1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) liqaphele ukuba kukho amarhe athe ndii angenasiseko asasazekayo malunga neentlawulo zezibonelelo zomhlala-phantsi emva ko-2013 neziya kuqala ukusebenza ngo-2015.
2. La marhe athi akusayi kubakho mali isisixa sikhulu (no lump sum) eya kuhlawulwa amalungu eGovernment Employees Pension Fund (GEPF).
3. ISebe iWCED, kwakunye neGEPF abanangqiniseko yokuba ngaba la marhe avele phi na, kodwa nakuba kunjalo, amalungu ayaqinisekiswa ukuba iGEPF’s Board of Trustees ayinikanga mvume yalo naluphi na utshintsho kule Fund.
4. IGEPF iya kuqhubeka ngokuhlawula zonke izibonelelo ezifanele ukuhlawulwa amalungu aphumayo kwiFund, oko kusenziwa ngokungqinelana nemigaqo yeFund. Oku kuthetha ukuba abo bakufaneleyo ukufumana intlawulo esisixa esikhulu esihlawulwa kube kanye (once-off lump sum payment) baya kuyifumana le ntlawulo, lo gama abo bafanele ukufumana ephuma qho ngenyanga ukongeza kuleyo ntlawulo esisixa esikhulu esihlawulwa kube kanye, baya kuyifumana le mali.
5. Zonke izibonelelo zeGEPF zicacisiwe kwiGEP Law and Rules (uMthetho neMigaqo yeGEPF) ngoko ke ngolo hlobo izibonelelo ziqinisekisiwe. Amalungu akayi kufumana isixa esingaphantsi kwezibonelelo amele ukuzifumana ezilunge kuwo kwaye neemali zawo zomhlala-phantsi zikhuselekile.
6. Ekugqibeleni, iGEPF inike iSebe iWCED ingqinisekiso yokuba imeko yemali yayo imi kakuhle, ngokwengxelo yonyaka yakutshanje, kwaye akukho sizathu sokoyika ukuba ezi zibonelelo azisayi kuhlawulwa kwixesha elizayo.
7. Kucelwa uqinisekise ukuba le setyhula yaziswa bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:09:19