Act 98 of 1978)). |
8.3 |
ISebe iWCED linelungelo lokuhlola iirekhodi ezinxulumene nemali yesikolo kunye nokuthatha amanyathelo ngakuye nawuphi na umsebenzi/utitshala wesikolo okanye ilungu lebhunga lolawulo, ukuba lithe lachaphazeleka kwizenzo zokusetyenziswa gwenxa kwemali yesikolo. Ngako oko ke izikolo mazigcine bonke ubungqina bengeniso nenkcitho ukulungiselela le njongo. |
8.4 |
ISebe iWCED liyiphumeze ukususela ngoJanuwari 2014 iSetyhula 0044/2013 ngokuthi lihlole idatha yesikolo kwiCEMIS lize lingqinisise ukuba ngaba ubume bemeko yedatha (data status) buyangqinelana na okanye abungqinelani phambi kokuba kuthunyelwe intlawulo yesibini ekhutshwa ngokwesabelo seMimiselo neMigangatho ngoNovemba. |
9. |
Ileta yolwabiwo lokugqibela
ISebe iWCED liya kujongisisa kwakhona onke amanani obhaliso lwabafundi ezikolweni, asekelwe kwiSaveyi yoSuku lwe-10 ngo-2015 (2015 10th Day Survey). Iileta zezabelo zokugqibela ziya kupapashwa kwi-CEMIS ungadlulanga owe-31 Matshi 2015. |
10. |
Ulwabiwo-mali luka-2014/15
Zonke iifom WCED 043 ezingekangeniswa zezikolo eziphantsi kweSiqendu 21 mazingeniswe phambi okanye ngoLwesihlanu we-27 Februwari 2015, ukuthintela ukuphulukana neengxowa-mali ezingekahlawulwa. |
11. |
Nazi iinombolo zoqhagamshelwano zokubuza imibuzo
ISihloko |
Igama |
Inombolo yefoni |
Iifom WCED 043 zeengxelo ezingeniswa kabini ngonyaka neengxelo-mali zonyaka eziphicothiweyo |
I-ofisi yesithili semfundo -USekela-Mlawuli weeNkonzo zezoLawulo lweZiko |
Yeye-ofisi yesithili semfundo esichaphazelekayo |
Iintlawulo ezifakwa kwii-akhawunti zebhanki zezikolo (Izabelo-mali ngokwe-N&S) |
Nks M Paulsen |
021 467 2771 |
Ulungiso lomonakalo olungxamisekileyo |
Mnu G Meyer |
021 467 2983 |
I-e-Learning UMququzeleli we-EDULIS: IiNkonzo zeeLayibrari zeZikolo |
Mnu C Walker Nks T de Young |
021 467 2351 021 957 9638 |
Imibuzo ngokubanzi: IMimiselo neMigangatho |
Mnu L van Wyk |
021 467 2658 Inombolo yefeksi 086 293 5822 |
|
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:11:28
|
|