1. Izithuba zootitshala ezabelwe izikolo ngo-2015
1.1 Izithuba zootitshala ezabelwe izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ngo-2015 sele ebaliwe ngokwemimiselo yokubonelelwa kwezithuba ehlaziyiweyo eyavunywa yiKomiti yeeNtloko zamaSebe eMfundo amaPhondo ngo-2007, nangokwemimiselo eyacetyiswayo yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) nekwavunyelwana ngayo ngo-2007 nemibutho yootitshala kunye nemibutho yamabhunga olawulo ezikolo.
1.2 Izithuba zootitshala ezabelwe izikolo ngo-2015 ziya kupapashwa kwi-Central Education Management Information System (CEMIS), phantsi kwelinki Administration (Establishments), nge-29 Agasti 2014.

2. Imiqathango (Imiqathango ngokubanzi)
2.1 Indlela ezimi ngayo izithuba

Ukuma kwezithuba neenkcazo ezikwiMvumelwano neMibutho yaBasebenzi 4/2003 yeBhunga lezeMfundo lezoBudlelane eMisebenzini (Education Labour Relations Council (ELRC)) kusasebenza nakulwabiwo lwezithuba zootitshala.

2.2 Ukuhlelwa kwezikolo

Izikolo zihlelwe ngokweMimiselo yokuHlelwa kweZikolo (School Grading Norms) ekwiMvumelwano neMibutho yaBasebenzi 3 ka-2006 ye-ELRC. Kucelwa ufunde kwakhona umhlathi 2.1 apha ngentla.

2.3 Ukuphelelwa lixesha kwezithuba nge-31 Disemba 2014

Ngokwemiqathango yeNdlela eHlaziyiweyo yoLwabiwo lweZithuba (Revised Post Distribution Model), izithuba zezikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa mazikhutshwe kunye nenani lezithuba zootitshala elabelwa la maziko qho ngonyaka phambi kokuphela kukaSeptemba wonyaka ongaphambili. Ngoko ke, kunyaka wezifundo ka-2014, zonke izithuba zootitshala ezakhutshwayo ukongeza kwinani lezithuba zootitshala ezazikho (additional to the fixed staff establishments) kwizikolo zikarhulumente zemfundo eneemfuno ezizodwa, ziya kuphelelwa nge-31 Disemba 2014.


3. Uzaliswa kwezithuba ezipapashiweyo
3.1 Zonke izithuba esele zipapashiwe kuLuhlu lweZithuba lwesebe zinokuzaliswa ngokusisigxina, ngokuxhomekeka ekubeni eso sithuba siyavela kwinani lezithuba zootitshala zika-2015 ezabelwe elo ziko.
3.2 Ukuba isithuba esipapashiweyo sithi singaveli kwinani lezithuba zootitshala zika-2015 ezabelwe elo ziko, eso sikolo asinalungelo lakusifumana eso sithuba yaye eso sithuba siya kuthathwa njengesithuba esipapashwe ngempazamo.
3.3 Uhlala ungatshintshanga umgqaliselo wokuba isithuba esipapashiweyo (ngokukodwa isithuba sonyuselo-sikhundleni) sinokuzaliswa kuphela xa singadali sithuba sikatitshala ongaphezu kwemfuneko (teacher in excess).
3.4 Ukuba ithi inqununu yesikolo nebhunga lolawulo lesikolo babe noluvo lokuba inkcazo yesithuba esipapashiweyo ayisazanelisi iimfuno zekharityhulam yesikolo, bangacela iSebe iWCED lisithathe eso sithuba njengesipapashwe ngempazamo. Isicelo esilolu hlobo masihambe kunye nenkcazo ebanzi ecacisayo.

4. Ootitshala abangaphezu kwemfuneko
4.1 Ootitshala esekuthiwe bangaphezu kwemfuneko, ngokususela kulwabiwo lwezithuba lwangaphambili kunye nangokungqinelana neenkqubo zangaphambili, nabasengaphezu kwemfuneko nangoku, baya kugcina loo meko yabo yokubangaphezu kwemfuneko (retain their in excess status). Imeko yaba titshala iya kusingathwa ngokulandela iimvumelwano ezikhoyo ngoku kunye nemibutho yabasebenzi zeBhunga lezeMfundo lezoBudlelane eMisebenzini (ELRC).
4.2 Aba titshala bangaphezu kwemfuneko banokufakwa ezithubeni ezitsha ezabelwe amaziko ngokuthi kumataniswe izithuba ezilingana nezo bakuzo (by way of matching and placing) baze ke baqeshwe apho kuzo.
4.3 Ootitshala abaqeshwe isigxina mabacaciswe njengabangaphezu kwemfuneko ngokweSigqibo 2 sango-2003 seBhunga lezeMfundo lezoBudlelane eMisebenzini (ELRC).
4.4 Ukuchazwa kootitshala abathathwa njengabangaphezu kwemfuneko abangenako ukumataniswa bafakwe kwizithuba zamanani abelwe izikolo (matched and placed against) zango-2015, makugqitywe ungadlulanga owe-30 Novemba 2014. ABaphathi beeKomiti zeeSekethe baya kukhupha iileta kwabo titshala bachaphazelekayo nezibazisa ukuba bathathwa njengabakwizithuba ezingaphezu kwemfuneko (they have been declared in excess) yaye iikopi zezo leta zilolu hlobo ziya kuthunyelwa kwiCandelo lokuGaya nokuKhetha aBasebenzi (Recruitment and Selection), ukuze ziqwalaselwe nguMnu Lindsay Jansen ungadlulanga owe-30 Novemba 2014.

5. Imibuzo

Kucelwa ubhekise yonke imibuzo emalunga nale setyhula kumphathi wekomiti yesekethe ochaphazelekayo.


6. Izinto ngokubanzi

Kucelwa wazise okuqulethwe yile setyhula bonke



ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2014:08:28

"Collective Agreement 4/2003"  (ubukhulu: 23 KB)