URhulumente weNtshona Koloni usayine imvumelwano no-Neotel ne-State Information Technology Agency (SITA) yokuba babonelele ngonxibelelwano lwe-broadband kwiphondo ngokubanzi.

ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liya kusebenzisana nezikolo nababoneleli-nkonzo ukuqhagamshela izikolo kwithuba leminyaka emibini ukuya kwemithathu.

Ukususela ngoSeptemba 2014, ummeli we-Centre for e-Innovation (CEI) uya kwenza idinga nezikolo ukuza kuxoxa ngokuba zingaqhagamshelwa bhetele njani na izikolo kwi-WAN.

Oku kuya kuthetha ukubandakanyeka kuka-Neotel ne-Centre for e-Innovation (CEI) kwiSebe leNkulumbuso ekwenzeni isaveyi kwisikolo ngasinye (on-site survey) ukujonga, umzekelo, ukuba ikheyibhile i-fibre-optic cable ingafakwa njani na ukusuka kumda wesikolo ukuya kwi-poyinti ekhethiweyo (designated point) apha ngaphakathi esikolweni.

Siya kukuthakazelela kakhulu ukuba unokusinceda ngezi ndlela zilandelayo:

  • Qinisekisa ukuba isikolo siyabavumela bangene aba bameli kuzo zonke iindawo eziya kusetyenziswa ekufakeni i-fibre optic cable
  • Tyumba ummeli onolwazi wesikolo oya kubakho ngexesha lesaveyi yesikolo eso.
  • Khetha igumbi elinqatyisiweyo yaye wenze libe nokufikeleleka kubaboneleli-nkonzo apho banako ukufaka eyona poyinti yoqhagamshelwano iphambili (main point of connection) ye-fibre optic cable. Ukwenza umzekelo, oku kungayi-ofisi yezolawulo, yi-computer room, yi-media room okanye enye indawo efanelekileyo nekhuselekileyo ubuncinane enepower points ezimbini nesithuba esiyi-two square metres somgangatho ofumanekayo.
  • Qinisekisa ukuba ukhona umntu ogunyazisiweyo nomakanike imvume yendawo yokufakwa kwekheyibhile (cable installation route) njengoko kuvunyelwene sisikolo nangabameli bakwa-Neotel ne-CEI.

Siya kukhupha kungekudala ingcaciso engaphezulu malunga nesicwangciso sokuphunyezwa kweli phulo nokuqaliswa komsebenzi.

Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu ngesaveyi eyenziwa ezikolweni (on-site survey) kucelwa uqhagamshelane ne-technical helpdesk apha:

SchoolsIT.Helpdesk@westerncape.gov.za
Ifowuni: 021 900 7123
Ifeksi: 021 903 1329



ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:09:01