1. |
KwiSetyhula 0030/2014 kwakwazisiwe ukuba iincwadi zomsebenzi zabafundi bamaBakala 1– 9 zeenyanga ezintandathu (6) zokuqala zika-2015 ziza kusiwa kuzo zonke izikolo zikarhulumente ungadlulanga owe-30 Septemba 2014. Iincwadi zomsebenzi zeBakala R zeli thuba ziya kusiwa ezikolweni ungadlulanga owe-5 Disemba 2014. |
2. |
Ukwenzela ukuba kube nokuqatshelwa iincwadi zomsebenzi zamaBakala 1 – 9 ezishotayo nezingaphezu kwemfuneko, kufuneka ukuba zonke izikolo zikarhulumente zingene kwiCEMIS phakathi kwe-3 ne-7 Novemba 2014. Ngeli thuba izikolo mazingene kwikhopyutha zifake amanani abafundi acingelwayo kaJanuwari 2015 kunye nenani lilonke leencwadi zomsebenzi Iezifunyenweyo zamaBakala 1– 9 zeenyanga ezintandathu (6) zokuqala zika-2015. |
3. |
Xa zingena kwiCEMIS, kufuneka izikolo zikhethe u"Administration" option okwi- menu bar. Kwi-drop down list, zikhethe u"Workbooks" zize ke zikhethe u"Welcome and guidelines" okanye "Capture" screen. |
4. |
Kungaqhagamshelwana naba bantu balandelayo ukuba ufuna uncedo malunga nokufaka iinkcukacha zakho nokusayinela inkqubo (sign off process):
Vuyelwa Madasi, ino. yefoni 021 467 2108 okanye i-imeyili Vuyelwa.Madasi@westerncape.gov.za Antonia Joshua, ino. yefoni 021 467 9357 Aldrene Jansen, ino. yefoni 021 467 2567 Bongiwe Nkwali, ino. yefoni 021 467 2221
|
5. |
Zakuba zifakiwe zonke iinkcukacha zeencwadi zomsebenzi zesikolo zezo zigaba zithile, makugqitywe ukusayinela inkqubo. |
6. |
Ingcaciso efunyenweyo malunga neencwadi zomsebenzi ezishotayo nezingaphezu kwemfuneko iya kwenziwa ifumaneke kumagosa ezithili ekuluxanduva lwawo ukuququzelela nokulungiselela ukuhanjiswa nokuqokelelwa kweencwadi zomsebenzi ezishotayo nezingaphezu kwemfuneko. |
7. |
Phakathi kwe-13 Oktobha ne-5 Disemba 2014 iincwadi zomsebenzi zabafundi bamaBakala R – 9 zeenyanga ezintandathu zokugqibela zika-2015 ziya kusiwa kuzo zonke izikolo zikarhulumente. Makusetyenziswe isikhokelo esasinikwe kwiSetyhula 0030/2014 xa kusamkelwa ezi ncwadi zomsebenzi. |
8. |
Kucelwa wazise okukule setyhula bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:10:24
|
|