1. ISebe leMfundo esiSiseko (Department of Basic Education (DBE)) lenze izicelo, kwiSetyhula E13 ka-2014, sokuba abaviwa ababhalisele ukubhala iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) basayine isithembiso sokuzibophelela ukuba baya kuthobela imigaqo yokuziphatha kwezi mviwo (examination code of conduct).
2. Lo Msebenzi wokuSayina iSithembiso kaZwelonke ulungiselelwe ukuba uqhubeke nge-17 Oktobha 2014 ngo-10:00 kwisikolo ngasinye kwezo zikolo zikarhulumente zithatha inxaxheba kwiimviwo ze-NSC ngo-2014. Ziyacelwa izikolo ezizimeleyo ezibhala iimviwo ze-DBE NSC ukuba nazo zithathe inxaxheba kuMsebenzi wokuSayina iSithembiso.
3. Izikolo mazenze iikopi zeSithembiso i-NSC Examination Pledge (IsiHlomelo A) sinikwe umviwa ngamnye weBakala 12.
4. Izikolo mazibaxelele abafundi beBakala 12 ukuba ukusayina isithembiso ukwenza ngokuzithandela. Akukho mviwa makanyanzelwe ukuba asisayine isithembiso engafuni.
5. Nge-17 Oktobha 2014 okanye ngomnye umhla ofanelekileyo, makubizwe indibano emiselweyo (formal assembly) yabo bonke abaviwa beBakala 12 njengenxalenye yokubaqhelisa nokubalungiselela ukubhala iimviwo zeNSC.
6. Ngethuba inqununu isenza intetho, abaviwa mabafundelwe imithetho yoviwo ekwicala elingaphantsi leleta yokwamkelwa ukubhala iimviwo.
7. Kufuneka kucelwe abaviwa ukuba basifunde isithembiso ngokuvakalayo, yaye emva kokuba bonke abafundi benze isithembiso, mabavunyelwe basisayine.
8. Apho kunokwenzeka, makwenziwe iikopi zezithembiso ezisayiniweyo ukwenzela ukuba isikolo sibe nokugcina ikopi njengenxalenye yeerekhodi zomviwa ngamnye.
9. Apho kungenakwenzeka ukuba kwenziwe iikopi zezithembiso ezisayiniweyo, isithembiso sentsusa (original pledge) masibe kumviwa we-NSC ngamnye ukwenzela ukuba asigcine kwifolda enye naleyo yeleta yokwamkelwa ukubhala iimviwo, nekufuneka zisokolo zikubaviwa de bagqibe ukubhala iimviwo ze-NSC.
10. Kucelwa iinqununu ziqinisekise ukwenziwa ngokufanelekileyo komsebenzi wokusayina isithembiso ezikolweni zazo.
11. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yabaviwa beemviwo ze-NSC ngo-2014 ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:09:23

IsiHlomelo A: "NSC Examination Pledge"  (ubukhulu: 378 KB)