1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liye laxoxa ngomba wezicelo ezivela ezikolweni zokucela ootitshala ababambeleyo. Inani lezicelo zokucela ukuqeshwa kootitshala ababambeleyo lenyuke ngamandla kakhulu kwezi veki zimbalwa zidlulileyo. Liye ke ngoko iSebe iWCED lafikelela kwisigqibo sokuba kusetyenziswe ezinye iindlela zokulawula ukungabikho kootitshala emsebenzini, ngenxa yaso nasiphi na isizathu/yazo naziphi na izizathu, ngokubambisana nezikolo ezichaphazelekayo.
2. Kufuneka amagosa ezithili aqwalaselisise ngenyameko ukufaneleka kwesicelo phambi kokuba anike ingcebiso yokuba kuqeshwe ootitshala ababambeleyo kwithuba elisemva kwe-14 Novemba 2014. Izicelo ezitsha zokuqeshwa kootitshala ababambeleyo aziyi kuvunywa apho ingqesho leyo iqala nge-17 Novemba 2014 okanye emva koko yaye makusetyenziswe ezinye iindlela zokusuphavayiza abafundi.
3. Iimeko ezizodwa kakhulu mazixoxwe kuqala noMlawuli weCandelo lokuGaya nokuKhetha aBasebenzi, uMnu Alan Meyer, okule nombolo yefoni 021 467 2661, phambi kokuba kuqeshwe nabani na.
4. Apho izicelo ezilolu hlobo zingenisiweyo kwaza kwabe kunganikwanga mvume kuqala, iziko elichaphazelekayo kuya kuba lilo eliya kuhlawula loo titshala/abo titshala ngokwalo.
5. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:11:17