ISALANTHISO: | 22755 14/7/1/2 |
| IMIBUZO: | TJ Magwaca | IFONI: | 021 467 2626 | IFEKSI: | 021 467 9370 |
ISETYHULA | : | 0003/2014 | UMHLA WOKUPHELELWA | : | 26 Juni 2014 |
IYA: | KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KUMASEKELA BALAWULI, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-IMG, KUBAPHATHI BEZE-IMG, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO ZE-SLES, KUBAQUQUZELELI BOVAVANYO NAKWIINTLOKO ZAMAZIKO ALUNGISELELA ABAVIWA UVIWO LWESATIFIKETHI SEMATRIKI |
ISISHWANKATHELO ESIFUTSHANE: | Ithayimthebhile yokugqibela namalungiselelo eeMviwo zika-Meyi - Juni 2014 zeSatifikethi seMatriki |
ISIHLOKO: | ITHAYIMTHEBHILE YOKUGQIBELA NAMALUNGISELELO EEMVIWO ZIKA- MEYI - JUNI 2014 YESATIFIKETHI SEMATRIKI |
1. |
Uxwebhu olufakelwe izilungiso oluyi-Regulations on the Conduct, Administration and Management of Assessment of the Senior Certificate examinations luvumela ukubhalwa kweemviwo zeMatriki ukuya kutsho ngoMeyi – Juni 2014. |
3. |
Ezi mviwo ziqala ngowe-06 Meyi 2014 ziphele ngowe-25 Juni 2014. |
4. |
Amaziko eemviwo ekuza kubhalelwa kuwo iimviwo zeMatriki aya kwabiwa ngokweendawo ekuye kwagqitywa ngazo liSebe leMfundo leNtshona Koloni. |
5. |
Ngokumalunga nokuvunyelwa kwabaviwa bangene kwigumbi loviwo, abagadi babaviwa mabaqinisekise ukuba ngamnye umviwa ubonisa ileta yakhe yokuvunyelwa ukungena kwakunye nesazisi sakhe. Abagadi babaviwa mabawunyanzelise ngokungqongqo lo mqathango oyimfuneko wokuvunyelwa kwigumbi loviwo. Nakuba kunjalo, umviwa ongaphumeleliyo ukuveza uxwebhu oluyimfuneko (amaxwebhu ayimfuneko) okungena kwigumbi loviwo makangathintelwa ukuba abhale olo viwo luthile. Umviwa ochaphazelekayo makaveze uxwebhu olufunekayo (amaxwebhu afunekayo) ngosuku olulandelayo. Ukuba loo mviwa akaphumeleli ukuveza uxwebhu olungekhoyo olufunekayo (amaxwebhu angekhoyo afunekayo) ngosuku olulandelayo, oko makwaziswe njengesitenxo ze kulandelwe inkqubo eqhelekileyo ephathelele kwizitenxo |
6. |
Makaqinisekise umgadi wabaviwa oyintloko ukuba abaviwa bangena kwiziko lokubhalela uviwo kwimizuzu eyi-35 phambi kwexesha lokuqalisa uviwo elisemthethweni leseshoni yoviwo. Eli xesha liya kusetyenziswa ngolu hlobo lulandelayo: |
6.1 |
Imizuzu eyi-25 yokuqala mayisetyenziselwe ukuhlalisa abaviwa kwiindawo ezichanekileyo, ukukhupha amaphepha emibuzo neempedulo kunye nokufunda imigaqo yeemviwo. |
6.2 |
Kwimizuzu eyi-10 eseleyo abaviwa mabanikwe ithuba lokufunda lonke iphepha lemibuzo. |
6.3 |
Ukubhala okanye ukwenza iinowuthsi akuvumelekanga ngalo naliphi na ixesha kwithuba lemizuzu engama-35. Ukophulwa kwalo mthetho kuya kuthathwa njengesitenxo (an irregularity). |
7. |
Abameli abavela kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), u-UMalusi kunye neSebe leMfundo esiSiseko baya kuzibeka esweni iinkqubo zeemviwo kumaziko okubhalela iimviwo |
8. |
Uyacelwa ukuba wazise okubhalwe kule setyhula bonke abaviwa abanenjongo yokubhala iiMviwo zeMatriki ngoMeyi – Juni 2014. |
ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:01:17
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Safe Schools: 0800 45 46 47
|
|