1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liwuvumile yaye lawunika onke amaziko afundisa iBakala R lo Mgaqo-sikhokelo Procedural Policy Framework – Universal Access to Quality Grade R. Lo Mgaqo-sikhokelo ungqinelaniswe nomgaqo-nkqubo kazwelonke omalunga neBakala R.

2. Phakathi kwezinye izinto, lo mgaqo-sikhokelo unika ingcaciso malunga nokuqeshwa kweeprakthishina zeBakala R kwanokuba ngawaphi na amaxwebhu asemthethweni amakafunyanwe ziiprakthishina zize ziwagcine ngokunqatyisiweyo.

3. Kwakhona iSebe lakhupha iSetyhula 0039/2012 apho izikolo zaziswa khona ngeenguqu ekusetyenzisweni kweenkxaso-mali zeBakala R. Owona mbandela ubalulekileyo ngokwale setyhula, yayikukuba yaphinda ukucacisa ukuba yi-80% yenkxaso-mali emayihlawulwe kwiiprakthishina zeBakala R ngokungqinelana nemiyalelo yoMgaqo-sikhokelo (Framework).

4. ISebe iWCED lisoloko lixinwe ziifoni ezininzi ezivela kwiiprakthishina ngakumbi ezo zikhalaza ngokuthi aziyifumani intlawulo emiselweyo okanye imivuzo ezifanele ukuyifumana. Kwezinye iimeko, iinqununu zamaziko emfundo aneBakala R zizinika iiprakthishina ngokwenqanaba lentlawulo efunekayo (requisite level) zize kamva zifune iprakthishina okanye iiprakthishina ziyibuyisele kuzo inxenye yemivuzo qho ngenyanga. Kukho neemeko apho iiprakthishina zibhenela kwiKhomishoni yoLamlo i-Commission for Conciliation, Mediation and Arbitration (CCMA).

5. Iintloko zamaziko maziqwalasele ukuba iSebe iWCED liphicothwa ngokoMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente (Public Finance Management Act (PFMA), 1999 (uMthetho 1 ka-1999), njengoko ufakelwe izilungiso. Enye yeenjongo zophicotho-zincwadi olufana nolu, kukutshekisha ukuba ngaba iinkxaso-mali zisetyenziselwe ezo njongo bezilungiselelwe zona ngokwenene.

6. Ngenxa yezi zizathu, iSebe iWCED licela amabhunga olawulo ezikolo (SGBs) ukuba azihlawule ngekhompyutha ngokukhawuleza iiprakthishina zeBakala R. Makulandelwe le migaqo yenkqubo ilandelayo:
6.1 Iziko ngalinye malicele iprakthishina nganye eqeshwe lilo ukuba inike iziko iinkcukacha zayo zebhanki;
6.2 I-SGB yeziko okanye inqununu yalo, ekudluliselwe kuyo amagunya yiSGB, mayenze amalungiselelo ayimfuneko neziko lezemali elaziwayo, yaye kukhethwa ukuba ibe lelo ziko kubhankishwa kulo; nokuba
6.3 Inqununu mayinike uMphathi weze-IMG we-ECD ikopi yemvumelwano yentlawulo eyenziwa ngekhompyutha (a copy of the electronic payment agreement) neziko lezemali elaziwayo elikhethwayo ungadlulanga owe-24 Oktobha 2014.

7. Apho kutshintshwe iprakthishina, makulandelwe kwale nkqubo ifanayo njengoko icacisiwe apha ngentla. Kule meko, yinqununu emayibonelele ngekopi echazwe ku-6.3 apha ngentla zingaphelanga iintsuku eziyi-14 kwenziwe le mvumelwano ilolu hlobo kunye neziko lezemali.

8. Umhlathi 5 weSetyhula 39/2014, yomhla we-25 Matshi 2014, unika isikhokelo esicacileyo ngokumalunga nokuhlawulwa kwemivuzo yeeprakthishina zeBakala R. Ziyacelwa ii-SGBs neenqununu ukuba ziziqhelanise nokuqulethwe yile setyhula.

9. ABaphathi beze-IMG be-ECD kwizithili namaGosa azii-School Corporate Officers (SCOs) aya kubeka iliso ukuthotyelwa kwale migaqo ngethuba lokwenza le misebenzi yabo. Amagosa akwaNdlunkulu nawo anokuya kumaziko ngethuba lotyelelo loKubeka eSweni nokuVavanya (Monitoring and Evaluation) amaziko kwizithili.

10. Ii-SGBs neenqununu maziqwalasele ukuba iintlawulo ezenziwe ngekhompyutha zemivuzo yeeprakthishina ziya kuba yimfuno emayithotyelwe ukulungiselela iintlawulo ezenziwa ngoomatshini zexesha elizayo zenkxaso-mali eya kumaziko.

11. Ziyakhunjuzwa kwakhona iinqununu zazo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo ezineeklasi zeBakala R ngemisebenzi eyimbopheleleko yazo ngokweSiqendu 16A (2) (h) ukuya ku-(k) soMthetho weZikolo zaseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84 ka-1996), ofakelwe izilungiso, ochaza ukuba inqununu kufuneka –

  1. incedise ibhunga lolawulo lesikolo ekulawuleni iingxowa-mali zesikolo, olu ncedo kufuneka lubandakanye— ukunikwa kwengcaciso ebhekiselele kuyo nayiphi na imiqathango okanye imiyalelo ekhutshwe nguMphathiswa kaZwelonke, liLungu leSigqeba soLawulo lePhondo okanye yiNtloko yeSebe ngokumalunga nayo yonke nemicimbi yemali yesikolo echatshazelwe kwiSahluko 4; kunye nokunika ingcebiso kwibhunga lolawulo ngeziphumo ezichaphazela imali (financial implications) zezigqibo ezinxulumene nemicimbi yemali yesikolo;
  2. ithathe onke amanyathelo afanelekileyo okuthintela naluphi na ulawulo-gwenxa lwemali okanye usetyenziso-gwenxa lwemali nguye nawuphi na umsebenzi okanye;
  3. ibe lilungu lekomiti yezemali okanye ngomnye wabamele ibhunga lolawulo ukwenzela ukuba ibe nokulawula nawuphi na umcimbi wemali oneziphumo ezichaphazela isikolo; yaye
  4. ixele naluphi na ulawulo-gwenxa lwemali okanye ukuphathwa gwenxa kwemicimbi yezemali kwibhunga lolawulo lesikolo nakwiNtloko yeSebe.
12. Kucelwa wazise ngokuqulethwe kule setyhula kumalungu eSGB nakuzo zonke iiprakthishina zeBakala R.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:10:14

"Public Finance Management Act (PFMA), 1999 (Act 1 of 1999)"  (ubukhulu: 487 KB)
"South African Schools Act, 1996 (Act 84 of 1996)"  (ubukhulu: 255 KB)