1. Le setyhula mayifundwe kunye neSetyhula 0032/2012 neSetyhula 0045/2012.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED) liqaphela ukuba amabhunga olawulo ezikolo (SGBs) aya kuthatha onke amanyathelo afanelekileyo ukongeza izibonelelo ezibonelelwa ngurhulumente ukwenzela ukuphucula umgangatho wemfundo ebonelelwa sisikolo kubo bonke abafundi baso.
3. Nakuba kunjalo, izikolo ezininzi zingena kwiimvumelwano zentsebenziswano namaqumrhu abucala zokusebenzisa iprophathi yesikolo ngaphandle kokulandela inkqubo njengoko imiselwe kwiSetyhula 0032/2012.
4. Ukulahlwa kwenkunkuma okungekho mthethweni nokususwa kwesanti esikolweni kube ngunobangela wokuba iSebe leMicimbi yezeNdalo (Department of Environmental Affairs) ne-Development Planning liwisele iSebe i-WCED isohlwayo esiyimali eyintlawulo yezolawulo (administrative fine) eyi-R250 000.00 (amakhulu amabini anamashumi amahlanu amawaka eerandi (R250 000).
5. ISebe iWCED nalo lamangalelwa liqumrhu labucala elangena kwimvumelwano yezengqeshiso nesikolo ngeprojekthi engavunywanga. Eli tyala lisalindelwe ukuxoxwa.
6. ISebe iWCED laliceliwe ukuba liphucule isibonelelo sombane (electricity supply) kwisikolo esangena kwimvumelwano yezengqeshiso engavunywanga (unapproved lease agreement) nomboneleli weenkonzo zeeselula (cellular provider). Isikolo savumela umboneleli weenkonzo zeeselula (cellular provider) asebenzise isibonelelo sombane wesikolo yaye kungoku nje sichitha umbane ongaphezu kwengeniso yezengqeshiso (rental income).
7. ISebe iWCED ke ngoko ligqibe ekubeni lithathe amanyathelo ngakwezo SGBs zityeshela okuqulethwe ziisetyhula ezichaphazelekayo ezimalunga nokusetyenziswa kweprophathi yesikolo ngolu hlobo lulandelayo.
8. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:02:02